SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Koniecznie odwiedź stronę podcastu i wesprzyj twórcę: www.sabcnews.com
Gdzie słuchać?
Podcasty w aplikacji Replaio Radio Już wkrótcePodcasty trafią do aplikacji już wkrótce. Zainstaluj teraz i jako pierwszy zobacz nowe podejście do podcastów
Odcinki
TRUNEWS @6 - The ANC has missed the Candidate Nomination System deadline. What does this mean for the party? 07.09.2026 9:58
Ikomishoni ezimeleyo yonyulo, i-IEC, iyigxininisile into yokuba ayizukuphinda ivule elinye ithuba lokuba imibutho ifake abagqatswa bayo, okanye abagqatswa abazimeleyo emva kwexesha ebelibekiwe. Ngo Mvulo, iANC ikhuphe imbalelwano echaza ukuba lo mbutho uye wajongana neengxaki zobuchwepheshe kwinkqubo yeIEC, ngethuba ufaka abanye abagqatswa bayo ngaphambi kwexesha lokuvalwa kwesisigaba, intsimbi ye...
TRUNEWS @6 - The inquest looking into the death of Black Consciousness Movement Leader, Steve Biko, continues 07.09.2026 7:24
Luyaqhuba uphando ngokusweleka kwenkokheli ye-Black Consciousness Movement, uSteve Biko, kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha. UBiko wasweleka ngonyaka ka1977, emva kokubethwa ngokungenalusini ngethuba eselugcinweni lwamapolisa. Kwafumaniseka ukuba wonzakala entloko. Ingqina ebelisemkhumbini ngowayeyikapteni yamapolisa lexesha lengcinezelo, uDaniel Petrus Siebert. U-Amanda Xhala uthethe nentatheli...
TRUNEWS @6 - Bail application of two men accused of the murder case of former two time boxing world champion, Zolani "Lastborn" Tete 07.09.2026 5:30
Isicelo sebheyile sabarhanelwa ababini ababandakanyeka ekubulaweni kowayesakuba yintshatsheli yomdlalo wamanqindi kwihlabathi, uZolani "Lastborn" Tete, sihlehliselwe uLwesithathu wale veki. UTete, wadutyulwa wabulawa ngaphandle kwekhaya lakhe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Ukuva banzi ngalo mba, u-Amanda Xhala uthethe nentatheli yeli jelo, uHlumisa Qabaka...
NEWS REVIEW| Exploring the psyche of a South African eligible voter. 06.09.2026 55:11
Nanjengoko kusele isithuba esingaphantsi kweenyanga ezimbini phambi konyulo loomasipala kweli. Enkqubeni siye sancokola neengcali zonyulo nolawulo loomasipala, uMasoxole Booi kunye noThembelani Mazibuko besincedisa ukuba siphonononge sihlalutye ulwazi umvoti woMzantsi Afrika analo ngonyulo loomasipala, sijonge ezimphembelela ukuba athathe inxaxheba kwinkqubo yokuvota, sikwabuza nokuba uzakuvota ku...
INTERCHANGE| Rotavirus awareness-know the signs of dehydration 05.09.2026 6:32
Abazali kunye nabo bagcina abantwana, bayabongozwa ukuba baqaphele iimpawu zokungabinamanzi ngokwaneleyo emzimbeni kwabantwana, njengoko intsholongwane irotavirus ibangela inkxalabo kwelilizwe. Amagosa ezempilo anike ingxelo yokonyuka ngamandla kwabo bachaphazelekayo ePitoli, kwakunye nokubhubha komnye. U-Amanda Xhala uncokole nentloko yeziko iCenter for Enteric Diseases at NICD, unjingalwazi Nico...
TRUNEWS @6 - Pitso Mosimane officially unveiled as the Bafana Bafana head coach 04.09.2026 8:03
Kule veki siyiqukumbelayo umbutho olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, iSAFA, ibhengeze ngokusesikweni uPitso Mosemane njengomqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, iBafana Bafana. UMosemane ungena kwizihlangu zikaHugo Broos obengumqeqeshi weli qela iminyaka emihlanu, de walisa kwitumente yebhola ekhatywayo yehlabathi ibisingathwe eMelika kulo nyaka. Uxanduva lokuqala uMosimane ajamenele...
TRUNEWS @6| At least two thousand candidates miss IEC deadline for local elections 03.09.2026 4:49
Yimibutho engamashumi amane anesihlanu engakwazanga ukufaka abagqatswa bayo kwinkqubo yekomishoni yonyulo ezimeleyo. Oku kuthetha ukuba bangaphezulu kwamawaka amabini abagqatswa abangazokukwazi ukuthatha inxaxheba kunyulo lomasipala oluzayo. Eminye imibutho ithi yaye yafumana ubunzima ngosuku lokufaka iinkcukacha zabagqatswa, isithi ingxaki yayikwicala le-IEC. Yimibutho eyi-547 ezakungenela...
TRUNEWS @6 - The ANC urges the IEC to urgently investigate technical failures on the Online Candidate Nomination System 03.09.2026 3:40
I-ANC ihlabe ikhwelo kwikomishoni yezonyulo ezimeleyo, i-IEC ngamafuphi, ukuba iphande ngokukhawuleza ngamagingxingxingi obuchwepheshe bonxibelelwano ethi athintele lo mbutho ekubeni ufake abagqatswa bawo kwinkqubo yokuchongwa kwabagqatswa, ebizwa i-Online Candidate Nomination System ngolwasemzini. Oku kuza emva kokuba lo mbutho uhlangabezene namagingxi-gingxi ekufakeni uluhlu lwabagqatswa bawo ab...
TRUNEWS @6 - Eastern Cape builds on Tri-Province Tourism partnership with the Free State and Northern Cape provinces to grow the sector 02.09.2026 10:40
Iphondo iMpuma Koloni lizibophelele ekomelezeni intsebenziswano kwezokhenketho namaphondo iFreystata, kwakunye noMntla Koloni. Le ntsebenziswano ijoliswe ekuphakamiseni amaxabiso okukhenketha aquka yonke into, izicwangciso zokhenketho oludibanisa iindawo ezahlukileyo, nentsebenziswano eyomeleleyo phakathi kwabo basebenza ngezokhenketho. Oku kuhambelana nomxholo walo nyaka wenyanga yokhenketho othi...
TRUNEWS @6| COSATU concerned by delays on recruiting 10 thousand labour inspectors 02.09.2026 8:26
Umfela-ndawonye weemanyano zabasebenzi iCOSATU, uthi uxhalabile kukungaqeshwa kwabahloli abaqinisekisa ukuthotyelwa kwemigaqo-nkqubo yezengqesho. Ngethuba umongameli uCyril Ramaphosa wayesenza intetho yakhe ebutsheni balonyaka, wabhengeza ukuba kuzakuqeshwa abahloli abangamawaka alishumi. Ziinyanga ezisixhenxe oku kungekenzeki. Ngethuba umphathiswa wezengqesho nemisebenzi uNomakhosazana Meth ephen...
TRUNEWS @6 - The Impeachment committee has rescinded its decision of appointing Adv Thandazani Madonsela as evidence leader 01.09.2026 4:51
Ikomiti yasePalamente ejongene nenkqubo yokususwa kukamongameli esikhundleni igqibe kwelokuba isiqwalasele ngokutsha isiphakamiso sayo ngokuchongwa kuka-Advocate Thandazani Madonsela, nje ngoza kukhokela ubungqina. Oku kusemva kweleta esuka kumongameli Cyril Ramaphosa ekhaba ukuchongwa kuka Madonsela. Kwileta ebithunyelwe kule komiti kwiveki ephelileyo, uRamaphosa uphakamise imiba emibini angaxola...
TRUNEWS @6 - A new study shows how the cost-of-living crisis is increasingly forcing consumers to access dangerous, illegal lenders 01.09.2026 9:45
Uphando lwakutsha nje lubonisa ukuba lenyukile inani labantu ababoleka imali koomatshonisa abangabhaliswanga. Nanjengoko uqoqosho loMzantsi Afrika lungomelelanga kwakunye namathuba engqesho engaphucuki, uluntu luye lubhenele koomatshonisa ukuze lukwazi ukuphila. U-Amanda Xhala uthethe nophuma kwi-National Credit Regulator, u-Akhona Mata, nosicacisele ngeendlela ezisemthethweni zokuboleka imali...
TRUNEWS @6 - The Constitutional Court has dismissed the application for review by former Presidents Jacob Zuma and Thabo Mbeki 31.08.2026 8:55
Inkundla yomgaqo-siseko isikhabile isicelo sabo babesakuba ngoomongameli, uJacob Zuma kwakunye noThabo Mbeki, sokuba ujaji Sisi Khampepe azikhwebule nje ngosihlalo kuphando lwamatyala ekomishoni yenyaniso noxolelewaniso, i-TRC ngamafuphi. Kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini, esi sibini sasibanga ngelithi indima ka Khampepe yangaphambili, kuquka ukusebenza kwakhe nje ngomkomishinala we-TRC, kunye...
TRUNEWS @6 - Last day of registering Customary Marriages at Home Affairs 31.08.2026 5:51
Ibilusuku lokugqibela namhlanje lokuba abo batshate umtshato wesiNtu bayo kubhalisa kwiSebe lemicimbi yekhaya. Oku kubhaliswa kwale mitshato kwaqala ngomhla wokuqala kweyoMsintsi ngo 2024. Imitshato yesiNtu yaye yanikwa ingqwalasela ngonyaka ka1998. Emnxebeni sinaye othethela iSebe lezemicimbi yezekhaya, uNdileka Cola...
NEWS REVIEW| SA government encourages early-retirement to reduce the public sector's wage bill 30.08.2026 55:22
Urhulumente woMzantsi Afrika uyaqhuba nokumilisela inkqubo yokukhuthaza ukuba abasebenzi baseburhulumenteni abasondele kwiminyaka yokuthatha umhlala-phantsi ukuba bawuthathe lingekafiki ixesha labo, i-early retirement. Eli lilinge lokucutha inkcitho karhulumente kwimivuzo nexabisa umyinge ka-32-point-one percent ekhulwini. Nangona kunjalo, kukho inkxalabo yokuba oku kuzakubanefuthe elibi kwicandel...
TRUNEWS "6- UK vows support for Ukraine despite threats from Russia 27.08.2026 6:04
Kule veki inkulumbuso yase-United Kingdom u-Andy Burnham, ibenotyelelo kwilizwe i-Ukraine. Olu lutyelelo lwakhe lokuqala lwamazwe aphesheya kolwandle, kwaye olu tyelelo lubonwa lubaluleke kakhulu ekuqiniseni ubudlelane obuphakathi kwalamazwe mabini. Ibe kolu tyelelo apho uBurnham ethe i-UK izakuxhasa i-Ukraine ngezixhobo zokulwa kwimfazwe eqhubayo phakathi kwayo nelizwe iRussia. Yinto ke le iRussi...
TRUNEWS @6| Meta to settle R287 billion settlement over alleged harm to children on Facebook & Instagram 27.08.2026 14:09
Inkampani uMeta elawula amakhasi onxibelelwano, uFacebook kunye no-Instagram ithiwe nka umdliwo wemali ebalelwa kwi-R287 billion yinkundla yaseMelika ngenxa yokuba la makhasi engakwazi ukhusela abantwana kula maqonga, kwaye ibenga ubomi babantwana emngciphekweni xa bewasebenzisa. Le nkampani nayo iye yavuma ukuba imiqathango eyibekileyo kula makhasi ayibakhuseli abantwana, kwaye neenkcukacha zabo...
TRUNEWS @6| Investment on electric vehicles advances SA's green industrialisation agenda. 26.08.2026 13:10
Lenyuke ngokuphinda-phindeneyo inani lokuthengiswa kwezithuthi ezihamba ngokusebenzisa umbane eMzantsi Afrika, kwikota yokuqala yalo nyaka. Nanjengoko abaqhubi ngoku beqalisa ukubhenela kwezi zithuthi ngenxa yokuxhoma kwamaxabiso amafutha ezithuthi, kodwa esona sizathu siphambili ikukunakekela okusingqongqileyo. Oku kukhuthazwa nazingqungquthela ezithi zisingathwe ukuqinisekisa uphuhliso kuveliso...
TRUNEWS @6| When do you invoke your right against self-incrimination? 26.08.2026 6:54
Ngokomgaqo-siseko weloMzantsi Afrika, abatyholwa banelungelo lokuba bangathethi okanye benze into enokubarhintyela kumatyala olwaphulomthetho. Oku sikubone kumangqina aliqela ebevele phambi kwekomishoni yophando kaMadlanga, nalapho aye asebenzisa eli lungelo. Ingaba oku kuzibeka phi iinkqubo zetyala? Emnxebeni sinayo ingcalo yezomthetho, uPheleka Mahlathi...
TRUNEWS @6 - Mobile device repair programme for SA youth 25.08.2026 8:16
Intswela-ngqesho isengomnye wemingeni emikhulu eMzantsi Afrika, ingakumbi kubantu abatsha abasokolayo ukufumana amathuba emisebenzi. Inkqubo yokulungiswa kweefowuni eziphathwayo (mobile device repair programme) ijolise ekutshintsheni le meko, ngokudala amathuba okuzisebenzela. Kumsitho wokunikezelwa kwee-khonteyina obubanjwe izolo eSebokeng, eVaal, kunikezelwe ngezixhobo zokulungisa ifowuni kubant...
TRUNEWS @6 - Money Smart Week South Africa (MSWSA) 2026 25.08.2026 9:37
I-ofisi kanondyebo wesizwe, ngokubambisana negunyabathu elijongene nendlela aziphatha ngayo amacandelo emali, iFSCA, kwakunye nekomiti ejongene nokufundiswa kwabathengi ngendlela yokuphatha imali, iNCFEC ngamafuphi, baphehlelele iveki egxile ekusebenziseni ngendlela imali, iMoney Smart Week South Africa ngolwasemzini. Eli phulo, nelibanjwe phantsi komxholo othi: "Money Smart: The Power of Po...
TRUNEWS @6 - A symposium on post-school education, entrepreneurship and alternative pathways into the labour market 25.08.2026 7:16
Njengoko usengumngeni umba wentswela-ngqesho eMpuma Koloni, nakweli lizwe jikelele, ibhunga elijongene noqoqosho, iEastern Cape Socio-Economic Consultative Council, i-ECSECC ngamafuphi, lisindleke indibano emalunga nezemfundo kwimfundo ephakamileyo, ezoshishino kwakunye nezinye iindlela zokufikelela kwezengqesho. Le ndibano yenzelwe ukukhawulelana nemingeni ejamelene noosomashishini abasebatsha kw...
TRUNEWS @6 - State of SA municipalities ahead of the 2026 Local Government Elections 24.08.2026 11:37
Nanjengoko uMzantsi Afrika ulindele ukubamba unyulo loorhulumente basekhaya lwalo nyaka, umongameli we-ANC, uCyril Ramaphosa, unike abo banqwenela ukuba ngooceba noosodolophu bala mbutho banikwa iintsuku ezilikhulu ukuba balungise inkangeleko yoomasipala neewadi zabo xa sele bephumelele kunyulo. Ingaba oomasipala nee-wadi zeli bakwimo enjani? Ingaba olu nyulo luzayo lwakuyiguqula njani indlela aba...
TRUNEWS @6 - An International Call for Freedom of Religion and Fair Trial 24.08.2026 10:22
Umbutho iSouthern African Leaders Coalition for Faith, Freedom and Justice, umemelela ingqwalasela yamazwe ngamazwe kumba wenkululeko kwezenkolo, isidima soluntu, kwakunye nelungelo lokuba msulwa de inkundla ikufumanise unetyala, phakathi kwezinye izinto. Oku kuza njengoko bekuphawulwa usuku olukhumbula amaxhoba ezenzo zodushe ngenxa yenkolo, ngempela veki. Olusuku lwasungulwa ngumbutho wezizwe ez...
NEWS REVIEW| National Government asked to intervene in EC unemployment crisis. 23.08.2026 53:04
Iphondo iMpuma Koloni lelinye lamaphondo eMzantsi Afrika elineqondo eliphezulu lentswela-ngqesho. Sithetha nje limi ku-47.5% iqondo lentswela-ngqesho kwikota yesibini yalo nyakamali. Oku kubangele ukuba iNkulu-baphathiswa yephondo, uOscar Mabuyane imemelele ungenelelo lukarhulumente kazwelonke. UAyabonga Kekana uye wancokola nomhlalutyi wezoqoqosho ophuma e-University of Fort Hare, uSinalo Ngcotsh...
Podobne podcasty
Replaio nie jest wydawcą podcastów; nazwy audycji, okładki i audio należą do ich autorów i są rozpowszechniane przez publiczne kanały RSS