SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Koniecznie odwiedź stronę podcastu i wesprzyj twórcę: www.sabcnews.com
Gdzie słuchać?
Podcasty w aplikacji Replaio Radio Już wkrótcePodcasty trafią do aplikacji już wkrótce. Zainstaluj teraz i jako pierwszy zobacz nowe podejście do podcastów
Odcinki
Economic expectations ahead of budget speech 19.02.2025 30:00
Nanjengoko kulindeleke ukuba uMphathiswa uGodongwana emva kwemini athi thaca uhlahlo lwabiwo-mali lonyaka mali ka-2025/26, kulindeleke aze namaqhinga okucutha ityala likaRhulumente, nawenkcitho karhulumente engazokutyabula abarhafi beli, nezicwangciso zikaRhulumente zokukhulisa uqoqosho kudalwe nemisebenzi phakathi kwezinye izinto. U Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe noyingcali kw...
EC Government student historical debt relief 18.02.2025 8:06
URhulumente wephondo iMpuma Koloni ngokusebenzisana necandelo labucala, baphehlelele iphulo lokuncedisa ukuhlawulela abafundi ityala abanalo kumaziko emfundo ephakamileyo. Imali ebekelwe bucala ukucima la matyala ibalelwa kwi-70 million rands, kwaye abo bazakuxhamla kuyo ngabo bagqibe izifundo zabo nto nje abakwazi ukufumana iziqinisekiso zabo zemfundo kuba betyala amaziko ebebefunda kuwo. Masinco...
National Minimum Wage adjustment 17.02.2025 8:16
Abaqeshi jikelele kweli lizwe bayabongozwa ukuba baziqhelanise nemiqathango emayela nowona mvuzo mncinci wamkelekileyo, ukuze baqinisekisa ukuba bayayithobela. Oku kusemva kokuba urhulumente ebhengeze ukuba owona mvuzo mncinci wamkelekileyo kweli lizwe, i-minimum wage, uzakonyuswa ngo-4-point-4 percent ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo. Oko kuthetha ukuba owona mvuzo uphantsi ngoku izakuba yi-28 ra...
NEWS REVIEW - HIV prevalence in South Africa and the impact of non-funding by the US government on eradicating this disease 16.02.2025 49:29
Ilizwe loMzantsi Afrika linelona nani liphezulu kwihlabathi labantu abaphila nentsholongwane kagawulayo, nalapho kuqikelelwa ukuba bakwisibhozo sezigidi (8 million) abantu kweli lizwe abaphila nale ntsholongwane. Kutshanje, umongameli waseMelika, uDonald Trump, ubhengeze ezokuba uyasinqumamisa isicwangciso sesibonelelo sexesha elingxamisekileyo somongameli wela lizwe esenzelwe ukujongana nesifo ug...
INTERCHANGE - Promotion of literacy and storytelling in home languages 15.02.2025 5:37
Njengelinge lokuphakamisa ukukwazi ukufunda nokubalisa amabali ngeelwimi zeenkobe, iSebe lemfundo esisiseko, ngokubambisana neNational Education Collaboration Trust kwakunye ne Nal'ibali Trust, babeke le nyanga bucala ukukhuthaza ukufunda, ufundela ngaphandle, iRead Aloud Month ngolwasemzini. Oku ziinzame zokwenza ukuba abantu bakwazi ukufikelela kumabali abaliswa kusetyenziswa iilwimi zenko...
STI/Condom Week 14.02.2025 8:26
Ukusukela izolo, kubhiyozelwa iveki ejongene nezifo ezosulela ngokwabelana ngesondo, iSTI/Condom Week, nezakuqhuba de kube ngomhla wamashumi amabini ananye kule nyanga. Umbutho wezempilo kuzwelonke, iWHO, uthi lixesha lokuba kuphinde kuthetha-thethwane kufundiswe ngokubaluleka kwe condom. Ku 30 MinutesLive namhlanje u Amanda Xhala wenze udliwano ndlebe nophuma kwisebe lempilo kuzwelonke u Regina M...
TRUNEWS @6 BLIND RADIO DAY 13.02.2025 8:12
Ihlabathi namhlanje libhiyozela usuku lokunika ingqwalasela kusasazo lukanomathotholo, iWorld Radio Day. Olu suku kulo nyaka lubhiyozelwa phantsi komxholo othi: Radio and Climate Change, ngeenzame zokuqwalasela indima kanomathotholo ekufundiseni ngengxaki yokuguquguquka kobume bezulu. Abantu abaziimfama nabo baxhomekeke kakhulu ukufumana ulwazi ngokwenzeka kwiindawo zabo, nakwihlabathi jikel...
ALTERNATIVE PROPOSAL TO NHI 13.02.2025 8:12
Indibanisela yemibutho yezempilo neyaziwa njenge Universal Healthcare Access Coalition, ithe thaca isiphakamiso sayo ethi sesona sichanekileyo esizakufezekisa iinjongo zokuba wonke ubani akwazi ukufumana iinkonzo zonyango ezisemgangathweni, ngokulinganayo nangokufikelelekayo eMzantsi Afrika, endaweni yeInshorensi yezempilo kuzwelonke i-NHI. Le ndibanisela ibandakanya imibutho yezonyango, izigulana...
TRUNEWS @6 - Three suspects appear in court for Emaan Fatima Ghumman kidnapping. 12.02.2025 1:58
Abarhanelwa abathathu ababanjwe malunga nokuxhwilwa komntwana oneminyaka elithoba, eMonti , uEmaan Fatima Ghumman, bavele kwinkundla kamantyi yase Monti eMpuma Koloni. Lo mfundi webanga lesihlanu kutyholwa ukuba waxhwilwa ngamadoda amabini angaziwayo, nebeqhuba isithuthi esi grey ngombala kwiveki ephelileyo ngaphandle kwesikolo sakhe. U Fatima uphinde wabuyiswa kusapho lwakhe eBuffalo flats. Ibuth...
TEEN SUICIDE PREVENTION WEEK 12.02.2025 9:06
Isebe lezemfundo kuzwelonke liphawula iveki echasene nokuzibulala kwabantwana, ukususela ngomhla we 9 uyakutsho kwi 16 yalenyanga, phantsi komxholo othi " Your feelings matter, let's talk". Oku kwenzelwa ukuxhobisa uluntu ngamanyathelo olunokuwathabatha ukuthintela ukuzibulala kwabantwana. Kwinkqubo yethu u 30 MinutesLive namhlanje u Amanda Xhala wenze udliwano ndlebe nothethela isebe lezemfundo k...
11 02 2025 EC UNNIVERSITY 11.02.2025 2:43
Iveki yokuqala yenkqubo yokufunda ka 2025 kumaziko efundo ephakamileyo eMpuma Koloni, iUniversity of Fort Hare kunye neWalter Sisulu University, ibijongene neengxaki zenkxaso mali yabafundi. Nangona kukho ezingxaki zemali, iFort hare sele iqalile nokufundisa ngelixa eWSU kusekho imingeni enxulumene nokubhaliswa kwabafundi. ULubabalo Dada usenzele ingxelo
SOUTH AFRICAN POST OFFICE TO SHUTDOWN BY MONTH END 11.02.2025 9:31
Imanyano yabasebenzi iCommunications Workers Union ikhuphe isilumkiso sokuba aphezulu amathuba okuba ivalwe iposi yoMzantsi Afrika ingaphelanga le nyanga. Iposi yeli esezingxakini, yafakwa phantsi kwenkqubo yohlangulo lwamashishini ngo 2023. Ukuba sive banzi ngoku u Amanda Xhala ubambe udliwano ndlebe nothethela i CWU u Nathan Bowers...
10 02 2025 PKG PIT TOILETS 10.02.2025 3:15
: Ikomishoni yamalungelo oluntu ithi izindlu zangasese ezingagungxulwayo neziphuculiweyo eMpuma Koloni, zisakhala ngaphantsi kwezidingo zokhuseleko, nto leyo ibeka ubomi nesidima sabantwana besikolo emngciphekweni. Le komishoni ikhuphe ingxelo engancumisiyo ngeziseko zogutyulo kwizikolo zase Mpuma Koloni. Le ngxelo idiza ukuba inkqubo yogutyulo ebizwa i Sanitation Appropriate for Education -iSAFE-...
Government of South Africa has noted the Executive Order issued by the US President, Trump 10.02.2025 9:40
Urhulumente woMzantsi Afrika uthi iyaxhalabisa into yokuba isizathu sika mongameli waseMelika, uDonald Trump sokuphelisa inkxaso kwelilizwe, asinasihlahla okanye sisekelezelwe kwiinkcukacha ezingenabunyani, kwaye singathatheli ngqalelo nembali yelilizwe yobukoloniali nengcinezelo. u Amanda Xhala ubambe udliwano ndlebe nosoqoqosho u gqirha Mkhuseli Vimba!
NEWS REVIEW - Rethinking Higher Education 09.02.2025 46:43
Amaziko emfundo ephakamileyo kwilizwe loMzantsi Afrika ajamelene nemingeni emandla, nequka iingxaki ekwamkelweni kwabafundi, xa kuthelekiswa nezicelo zabo, ukungaqesheki kwabafundi xa begqibile ukufunda, nokujongelwa phantsi kweekholeji zoqeqesho, iiTVET, nezibonwa njengezinokuba sisisombululo kule ngxaki. Unyaka nonyaka, iidyunivesiti zeli zikhala ngokungabi nazithuba, nto leyo ekhokelela k...
INTERCHANGE MPC SCHOOLS 08.02.2025 6:32
IBhanka enguvimba yeloMzantsi Afrika, ibambisene nesebe lezemfundo esisiseko kunye neBhodi yeeMviwo eziZimeleyo (i-IEB), ibhengeze iphulo lezikolo lekomiti yemigaqo nkqubo yezezimali, iMonetary Policy Committee ngelasemzini. Eli phulo nelingena kunyaka weshumi elinesithathu kungoku nje, lijolise ekuvuseleleni uthando lwezoqoqosho nezibalo kubafundi bebanga leshumi, logama likwabonisa ngamathuba em...
07 02 2025 SONA REAX ANALYSIS 07.02.2025 6:45
Yamkelwe ngezimvo ezahlukileyo intetho kamongameli uCyril Ramaphosa engobume besizwe, ayenze ngokuhlwa kwayizolo. Le ntetho nebiyeyokuqala kulawulo lwesixhenxe noluphantsi korhulumente wobumbano lwesizwe, ihlakulelwe kukukhankanywa kwamajoni omkhosi wokhuselo woMzantsi Afrika alishumi elinesine athe awela kwilizwe laseDemocratic Republic of Congo, nalapho ebethunyelwe kumsebenzi wogcino-cwangco. P...
SONA PREVIEW 06.02.2025 11:22
Uhlumo loqoqosho nokudalwa kwemisebenzi yeminye yemiba ephambili ekulindeleke ukuba umongameli Cyril Ramaphosa athethe ngayo kwintetho yakhe engobume besizwe namhlanje. URamaphosa uzakusebenzisa eli thuba ukudakanca izinto azakugxila kuzo urhulumente, izicwangciso zonyaka nokuchaza ngezinto ezenziwe ngurhulumente kunyaka ophelileyo nakwiminyaka egqithileyo. Ngethuba kuvulwa ipalamente kunyaka ophe...
ROBOTICS-DBE launches two new labs in Motherwell, Gqeberha. 05.02.2025 2:29
Usekela-mphathiswa wemfundo esisiseko, uGqirha Regina Mhaule, ukugxininisisile ukuzibophelela kukarhulumente ekuxhobiseni abafundi kwizikolo zikarhulumente ngezakhono ezidingekayo, ezizakwenza ukuba kubelula ukungena kwizithuba zengqesho. UMhaule ebethetha kumsitho wokuphehlelelwa kwee-labhoratri ezimbini zezifundo ze-robotics kwizikolo zamabanga aphakamileyo ezimbini eziqhube kakuhle kakhul...
Eastern Cape Health Department marks Pregnancy Awareness Week 05.02.2025 9:36
Isebe lezempilo eMpuma Koloni liphawula iveki yokwazisa uluntu ngokukhulelwa kwabantwana nanjengoko liqhubeka lisanda inani labantwana abakhulelwayo kweliphondo. Yilonto ke kwinkqubo ndaba yethu sithe masikrwece ogumlawuli kwingingqi i Sarah Baartman apha kwisebe lezempilo ugqirha Bulelwa Mzileni....
TRUNEWS @6 MASHATILE 04.02.2025 2:48
Usekela-mongameli uPaul Mashatile, uqinisekise uluntu loMzantsi Afrika ngokuqulathwe kumthetho ongqamene nokoxuthwa komhlaba kubaniniwo, khon' ukuze usetyenziswe ngumbuso, iLand Expropriation Act ngolwasemzini. UMashatile ebethetha kwindibano yesigqeba solawulo kumbutho woomasipala kweli, iSALGA, eKapa kwiNtshona Koloni namhlanje. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe ngu Zara G...
SEX OFFENDERS LIST MADE PUBLIC 04.02.2025 6:55
Umphathiswa wesebe lezobulungisa nophuhliso lomgaqo siseko, uMmamoloko Kubayi, ubhengeze ukuba abemi boMzantsi Afrika bazakukwazi ukubona uluhlu lwabantu abaxhaphaza ngokwesondo nabo bempatho mbi esekelezelwe kwisini. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kumbutho olwela amalungelo wabantwana kweli u Shaheeda Omar.
DRC vs RSA 03.02.2025 44:30
Unpacking DRC conflict with Public and international affairs researcher Advocate Sipho Mantula and political analyst, Dr Mkhuseli.
03 02 2025 TRUMP ANALYSIS 03.02.2025 6:44
UMongameli waseMelika uDonald Trump, utyhola iinkokheli zo Mzantsi Afrika ngokwenza ububi obufana nokupasisa imigaqo -nkqubo yokuthathwa komhlaba ngaphandle kwembuyekezo. UTrump ugrogrise ngokuyeka ukuxhasa ngemali eli lizwe. Oku ukubhale kwikhasi lonxibelelwano etyhola uMzantsi Afrika ngokoxutha umhlaba watsho esithi elilizwe liziphethe kakubi ezinye iintlanga kweli. Emnxebeni sinaye umhlalutyi w...
HEALTH FACILITY CABLE THEFT 30.01.2025 7:48
Kuchaphazeleke amaziko amathandathu ezempilo eKariega ngenxa yokubiwa kweentambo zombane, ntoleyo echaphazele iinkonzo ezisiwa eluntwini. Ezintambo zombane zibiwe ngoLwesibini. Izigulane kuye kwafuneka zithunyelwe kwamanye amaziko ezempilo ngelithuba bekusetyenziswa ijenareyitha. Ukanti abarhanelwa ngokwenza oku bafumane umonzakalo wokutsha. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nomlawuli wezonx...
Podobne podcasty
Replaio nie jest wydawcą podcastów; nazwy audycji, okładki i audio należą do ich autorów i są rozpowszechniane przez publiczne kanały RSS