SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Where to listen?
Podcasts in the app Replaio Radio Coming soonPodcasts are coming to the app soon. Install now and be the first to see a whole new take on podcasts
Episodes
30 MINUTES LIVE - EC loses more jobs 18.02.2026 10:18
Ngokweenkcukacha-manani ezikhutshwe liziko leenkcukacha-manani, iStats SA, iphondo iMpuma Koloni lelona phondo linelona qondo lixhomileyo le ntswela-ngqesho kweli, nelikumyinge ka 42.5%. Oku kudandalaziswe kwiinkcukacha-manani zekota yesine ka-2025 ezigxile kwezengqesho. Ngokwala manani, awona macandelo achaphazeleke kakhulu ngawezolimo, icandelo lezemali neleenkonzo zoluntu. Ukuxoxa banzi ngalo m...
TRUNEWS @6 - COGTA Deputy Minister, Dickson Masemola, says the Coalition Bill must be finalized as soon as possible 17.02.2026 2:46
Usekela-mphathiswa weSebe lolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli, uDickson Masemola, uthi umthetho oyilwayo ongqamene noorhulumente benkazathi, iCoalition Bill ngolwasemzini, kufuneka uqukunjelwe ngokukhawuleza. UMasemola ugxininise ukubaluleka kokupasiswa kwalo mthetho uyilwayo kunyaka wokubanjwa konyulo, ukuze ube semthethweni khon' ukuze ube ngumkhombandlela koomasipala abalawulwa ngenkaz...
TRUNEWS @6 - The national Department of Health says the rollout of Lenacapavir, a six month HIV prevention injection, will happen in six provinces anytime between April and June this year 17.02.2026 2:19
ISebe lezempilo kuzwelonke lithi ukukhutshwa kwesigonyo seenyanga ezintandathu, iLenacapavir, nesithintela intsholongwane ka gawulayo, kuzakwenziwa kumaphondo amathandathu phakathi kwenyanga kaTshazimpuzi ukuya kweyeSilimela kulo nyaka. Lamaphondo aquka uMntla Ntshona, iKwaZulu Natal, iGauteng, iMpumalanga, iMpuma Koloni kwakunye neNtshona Koloni. Kwintetho yakhe engobume besizwe, umongameli uCyri...
TRUNEWS @6 - Former TRC Commissioner, Yasmin Sooka's testimony to the TRC inquiry 17.02.2026 4:04
Inkqubo yophando ngamatyala ekomishoni yenyaniso noxolelwaniso, iTRC, kumele iqwalasele owayesakuba yintloko yegunyabantu lezotshutshiso iNPA, uShamila Batohi, ngokusilela ukuthatha uxanduva lokutshutshisa kumatyala amayela nale komishoni. Oku kuvakaliswe ngowayesakuba ngumkomishinala walekomishoni uYasmin Sooka, kubungqina bakhe kwinkqubo yophando eqwalasela iinzame zokulibazisa uphando nokutshut...
30 MINUTES LIVE - Parents are to protest outside Noncampa Primary School today 16.02.2026 8:13
Abazali besikolo samabanga aphantsi iNonkcampa eQonce, kulindeleke ukuba babambe uqhankqalazo namhlanje, bekhalaza ngokungaselwaso kwezikhalazo zabo liSebe lezemfundo kwiMpuma Koloni. Aba bazali bathi sele isisithuba esingangonyaka enye yeetitshala zesi sikolo ingasayi esikolweni, nto leyo ebeka imfundo yabantwana babo emngciphekweni. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usihla...
30 MINUTES LIVE - The case against three people accused of murdering an e-hailing driver in Pretoria has been postponed to next Monday for further investigations in the Pretoria Magistrate's Court. 16.02.2026 4:32
Bayalile ibheyile abatyholwa abathathu, abayanyaniswa nokubulawa komqhubi we e-hailing, kwinkundla kamantyi yasePitoli. Iingxelo zamapolisa ezingekagqibeleli zibonisa ukuba umtyholwa ubulewe yindoda nowasetyhini nabebebize esi sithuthi ngoLwesithathu weveki ephelileyo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga ubambe intatheli yeli jelo, uNonhlanhla Ntshingila...
30 MINUTES LIVE - The Da in the Nelson Mandela Bay metro is calling for an urgent intervention to address escalating gang violence in the Northern Areas 16.02.2026 4:14
Umbutho iDemocractic Alliance ubambe umgcelele namhlanje kuMasipala ombaxa iNelson Mandela bay, ngeenjongo zokumemelela ungenelelo ekulweni ubudlobongela nolwaphulo mthetho, eGqeberha eMpuma Koloni. Lo mgcelele ubanjwe ngaphandle kwesikhululo samapolisa sase Gelvendale. Abahlali kunye neenkokheli zoluntu kulindeleke ukuba babeyinxalenye yale ndibano. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Keka...
COSATU SONA EXPECTATIONS 12.02.2026 10:02
Ngokuhlwa nje kulindeleke umongameli wo-Mzantsi Afrika uCyril Ramaphosa enze intetho engobume belizwe, iState Of the Nation Address ePalamente eKapa. Phakathi kwezinto ekulindeleke azichaphazele kukuvezwa kwamathuba emisebenzi. Iqondo lentswela-ngqesho kweli limi kumyinge ka-31-point nine percent ekhulwini kwikota yesithathu kunyaka ka-2025. U Ayabonga Kekana ku 30 Munites Live ubambe udliwano ndl...
30 MINUTES LIVE - Pupils from a Ntabankulu school boycotted classes for the whole of last week in a desperate bid to get scholar transport 11.02.2026 6:55
Abafundi besikolo iNdile Senior Primary kuNtabankulu eMpuma Koloni, bayekile ukuya eskolweni kule veki iphelileyo bekhalazela ukungabikho kwezithuthi zabafundi. Abazali bathi abantwana abakwiminyaka emihlanu ubudala bahamba iiyure ezimbini ngeenyawo, umgama okwiikhilomitha ezisixhenxe besiya esikolweni. Ukusabela ngoku, emnxebeni IuAyabonga Kekana ubambe othethela iSebe lezothutho kweli phondo, u-...
SAECDTU addresses injustices faced by grade R teachers 10.02.2026 11:34
Imanyano yabasebenzi kwicandelo lemfundo i South African Childhood Development Teachers United, iye kwinkundla ephakamileyo yase Pitoli inyanzelisa ukuba kuqwalaselwe ukungalingani kwindlela yempatho kweetishala zika grade R kweli, nezinye zamanye amabanga. Lemanyano ibanga ngelithi iitishala zika grade R apha eMzantsi Afrika azifumani malungelo afanayo nalawo wezinye, zifumana imivuzo engaphantsi...
NEWS REVIEW - Artisanal Mining in South Africa and its impact on the human rights of surrounding communities 08.02.2026 47:42
Ukombiwa kwemigodi ngumntu okanye liqela labantu eMzantsi Afrika, nababizwa amaxesha amaninzi ngokuba ziiZama Zama, akukho mthethweni, kuba kwenziwa ngabantu abangenazo iilayisenisi zokwenza lo msebenzi. Ukugrunjwa kwemigodi ngaba bantu kusoloko kusayanyaniswa nolwaphulomthetho, kuquka impilo yaba bombi-mgodi nokhuseleko lwabo, ifuthe loku kolusingqongileyo, ukusetyenziswa kwabantwana abaselula no...
TRUNEWS @6 - Shoprite Group extends 2026 bursary intake as applications open 05.02.2026 6:24
Inkampani yakwaShoprite ivule ithuba lokuxhasa ngemali abafundi abazakwenza izifundo ezifana ne Retail Business Management, iAccounting phakathi kwezinye. Le bursary ihlawulela nezinye izidingo zabafundi kuquka indawo yokuhlala nokutya. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe okhokheleyo kwicandelo iEarly Careers and Talent Development kwaShoprite, uLungile Koti...
30 Minutes live | DA MP Kohler Barnard to testify before the Ad Hoc Committee today 05.02.2026 10:04
Ilungu lepalamente le DA u Diane Kohler Barnard, lilindeleke ukuba livele phambi kwekomiti yepalamente ephanda ungenelelo lwepolitiki namaqela oonqevu kwinkonzo yesipolisa. Oku kulandela izityholo ezenziwe ngumkomishinala wamapolisa ase KZN u General Nhlanhla Mkhwanazi, zokuba wadiza iinkcukacha ezifihlakeleyo zobuntlola. U Kohler Barnard uziphikile ezizityholo. Ukuvela kwakhe phambi kwalekomiti k...
30 MINUTES LIVE - Adv Andy Mothibi's appointment as new NDPP challenged 02.02.2026 7:56
Inkampani yamagqwetha i-B Xulu & Partners Incorporated, ibhenele kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini ngelifuna ukuba le nkundla ibekele bucala isigqibo sikaMongameni Cyril Ramaphosa, sokuchonga u-Advocate Andy Mothibi njengentloko entsha yegunya-bantu lezotshutshiso, iNPA. UMothibi nobekhokela icandelo elikhethekileyo lophando iSIU, uchongwe ngumongameli kunyaka ophelileyo ukuba akhokele i-N...
Dept of employment and labour intends to classify artists as standard employees 29.01.2026 7:22
Isebe lezemisebenzi nengqesho likhuphe isimemelelo sokuba abantu bavakalise uluvo lwabo ngakwiinjongo zelisebe zokuba abasebenza kwicandelo lobugcisa bachazwe njengabasebenzi, endaweni yokuba babengabasebenzi abazimeleyo, i-Independent contractors ngolwasemzini. Ngokwezizicwangciso, amagcisa azakuxhamla nawo kwamanye amaqithi-qithi aye afunyanwe ngabanye abasebenzi kwamanye amacandelo. Ukuva banzi...
30 MINUTESLIVE| Amathole District Municipality faces drought 29.01.2026 8:22
Umasipala wesithili i-Amathole eMpuma Koloni, ujamelene nomngeni wokunqongophala kwamanzi. Yilonto lo masipala ukhuphe isilumkiso kuluntu ukuba lusebenzise amanzi ngononophelo. Lo masipala obonenelela ngeenkonzo zamanzi nogutyulo koomasipala iGreat Kei, i-Amahlathi, iMbashe, iMnquma, iRaymond Mhlaba kunye-Ngqushwa, uthi oomasipala abane kwabathandathu banomngeni wokungabinamanzi oneleyo, nanjengok...
30MinutesLive-Deregistration of three private higher institutions 28.01.2026 3:13
Acinyiwe kuluhlu lwamaziko emfundo ephakamileyo abucala, amaziko afana ne-City Varsity kwakunye ne-ICESA City Campus. Oku kusemva kokuba umphathiswa wesebe lemfundo ephakamileyo uButi Manamela wabhalela iDamelin, City Varsity kwakunye neICESA, efuna ingcaciso yokuba kutheni engenakuvalwa. Kuyavakala ukuba asilele ukufaka iinkcukacha ezifana nengxelo yesimo semali, iimpepha zerhafu, phakathi kwezin...
30MinutesLive-KZN Hawks Head, Major-General Lesetja Senona continues with his testimony at the Madlanga Commission 28.01.2026 9:58
Intloko ye-Hawks KwaZulu-Natal uMajor-General Lesetja Senona, iyaqhuba nokunikeza ubungqina kwikomishoni kaMadlanga nephanda izityholo zorhwaphilizo, ungenelelo loomkhambathi woonqevu kunye nefuthe lezopolitiko kwinkqubo yokulwa ulwaphulo-mthetho nobulungisa kweli. Kubungqina bakhe izolo, uSenona unike ingcaciso ngobudlelane bakhe noVusumzi "Cat" Matlala, nangentlanganiso eyayiphakathi kukaMatlala...
NEWS REVIEW| The unconstitutionality of Section 10(2) of the Recognition of Customary Marriages Act 120 of 1998 explained... 28.01.2026 37:47
The Constitutional Court declined to confirm an order of constitutional invalidity made by the High Court which declared Section 10(2) of the Recognition of Customary Marriages Act of 120 of 1998 unconstitutional. Ayabonga explored this section with legal experts, Advocate Asanda Bleki and Attorney Associate Vuyo Sobantu...
30MinutesLive-Portfolio Committee on Mineral and Petroleum Resources conducts oversight visits focusing on the impact of illegal sand mining within the Nelson Mandela Bay Metropolitan Municipality 27.01.2026 9:37
Ikomiti ejongene nezimbiwa epalamente ibambe utyelelo lokuhlola ifuthe lokombiwa ngokungekho mthethweni kwesanti, kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay. Oku kulandela izindululo ezaamkelwa yile komiti ngeyeNkanga kunyaka ophelileyo, nalapho yaphawula ukwanda kweziganeko zokombiwa ngokungekho mthethweni kwesanti kumaphondo iMpuma Koloni neKwaZulu-Natal. Ukuxoxa banzi ngalo mba, uAyabonga Kekana unc...
30 MINUTES LIVE - Madlanga commission back in action today 26.01.2026 8:31
Kukho ingqina elitsha namhlanje kwikomishoni kaMadlanga emva kokuba ibithathe ikhefu kwinyanga ephelileyo. Ingqina lokugqibela kulekomishoni kunyaka ephelileyo, yayingumphathiswa wamapolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu. Ngomhla wamashumi asixhenxe kwinyanga yoMnga, le komishoni yakhupha ingxelo yethutyana nanjengoko isigaba sokuqala sele sigqityiwe. Le komishoni yamiselwa ngumongameli uCyril Ram...
30MinutesLive-Three teachers have died after a shooting incident in Ntabankulu Primary School in the EC 23.01.2026 5:51
Isebe lezemfundo eMpuma Koloni lingqinile ukuba ititshala yesithathu yesikolo samabanga aphantsi iNtabankulu, iswelekile. Oku kulandela isehlo sokudutyulwa kweetitshala ezimbini ngaphakathi kumasango esi sikolo izolo, waze umenzi wesisehlo wajongisa umpu kuye wazibulala. Kutyholwa ukuba umenzi woku, ebengusekela nqununu onqunyanyisiweyo. UAyabonga Kekana uncokole nentatheli yeSABC uFundiswa Mhleku...
30 Minutes Live| Section 10(2) of Customary Marriages Act explained 21.01.2026 9:48
The Constitutional Court declined to confirm an order of constitutional invalidity made by the High Court which declared section 10(2) of the Recognition of Customary Marriages Act 120 of 1998 unconstitutional. Ayabonga Kekana speaks with legal expert Vuyo Sobantu.
30MinutesLive-Home Affairs Department is conducting public hearings for the Draft Revised White Paper on Citizenship, Immigration and Refugee Protection 21.01.2026 10:29
Isebe lemicimbi yezekhaya libambe indibano yokufumana uluvo loluntu ekuqulunqweni kwephepha elihlahlela ukumiliselwa komgaqo-nkqubo olawula ukubhaliswa kobumi belizwe, ulawulo lwemithetho yabemi bamazwe angaphandle abakweli eMzantsi Afrika; kunye nokhuseleko lweembacu ezikweli, iDraft Revised White Paper on Citizenship, Immigration and Refugee Protection ngolwasemzini . . Eminye yemiba eli phepha...
30 MINUTES LIVE - Former IPID Head, Robert McBride expected to appear before the Ad Hoc Committee 20.01.2026 4:38
Uvela phambi kwekomiti yethutyana yasepalamente ephanda ngongenelelo lolwaphulomthetho, urhwaphilizo, nopolitiko kwinkonzo yezobulungisa, owayesakuba yintloko yonozikhalazo ngakumapolisa, i-IPID ngamafuphi, uRobert McBride. U-McBride ujamelene nezityholo eziliqela zokungaziphathi ngendlela, kwa nokusebenzisana nabantu abaquka umphandi wabucala, uPaul O'Sullivan, ukuba bangcolise igama lamago...
Similar podcasts
Replaio is not a podcast publisher; show names, artwork and audio belong to their authors and are distributed through public RSS feeds.