SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Koniecznie odwiedź stronę podcastu i wesprzyj twórcę: www.sabcnews.com
Gdzie słuchać?
Podcasty w aplikacji Replaio Radio Już wkrótcePodcasty trafią do aplikacji już wkrótce. Zainstaluj teraz i jako pierwszy zobacz nowe podejście do podcastów
Odcinki
YOUTH INDABA 06.03.2025 9:06
Kwilinge lokuza nesisombululo kumngeni wentswela-ngqesho echaphazela ulutsha eMzantsi Afrika, nokuqinisekia ukuba ulutsha lweli lusebenzisa izakhono netalente yalo ukuziphuhlisa, lugxothwe ikati eziko, luqale namashishini alo. Namhlanje kubanjwe i-Indaba ezakudibanisa iinkokheli zolutsha, ooSomashishini, kunye nolutsha ukushukuxa imiba eyimingeni ekudalweni kwemisebenzi. Le ndibano isindlekwe lizi...
DA visit to the USA 06.03.2025 7:19
Umbutho iDemocratic Alliance uqukumbele utyelelo lwawo lweveki eMelika eWashington DC. Bathi injongo yolutyelelo kukuzinzisa ubudlelane phakathi koMzantsi Afrika neMelika, emva kweentetha ebezikhona. Olu tyelelo lulandela olweqela iAfri-Forum, nebityelele iMelika. Isithethi sesebe lobudlelane namazwe angaphandle uChristpin Phiri, sithe umbuthe weDA ubungayanga kumela urhulumente woMzantsi Afrika....
EC Economic development through assistance to farmers 05.03.2025 7:23
Isebe lezolimo, lize nephulo elitsha lokuphakamisa uhlumo lwezoqoqosho lwephondo iMpuma Koloni, ngokuthi luncede amafama asakhasayo. Eliphulo liza emva kokuba inkulubaphathiswa yephondo u Oscar Mabuyane ityelele ilizwe i United Arab Emirates, nalapho yenza isivumelwano sokuthumela inyama esuka apha ephondweni kwelalizwe. Ikomiti emele elisebe epalamente, iye yanikwa uxanduva lokukhangela indawo ez...
G20 Anti-Corruption Working Group with SIU 05.03.2025 6:10
Abaphathiswa bamazwe ohlukileyo nabajongene nemiba yorhwaphilizo, bangungelene kwiphondo leNtshona Koloni, kwintlanganiso eyaziwa ngeG20 Anti-Corruption Working Group. Umphathiswa wesebe leenkonzo zoluntu nolawulo Inkosi Mzamo Buthelezi, ubambisene necandelo lophando elikhethekileyo kulentlanganiso. Umphathiswa uButhelezi uthi uluntu kufuneka lusebenzisane ukuze urhulumente akwazi ukulwa urh...
World Bank says SA needs to make changes in their BEE laws. 05.03.2025 10:28
Ibhanka yehlabathi ithi uMzantsi Afrika mawuphelise inkqubo ye-Black Economic Empowerment uhlaziye nemithetho elawula umakulinganwe, kubunini nolawulo lwamashishini anika abantu abantsundu ithuba likamakulinganwe kwabo bebala, neyaphenjelelwa ziinzame zokulungisa ukuvalelwa kooSomashishini abantsundu kumathuba okuba yinxalenye yohlumo nophuhliso loqoqosho, nokuba babekwisithebe sokuthatha izigqibo...
EC community workers against government austerity 04.03.2025 2:47
Iqela lamanesi aangena kwinkqubo yoqeqesho ngo 2024 eMpuma Koloni, limgxeke kabukhali urhulumente wephondo ngokumilisela amanyathelo okucutha inkcitho kwisebe lezempilo. Bathi oku kubohluthe ithuba lokuqeshwa isigxina. Lamanesi aqhube uqhankqalazo ngaphandle kwee-ofisi zenkulubaphathiswa yephondo leMpuma Koloni, enyanzelisa ukuqeshwa isigxina xa izivumelwano zawo zengqesho zeenyanga ezilishumi eli...
Bullying a schools at a rise 04.03.2025 4:52
Isebe lemfundo esisiseko kuzwelonke liveze ukuba zingapha kwamakhulu amahlanu iziganeko zokuxhatshazwa kwabafundi, ubukhulu becala ngabanye abafundi kwizikolo zeli, oko uqalile unyaka wokufunda ka-2025. IBullying kumaxesha athile ikhokhelela ekubeni abantwana bayeke isikolo, ngelixa abanye baye bazibulale. u Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe no Sifiso Ngobese ophuma kwisebe lemfundo esisiseko
Creation of a R500 million Spaza Shop Support Fund by Minister Ndabeni 04.03.2025 6:20
Umphathiswa wesebe lophuhliso lwamashishini amancinci, uStella Ndabeni, ubhengeze ingxowa mali ye-500 million rand ukuxhasa iivenkilana zasekuhlaleni. Lengxowa mali ijolise ekukhuthazeni ukhuphiswano kwintengiso, khonukuze iivenkile ezincinci nezo zithengisa ukutya, zikwazi ukukhuphisana neevenkile ezinkulu. u Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwi SA Spaza uBheki Twala ngalomba
Departments come to gather to help student after appendicitis surgery 03.03.2025 1:53
Isebe lezemfundo nophuhliso lwentlalo eMpuma Koloni, abambene ngezandla ngelokunceda umfundi oneminyaka elishumi elinesibhozo ubudala wakwilokishi iMotherwell, ongakwaziyo ukuya esikolweni emva kotyando lwethunjana elikumazantsi esisu (Appendicitis), kwisibhedlele iLivingstone eGqeberha. Lo mfundi ubephuma engena esibhedlele susela utyando lwakhe lokuqala kwinyanga yeNkanga (November) kunyaka ophe...
Over 500 cases of bullying have been reported this year 03.03.2025 8:05
Isebe lemfundo esisiseko kuzwelonke liveze ukuba zingapha kwamakhulu amahlanu iziganeko zokuxhatshazwa kwabafundi, ubukhulu becala ngabanye abafundi kwizikolo zeli, oko uqalile unyaka wokufunda ka-2025. Iphondo iLimpopo lichazwe njengelona lihamba phambili ngezi ziganeko, xa kuthelekiswa namanye amaphondo. IBullying kumaxesha athile ikhokhelela ekubeni abantwana bayeke isikolo, ngelixa abanye baye...
NEWS REVIEW - Fees Must Fall Movement, 10 years on 02.03.2025 45:07
Sele iyiminyaka elishumi sukela oko abafundi kumaziko emfundo ephakamileyo kweli loMzantsi Afrika bathi bemisa ngxi yonke into, beqhankalaza. Olu qhankqalazo luyimbali, nolubizwa iFees Must Fall protest, lwalugxile ekubeni abafundi bakwazi ukufikelela kumaziko emfundo aphakamileyo kungekho sithintelo semali. Ukuxoxa banzi ngalo mba, nangenkqubela esele yenzekile sukela ngoko, emnxebesi...
INTERCHANGE - An initiave to support local livestock farmers in the Amahlathi Local Municipality 01.03.2025 7:50
Umlimi oqeqeshwe kwiYunivesithi yaseNelson Mandela eMpuma Koloni, uzakuvula iziko lokuqala elizakuba namayeza okukhathalela imfuyo, nelidingeka ngamandla kwidolophana yakuQoboqobo. UBathandwa Ntshingwa ukwiphulo lokunceda amafama asakhasayo emfuyo kumasipala waseAmahlathi ngokuthi eze neliziko lizakugxila kunyango lwemfuyo kuQoboqobo. UNtshingwa ungene kwicandelo apho banqabileyo abantu abantsundu...
EC Govt officials extorting gueshouse for cashback 28.02.2025 7:20
Kukho izityholo zabasebenzi baseburhulumenteni ekuthiwa banyanzelisa ukuhlawulwa imali ngabanini beendawo zokulala, iGuest Houses. Kutyholwa ngokuba le mali banyazelisa ngayo yileyo ihlawulwa ngumqeshi kwaba banini be-Guest House ukuba balungiselelwe ukutya nokulala, xa bethe baphuma nomsebenzi. Kodwa bona abasebenzi baye banyanzelise ukuba eyokutya bayinikwe ngaba somashishini. Kuye kwafakwa isik...
TRUNEWS @6 SOBUKWE 27.02.2025 2:11
Nanjengoko sele iyiminyaka engamashumi amane anesixhenxe walishiyayo eli uRobert Sobukwe, iDyunivesiti iNelson Mandela ihlabe ikhwelo lokuba iinkokheli zilandele ekhondweni lakhe, kwaye zibe lilizwi lenyaniso kwabo bahlelelekileyo, noninzi lwabo ingabantu abanyama. Unjingalwazi Simphiwe Sesanti uyibalule indima enkulu eyadlalwa nguSobukwe ekunikeni iPan Africanism ithuba, nto leyo eyavumela iinkok...
SASSA fraudsters and authenticity of SRD websites 27.02.2025 3:37
Kurhaneleka ukuba kukho iqela labantu abangabasebenzi kwiArhente yezibonelelo zikarhulumente uSASSA, neliqhuba izenzo zobuqhophololo kule arhente. Ingxelo ithi, umanejala ophezulu kwi ofisi ekwilokishi yase Zwide unqunyanyisiwe, emva kwezityholo zokuba akakhange alibeke emsebenzini iminyaka emibini. Ukanti amatyala abanye abasebenzi abarhanelwa ngezenzo zobuqhophololo adluliselwe kumaziko aphanda...
TRUNEWS @6 - The implementation of funding model aimed at accommodating the "missing middle" 26.02.2025 3:56
Usihlalo wekomiti yemfundo ephakamileyo epalamente uTebogo Letsie, ukholelwa ukuba inkqubo yokuxhasa abafundi ngemali iyakuncedisa kakhulu ekuxhaseni abafundi abaziwa nge-missing middle. Aba bafundi bajamelene nomngeni omandla, nanjengoko bengakwazi ukufumana inkxaso kuNSFAS, ngenxa yemivuzo yabazali babo, kwelinye icala abazali abakwazi kuhlawula izifundo zabo zamaziko emfundo ephakamileyo. Ngeth...
Makhanda Municipality plans to bring changes 26.02.2025 11:37
Umasipala osezingxakini i Makana ulindeleke ukuba wenze iinguqu kulawulo, achaze namaphulo amatsha azakusombulula imingeni ejongene nalomasipala. Kweminye yalemingeni lunikezo lwamanzi kubahlali balomasipala nabasele beneeveki bengafumani manzi, ngenxa yokuba umasipala ebhenele ekunikezeni amanzi ngokomlinganiselo. Kwinkqubo ndaba yethu izolo sikhe sancokola nosodolophu walomasipala, sase se...
Comission for Gender Equality report on EC schoolgirls pregnancy 25.02.2025 9:31
Ikomishoni kamakulinganwe ngokwesini ikhuphe ingxelo yophando ediza ukuba izikolo ezithile zeMpuma Koloni, zinyanzelisa abafundi abangamantombazana ukuba bayeke esikolweni ngenxa yokuba bekhulelwe. Oku nakubeni umgaqo nkqubo kazwelonke wolawulo nokukhulelwa kwabafundi, uchaza ukuba akukho mthethweni ukuba banyanzeliswe ukuba bayeke isikolo abafundi abakhulelweyo. Lo mgaqo nkqubo uhambisa uthi, aba...
HAND,FOOT AND MOUTH DESEASE 24.02.2025 12:13
Zilishumi iziganeko zesifo sochwane kwizandla, iinyawo, nenyebethu, ezingqiniweyo eMonti eMpuma Koloni uzakuthi ga ngoku. U Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwisebe lezempilo ephondweni ukuvundlisa uluntu ngesi sifo, uZoleka Mbange
NEWS REVIEW - EC Premier, Oscar Mabuyane, unpacks his State of the Province Address 23.02.2025 47:28
Inkulu-baphathiswa yephondo iMpuma Koloni, u-Oscar Mabuyane, ibibambe intetho yayo engobume bephondo ngoLwesihlanu, neyiyintetho yakhe yokuqala phantsi korhulumente wolawulo lwesichenxe. Phakathi kwezinto azibaluleyo uMabuyane, kukulungiswa kweendlela zomhlaba zeli phondo zifakelwe i-tar, ngelokunceda uluntu lweli phondo. Emnxebeni, u-Ayabonga Kekana ubambe iNkulu-baphathiswa, u-Oscar Mabuya...
INTERCHANGE - International Mother Tongue Day celebrated at Nonkcampa Primary School 22.02.2025 5:57
Izolo ihlabathi belibhiyozela usuku lwamazwe ngamazwe olugxile kulwimi lwebele, i-International Mother Tongue Day ngolwasemzini. Uphando lubonisa ukuba abafundi abafunda ngeelwimi ezimbini, eziquka nolwimi lwabo lweenkobe, baqhuba kakuhle kwizifundo zabo. Ukanti ukubhiyozela olu suku, isikolo samabanga aphantsi iNonkcampa eQonce, besibambe umsitho ogxile wesiNtu, obonisa inkqubeko yesiXhosa...
SASSA ASSIST POSTBANK 20.02.2025 7:06
USASSA ukwiphulo lokuncedisa iPostbank ekutshintshweni kwamakhadi egolide abe ngamakhadi amnyama. Liye landiswa ixesha lokuwatshintsha, ukuya kumhla wamashumi amabini kwinyanga ezayo. Kukholelwa ukuba lamakhadi matsha akuzokuba lula ukuba kwenzeke ubuqhetseba kuwo. UAmanda Xhala kaTruNews@6 ubambe udliwano ndlebe nomanejala ophezulu kwaSASSA, uBandile Maqethuka.
New Brighton state mortuary continue to operate despite prohibition 20.02.2025 11:30
Isebe lezabasebenzi liyalele ukuvalwa kweziko loqhaqho-zidumbu ( forensic pathology services facility) eNew Brighton eGqeberha, ngenxa yokungacokeki kwalo. Nangona kunjalo kukho iingxelo zokuba abasebenzi kweli ziko bayaqhubeka nokunikezela ngeenkonzo kwiindawo zokugcina izidumbu eGelvandale, naseMount Road. Emnxebeni sinaye ophuma kumbutho iHospersa Provincial Labour Relations Organiser and Tekno...
TRUNEWS @6 - MK Party reacts to the postponement of the Budget Speech 19.02.2025 3:04
Umbutho ophikisayo nongowesithathu ngobukhulu kwipalamente yeloMzantsi Afrika, uMkhonto Wesizwe Party, uphefumle ngokumiswa kwentetho yohlalo lwabiwo-mali ebekufanele ukuba yenziwe namhlanje. U-Amanda Xhala ubambe emnxebeni umbhexeshi oyintloko yalo mbutho, uMzwanele Manyi...
TRUNEWS @6 - We analyse VAT increase implications on ordinary South Africans 19.02.2025 8:42
Inqunyanyiselwe umhla weshumi elinesibini kwinyanga ezayo intetho yohlahlo-lwabiwomali yomphathiswa wemicimbi yezemali, u-Enoch Godongwana. Oku kulandela ukumiswa kwale ntetho namhlanje, kulandela ukungavisisani kwimibutho engoogxa kurhulumente wobumbano, iGNU, ngomba wokwenyuswa kwerhafu yentengo iVAT, ngomyinge wesibini ekhulwini. Ukusicacisela banzi ngokuba iVAT lena yintoni na, u-A...
Podobne podcasty
Replaio nie jest wydawcą podcastów; nazwy audycji, okładki i audio należą do ich autorów i są rozpowszechniane przez publiczne kanały RSS