SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Where to listen?
Podcasts in the app Replaio Radio Coming soonPodcasts are coming to the app soon. Install now and be the first to see a whole new take on podcasts
Episodes
INTERCHANGE BOOK REVIEW 11 JULY 26 11.07.2026 7:43
Kuleveki kuphicotho ncwadi, sijonge incwadii enesihloko sithi ""Jobless, Not Useless, Surviving the Silence", ebhalwe ngu Abulele Mnqwazi. UMnqwazi yinzalelwane yase Matatiele kwiphondo leMpuma Koloni. U Ayabonge Kekana ubambe olu dliwano ndlebe
TRUNEWS @6 - AB Xuma municipality workers slammed with a court interdict following protests 08.07.2026 9:30
Abasebenzi boMasipala wommandla i-Dr AB Xuma, eMpuma Koloni, banikwe isithintelo senkundla, kunye neeleta zokunqunyaniswa kwabo emsebenzini. Oku kulandela imigushuzo abebeyibamba ngenxa yokungoneliseki yintsebenziswano phakathi kwabo nomasipala, emva kokuba befake izikhalazo ngokungaxoli yimiba ethile edibene nemali. Ngokwengxelo, kuvakala ukuba lo masipala akayihlawulanga imali ekufanele uk...
TRUNEWS@6-IEC calls on political parties to comment on draft Code of Conduct Countering Disinformation document gazetted in Parlianment 08.07.2026 6:38
INTRO: Ikomishoni yonyulo ezimeleyo imemelela yonke imibutho yezopolitiko, abagqatswa abazimeleyo kunye nabavoti ngokubanzi, ukuba banike uluvo lwabo ngomgaqo ochasene nokupapashwa okanye ukusasazwa kweenkcukacha ezingeyonyani. UMzantsi Afrika unikwa de ibe ngumhla wamashumi amabini ananye kule nyanga ukufaka olu luvo. Ikomishoni ithi abemi beli bonke kufuneka bazi ukuba ukuthintela iinkcukacha ez...
NEWS REVIEW| Discussing the state of NMB Metro with Mayor Babalwa Lobishe 08.07.2026 51:07
Umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni ngomnye woomasipala abakhulu eMzantsi Afrika ojamelene nemingeni eliqela, equka ukuhanjiswa kweenkonzo ezisemgangathweni kuluntu, urhulumento olungazinzanga, iincwadi zopicotho ungekho moulds nokungaqokeleli ngeniso yaneleyo phakathi kwezinye izinto. Abahlali balo masipala kwimimandla eyohlukileyo nje bavakalise ukungaxoli ziinkonzo abangazi...
TRUNEWS@6-The South African Union of Student hosted a three day Student Accomodation Indaba at the University Kwa-Zulu Natal 07.07.2026 7:44
Umbutho wabafundi baseMzantsi Afrika i-SAUS, ububambe indibano entsuku-ntathu ejolise kwimiba yeendawo zokuhlala zabafundi, i-Student Accommodation Indaba, kwimpelaveki egqithileyo kwiphondo iKwaZulu-Natal. Lendibano ihlanganise ndawonye bonke abathathi-nxaxheba ababalulekileyo kwicandelo leendawo zokuhlala zabafundi. Oku kuza emva kweminyaka abafundi bejamelane nemingeni eqhubekayo enxulumene nok...
TRUNEWS@6-CIBD rolls out its flagship certificate in construction management to strengthen contractor capability in the Eastern Cape 07.07.2026 5:45
I-Construction Industry Development Board, (CIDB), ibambisene neziko mfundo iUniversity of Johannesburg, isungule inkqubo yayo yokunikezela ngezatifiketi zokwakha, eMpuma Koloni. Eli phulo lijolise ekuxhobiseni oonokonkraka abasakhasayo ngezakhono zokuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo kunye nokwakha amashishini azinzileyo. Eli nyathelo liza ngexesha apho iphondo lijolise ekuqiniseni uphuhliso l...
TRUNEWS@6-ANC president Cyril Ramaphosa visits Qamata Great Place in Cofimvaba, EC 06.07.2026 5:43
Umongameli weANC, uCyril Ramaphosa, namhlanje udibene neenkokheli zemveli kunye nabahlali kwikomkhulu iQamata eCofimvaba eMpuma Koloni. Ikomkhulu laseQamata liphantsi kokumkani uDalimvula Matanzima. Inkqubo yokudibanisa amavolontiya, yeminye yemiba ebangele umongameli ukuba atyelele le ndawo. Ukusichazela banzi ngokwenzeke namhlanje,uAmana Xhala uncokole nentatheli yeli jelo uNomzwanele Mngo...
TRUNEWS@6-Reax from SAPU a year after Lt Gen Nhlanhla Mkhwanazi's allegations of an infiltration in the police force 06.07.2026 5:22
Namhlanje kuphawulwa unyaka susela ukuba uLt General Nhlanhla Mkhwanazi wathi wenza izityholo zokugquba kolwaphulo mthetho kwinkqubo yezobulungisa. Ezizityholo zakhokelela ekubeni kumiliselwe ikomishoni yophando, iMadlanga Commission, nesele ikhokhelele ekubanjweni kwabantu abakwizikhundla eziphezulu abaquka amagosa esipolisa aphezulu, nabo batyholwa ngokuba ngoongqondongqondo kulwaphulo mthetho o...
INTERCHANGE BOOK REVIEW- "DUNCAN VILLAGE" 04.07.2026 8:34
We review a book called Duncan Village, authored by Dr Mike Bisopu who Ayabonga our presenter had an interview with on the show.
TRU NEWS @6| Practical steps for parents build better digital boundaries for kids. 02.07.2026 12:53
Iminxeba yohlobo lweSmartphones ibonwa njengento eyenza ubomi lula nethembakeleyo. Kodwa okukuthembakala kungaba yingxaki nanjengoko uluntu luphela luxhomekeka kuyo. Abantwana abaqala kwiminyaka elithoba ubudala babona iminxeba ingabahlobo nalapho bencokola neChatbots. Kutsha nje kukho izehlo zabantwana ekurhanelwa ukuba baye bazibulala ngenkolelo yokulandela imiyalelo abayifumana kwimidlalo ye in...
TRU NEWS @6| Security concerns hamper the Madlanga Commission's work 02.07.2026 5:16
Iphinde yaphazamiseka inkqubo yekomishoni ka Madlanga ngenxa yenkxalabo yokhuseleko lengqina. Ubungqina balowo uzichaza njengosomashishini nempimpi yamapolisa, uTumelo Nku, buye bamiswa ngenxa yoku. Ubandakanyeka kwinkqubo yokubanjwa kweziyobisi e-Aeroton ngamapolisa eRhawutini ngo 2021. Oku kungaphinde kubeke esithatheni umba wokhuseleko lwamangqina kule komishoni. U-Amanda Xhala uncokole nentath...
TRU NEWS @6| National Workshops to guide registered political parties. 01.07.2026 10:00
Ikomishoni yonyulo ezimeleyo yoMzantsi Afrika, izakubamba ucweyo oluqulathe uqeqesho oluxhobisa imibutho yezopolitiko kuquka nabagqatswa abazakungenela unyulo loo masipala, kwinyanga yeNkanga kulo nyaka. Olu cweyo luzakubanjwa kuwo onke amaphondo ukusukela ngomhla wesithandathu ukuya kumhla weshumi elinesithandathu kule nyanga siyiqalayo. Imibutho yezopolitiko nabo bazakuzigqatsela ungenela unyulo...
TRUNEWS @6 - Eastern Cape Provincial Legislature hosted a Youth Parliament 29.06.2026 10:16
Indlu yowiso-mthetho eMpuma Koloni ibibambe ipalamente yolutsha, iYouth Parliment, kwiveki ephelileyo. Le ndibano ibidibanise ulutsha oluvela kuwo onke amacandelo ephondo, phantsi komxolo othi: "Celebrating 30 years of our Constitution: A conscientised Youth Advancing and Inclusive Economy and Ending Gender-Based Violence on the 50th Anniversary of the 1976 uprising". Ukuva banzi ngeziphumo zale n...
NEWS REVIEW| Only 8 out of 39 EC municipalities received clean audits from AG. 28.06.2026 47:51
Umphicothi zincwadi weli u Tsakani Maluleke, kwiveki edlulileyo uthe daca ingxelo yopicotho loomasipala kunyaka-mali u-2024/25. Kwezi ziphumo ngokutsho komphicothi zincwadi, kubonakala ukuphucuka okuthile nokubangelwa kukufakwa kwamaxwebhu adingekayo ngabanye oomasipala, bembalwa abangawafakanga lama xwebhu. Nangona kunjalo, basibhozo kuphela oomasipala kwabo bayi-39 eMpuma Koloni abafumane abanen...
INTERCHANGE BOOK REVIEW "Fix Local Government or Perish" 27.06.2026 7:57
Meshack Mugabe's "Fix Local Government or Perish" offers a sharp, unflinching diagnosis of why local government is failing and what must be done to restore it. Ayabonga Kekana interiews the author
INTERCHANGE/ CALCULATOR DRIVE 27.06.2026 7:04
Icandelo lezifundo zoshishino noqoqosho kwiziko-mfundo iNelson Mandela University eMpuma Koloni likwiphulo lokuqokelela ii-Scientific Calculators ukunceda abafundi bamabanga aphakamileyo nabenza izifundo zezibalo. Eli phulo liyinxalenye yokuphawula iphulo lehlabathi lokukhumbula umqela walowo wayengumongameli weli uNelson Mandela. u Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwi marketing offi...
TRUNEWS @6| Auditor General delivers overall municipal audit outcomes. 25.06.2026 13:50
Umphicothi zincwadi weli u Tsakani Maluleke, ebebambe indibano noonondaba izolo enikeza ingxelo emva kwendibano yakhe nekomiti yepalamente ejongene nentsebenziswano kulawulo lukarhulumente nemicimbi yemveli, yeziphumo zophicotho lwakhe loomasipala beli lonyakamali u 2024/25. Kweziziphumo ngokutsho komphicothi zincwadi, kubonakala ukuphucuka okuthile nokubangelwa kukufakwa kwamaxwebhu adingekayo ng...
TRUNEWS @6 - Why do pupils opt for Mathematical Literacy over pure Mathematics? 25.06.2026 8:58
Kunyaka ka-2023 ngumyinge ka-33 percent wabafundi abenza ibanga leshumi abaachophela iimviwo zephepha lezibalo, ngethuba bebalelwa ku-66% abafundi kweli abenza iMathematical Literacy. Kukho inkxalabo ngokuba abafundi xa befika kwibakala le-Further Education and Training phase okanye amabanga aphakathi kuka-Grade 10 no-Grade 12, baye bakhethe ukwenza i-Pure Mathematics kune Mathematical Literacy? Y...
TRUNEWS @6 - NMB Business Chamber tackling youth unemployment through a Digital Technician Training Programme 25.06.2026 5:30
UMzantsi Afrika ujamelene nomngeni omandla wentswelangqesho. Ngokweenkcukacha zeziko iStats SA zekota yokuqala yalo nyaka, iqondo lentswela-ngqesho kulutsha oluphakathi kweminyaka elishumi elinesihlanu ukuya kumashumi amabini anesine ubudala likumyinge we 60,9%, ngeli lixa elolutsha oluphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesine ukuya kumashumi amathathu anesine ubudala likumyinge we 40.6%. Am...
TRU NEWS @6| Home Affairs taken to court over massive birth registration backlog 25.06.2026 11:42
The UCT's Children’s Institute and a group of South African parents, represented by the Legal Resources Centre, took the Home Affairs Department to the Western Cape High Court over the massive registration backlog. This legal action is due to the severe delays in the processing of applications for birth registration, and the significant consequences this has on the constitutional rights of c...
TRUNEWS @6| NMB Metro reacts on service delivery failure concerns 24.06.2026 10:11
Umbutho woluntu kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, iCivil Society Coalition, unezikhalazo eziliqela neziyinkxalabo ngomasipala i-NMB. Phakathi kwezikhalazo zabo kuquka umgangatho ongaphucukanga wokusiwa kweenkonzo eluntwini, ukuchitheka kwelindle ezitalatweni, neendlela ezingekhosemgangathweni. U-Ayabonga Kekana uye wancokola nomanejala walo masipala uSithembiso Soyaya malunga nezikhalazo zaba...
TRUNEWS @6 - IEC's zero-rated Online Voter Registration Portal 24.06.2026 5:35
Kule mpela-veki siphuma kuyo ikomishoni yonyulo ezimeleyo i-IEC ibiqhuba inkqubo yokubhalisela uvoto loo masipala luka-2026 ngo-November. Masincokole nekomishoni ukuva ukuba iqhube njani le nkqubo ingakumbi kwiphondo iMpuma Koloni, nokuba abantu abangakhange bakwazi ukubhalisa kule mpela-veki bangakwazi na bona ukubhalisa kumaqonga obuchwepheshe ekomishoni? Emnxebeni uAyabonga Kekana wamkela useke...
TRUNEWS @6 -Ruta Sechaba Foundation as it marks its 10th year anniversary 23.06.2026 4:38
Ixesha elininzi iingxoxo ezigxile kwimfundo eMzantsi Afrika zigxila kakhulu ekubeni uluntu lufikelele kwimfundo ephakamileyo. Kodwa nangona kunjalo abanye abafundi abaphumelele emagqabini kwibanga leshumi baye badibane nemingeni kwiindawo abafunda kuzo, nalapho iziphumo ezihle kungesosixhobo sokuvuselela ukuzithemba. Abanye abafundi abase Yunivesithi bathi ubunzima abadibana nabo buquka ukuphila p...
TRUNEWS @6 - TIA signs four strategic partnerships to accelerate innovation, industrialisation and economic growth 23.06.2026 11:54
Ebutsheni bale nyanga, i-arhente yezobuchwepheshe ebizwa i-Technology Innovation Agency, iTIA ngamafuphi, nephantsi kweSebe lezenzululwazi, ubuchwepheshe nokusungulwa kweemveliso ezintsha, ityikitye izivumelwano namaziko amane, ngeenzame zokuvulwa kwamathuba kumaphulo entsebenziswano, kwiinkqubo zophuhliso lwezakhono, nokusekwa kweziseko zobuchwepheshe, phakathi kwezinye izinto. Le arhente i...
TRUNEWS @6| - Civil Society Coalition raise concerns on NMB's service delivery failures 22.06.2026 13:10
Intlanganisela yemibutho yoluntu noshishino kumasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, ikhuphe isilumkiso esingqongqo ngoko ikubiza nje ngokufadala kohanjiso lweenkonzo kulo masipala. Le ntlanganisela iphawule iziseko zeendlela ezifadalalayo, ukungakhuseleki koluntu, ukuqhawu-qhawuka kwamanzi nombane, nokusilela kukamasipala ukuhlangabezana nale mingeni, nebeke ichaphaza kwinkangeleko y...
Similar podcasts
Replaio is not a podcast publisher; show names, artwork and audio belong to their authors and are distributed through public RSS feeds.