SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Where to listen?
Podcasts in the app Replaio Radio Coming soonPodcasts are coming to the app soon. Install now and be the first to see a whole new take on podcasts
Episodes
TRUNEWS @6 - Eastern Cape Transport MEC visits family members of the five deceased. 11.03.2026 1:46
Amalungu osapho lwabantu abahlanu abaphulukene nobomi kwingozi emasikizi eyehle kuhola wendlela uN6 phakathi kweCumakala nedolophu yaKuGompo, kwiphondo iMpuma Koloni ngeCawa, athi kusenzima ukuzamkela ezi ndaba zibuhlungu kangaka. Abanye abantu abangamashumi amathandathu bonzakele ngokumasikizi, emva kukuba ibhasi nesithuthi esincinci zingquzulene kwasweleka bonke abantu abebekwe sisithuthi. Usaph...
TRUNEWS @6 - Mosiuoa Lekota remembered as a brilliant organiser by his comrades and friends 11.03.2026 3:28
Izihlobo namaqabane alowo ungasekhoyo obengumseki wombutho i Congress of the People, u Mosiua Terror Lekota, zimkhumbule njengomququzeleli ophum'izandla ngethuba kubanjwe inkonzo yakhe yesikhumbulo kwibandla lamakatolika, i Regina Mundii, eSoweto namhlanje. uNtebo Mokobo ebelapho wasenzela lengxelo iza no Thandokazi Vusani
ECHRC subpoenaed the Provincial Health Department to address widespread challenges across several healthcare facilities 11.03.2026 4:20
Ikomishoni yamalungelo oluntu eMpuma Koloni, izolo ikhwebe isebe lezempilo ephondweni kwintlanganiso ebifuna ingcaciso kuyo ngokufeda kwesebe kwiinkqubo zalo zokubonelela ngeenkonzo zempilo, kuluntu lwephondo. Oku kulandela ukufakwa kwezikhalazo luluntu lwephondo ngemingeni olujamelana nayo xa lundwendwele amaziko esebe abonelela ngeenkonzo zempilo. Masincokole nosihlalo wale komishoni ephondweni,...
Courts to be asked to intervene to save a teen's life 11.03.2026 8:02
Isibhedlele saseRhawutini iCharlotte Maxeke Academic, kunganyanzeleka sibhenele kwiinkundla zamatyala ngelokungenelela ekusindiswe ubomi benkwenkwana eneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala, edinga ukutyandwa kodwa abazali bomntwana bayala ukuba athiwe igazi ngenxa yenkolo yabo. Le nkwenkwana yaseMpumalanga elwa nesifo sezintso nesibindi, icocwa igazi (dialysis) kwisibhedlele i-Charlotte Ma...
News Review | Violence and bullying in schools in the Eastern Cape) 10.03.2026 50:01
Ubundlobongela kunye nokuxhatshazwa kwabafundi ezikolweni eMpuma Koloni kuphinde kwangu ndaba mlonyeni. Oku kulandela iziganeko zakutshanje ezixhalabisayo, nezibandakanya abafundi kwezinye zezikolo kweli phondo. KuGompo kuye sibone kumakhasi onxibelelwano ushicilelo lwe video ebonisa umfundi ebethwa ngabanye abafundi, nto leyo ethe yabangela umsindo kuluntu kunye nemibuzo malunga nokhuseleko...
30 Minutes Live | Study calls for the formalisation of the taxi industry 09.03.2026 11:34
Uphando ngoshishino lweeteksi zaseMzantsi Afrika ( Minibus taxi industry) olwenziwe yi-university yase Fort Hare, eMpuma Koloni, lugxile kwindima yeli candelo. Olu phando lukhankanye ukuba eli shishini leeteksi lidlala indima ebalulekileyo kwinkqubo yezothutho kweli, neli bonelela malunga ne70% yabakhweli. Lukwa hlab'ikhwelo lokuba elishishini libhaliswe. Emnxebeni sinaye umphandi oyintloko...
30 MINUTES LIVE | Department of Employment and Labour has urged construction companies to prioritise hiring South Africans 06.03.2026 8:06
Isebe lemisebenzi nezengqesho libongoza iinkampani zabakhi (construction) ukuba ziqale ngokuqesha abemi boMzantsi Afrika. Esisimemelelo siza emva kokuba elisebe lenze ugqogqo kwiinkampani ezimbini zokwakha nalapho lifumanise abemi bangaphandle abangamashumi amahlanu bengenazi mpepha zokuba kweli. Iinkampani zokwakha ayizizo zodwa ezijamelene nalengxaki yokuqeshwa kwabemi bangaphandle abangenazi mp...
30 MINUTES LIVE | Government employees voice their unhappiness over the Government Employees Medical Scheme 9.8 percent hike. 06.03.2026 7:20
Abasebenzi baseburhulumenteni nabangamalungu enkqubo ye-medical aid uGEMS abaxolanga sisigqibo sokunyuswa kwexabiso abalihlawulela ezi nkonzo ngomyinge ka-nine-point-eight percent ekhulwini. Iimanyano zabasebnzi angamalungu ka-GEMS kwiiveki eziphelileyo baye bangena ezitalatweni ngelivakalisa uluvo lokuchasa esi sigqibo. Yilonto sithe masimeme le medical aid scheme enkqubeni. Ayabonga Kekana uncok...
30 MINUTES LIVE | EFF - SACP BILATERAL MEETING 06.03.2026 9:44
Kubonakala ngokungathi uqhogwano lwakuba likhubalo imibutho yezopolitiko elusebenzisayo ukufuna impumelelo. Intlanganiso ebiphakathi kwe-EFF kunye ne-SACP ibonwa njengezele amaduna namathokazi yile mibutho. Injongo yayo ibikukushukuxa iindlela zentsebenziswano phakathi kwale mibutho nezineentsika zopolitiko eziyeleleneyo, nokuba ingasebenzisana njani kunyulo loomasipala oluzakubanjwa kulo nyaka. N...
30 MINUTES LIVE - Learners' battle rage in Komani school has resulted to two learners to be hospitalised 04.03.2026 8:00
Umbhodamo oqhambuke kwisikolo samabanga aphakamileyo iNdlovukazi kuKomani eMpuma Koloni, ubangele ukonzakala kwabafundi ababini ekuye kwanyanzekela ukuba babalekiselwe kwiziko lezempilo elikufuphi. Kukholeleka ukuba lo mlo wabafundi ngezikhali uphenjelelwa yimpixano yeelali aba bafundi abasuka kuzo iNdlovukazi, iLesseyton kunye kunye neZola. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe...
30 MINUTES LIVE - COPE leader Mosiuoa Terror Lekota has died 04.03.2026 10:11
Ayaphokoka amazwi ovelwano emva kokusweleka kwenkokheli yombutho weCOPE, uMosiuoa Terror Lekota. uLekota uzalelwe kwidolophu yaseKroonstad eFreystata ngo1948. Ngo 1974 waye wabanjwa wavalelwa eRobben Island. Lo ka Lekota wayekhe wangusihlalo weANC. Ekuhambeni kwexesha wayinkulu baphathiswa yaseFreystata emva koko wangumphathiswa wesebe lezekhuselo ngethuba likamongameli uThabo Mbeki. Ngo-2008 waye...
NCC initiated an investigation on certain sanitary pads and panty liners that may contain harmful chemicals 03.03.2026 11:03
Ikomishoni kazwelonke ejongene neemfuno zabathengi izakuzenzela olwayo uphando ngezixhobo ezisetyenziswa ngamanina xa esexexheni (Menstrual pads and Pantyliners). Bazakwenza oku emva kophando olwenziwe yiUniversity of Free State, nefumanise ukuba kukho umchiza ophazamisana nenkqubo yendalo yokuba sexesheni (Endocrine-disrupting chemicals). Eyonanto ibivezwa koluphando kukuphakamisa inkxalabo kubat...
NEWS REVIEW - We are unpacking the state of the Eastern Cape provincial address by the Premier 01.03.2026 46:47
Kwiveki ephelileyo, iNkulu-baphathiswa yePhondo iMpuma-Koloni, uOscar Mabuyane, iwise intetho yobume bePhondo eBhisho. Kule ntetho uMabuyane ugxile kwimibandela eliqela, nequka oko kuphunyeziweyo kulawulo lwakhe, kwa nemingeni ejongene neli Phondo. Le ntetho iye yaqulatha imingeni ejongene nemo-ntlalo yoluNtu gabalala, efana nendlala, intswela-ngqesho , ulwaphulo-mthetho, nokuguga kwez...
INTERCHANGE - Mother tongue that took centre stage at 2026 African Languages conference in Ghana this week 28.02.2026 4:27
Umbutho ongenzi nzuzo kurhulumente nogxile kwimiba yophuhliso yeelwimi kumaziko ophuhliso lwabantwana abaselula eMzantsi Afrika, iFunda Wande, ubuyinxalenye yenkomfa ejongene nokusetyenziswa kolwimi lweenkobe kwizwekazi iAfrika, iAfrican Languages and literacies Conference, nebibanjelwe eACCRA, kwilizwe lase Ghana, kule veki. Lombutho kule nkomfa ubonakalise into enqabileyo ukuza nezisombululo end...
INTERCHANGE - South African Agricultural Awards (SAAA)) 28.02.2026 5:37
Icandelo lezolimo eMzantsi Afrika, iSouth African Agriculture, lizakubamba umsitho weembasa ozakuwonga amafama ngegalelo lawo kumsebenzi weemveliso zolimo kweli. ISouth African Agricultural Awards (SAAA), liqonga elibhiyozela wonke ubani onegalelo kwicandelo leemveliso zolimo, eziquka abaphandi nzulu, amafama noosomashishini, ukukhankanya nje abambalwa. ISAAA ithi lomsitho ayingomnyhadala nje kuph...
TRUNEWS @6 - Sobukwe memorial lecture 26.02.2026 3:10
Bube sesithatheni ubomi nomqela owashiywa ngongasekhoyo owayelitsha-ntliziyo elalinxamnye nengcinezelo, likwa ngumseki wombutho iPAC, uRobert Sobukhwe, kwisifundo sokumkhumbula ebesibanjwe kwiYunivesiti iNelson Mandela eGqeberha kwiMpuma Koloni. Esi sifundo, nebesibanjwe phantsi komxholo othi "Reading the Signs of Our Times: Enduring Legacy of Robert Sobukwe", besicubunga izinto awathi wazibhala,...
TRUNEWS @6 - SOPA EC 26.02.2026 4:00
Inkulu baphathiswa yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane, ithi urhulumente weliphondo uzakwenza konke okusemandleni ukubuyisa imisebenzi eyi-32-thousand nelahleke kwikota yesine yonyaka ka2025, nethe yanegalelo ekonyukeni kweqondo lentswela ngqesho nelimi ku 42.5 percent sithetha nje. uMabuyane uthi bajonge ukufumana inkxaso kwicandelo labucala ngokubhekiselele kumba worhwebo kwakunye nakwimizi mveliso e...
TRUNEWS @6 - Paul Mashatile will step up to lead the ANC, if asked to 26.02.2026 2:34
Usekela mongameli weANC, uPaul Mashatile, uthi ukuba kungavela ithuba lokuba azigqatsele ukukhokela lombutho, leyo yinto angayichasanga. UMashatile ebencokola nomhleli wezopolitiko eSABC uMzwandile Mbeje, bechaphazela imiba yokusiwa kweenkonzo eluntwini, oomasipala kwakunye nemiba yangaphakathi kwiANC. UVuyolwethu Mabeqa uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguZara Groenewald...
TRUNEWS @6 - Budget analysis 25.02.2026 11:14
Ukuphucuka kuqokelelo lwengeniso kwenze ukuba urhulumente arhoxise ukwenyuka obekucwangcisiwe kwirhafu, nobekumashumi amabini eebillion zeerandi. Oku kuvele ngethuba umphathiswa wemicimbi yezemali, uEnoch Godongwana, ewisa uhlahlo-lwabiwomali lwalo nyaka epalamente ngenjikalanga yanamhlanje. Ingaba oku kuthetha ukuthini kumhlawuli werhafu weloMzantsi Afrika, kumakhaya nakumashishini ngokubanzi? Uk...
TRUNEWS @6 - COSATU reacts to the Budget Speech 25.02.2026 2:19
Umfela-ndawonye wemibutho yabasebenzi, iCOSATU, uthi uxolile luhlahlo-lwabiwomali oluwiswe ngumphathiswa wemicimbi yezemali, uEnoch Godongwana, epalamente namhlanje. Nangona kunjalo, uthi eyona nto ongaxolanga yiyo kukungabikho mkhombandlela ucacileyo, ngokubhekiselele kumaqumrhu akwarhulumente, nasekuxhasweni kwee-arhente zonyanzeliso lomthetho, phakathi kwezinye izinto. Nanku umququzeleli we-COS...
NEWS REVIEW - State of South African Defence Force and its deployment to assist SAPS in combating crime 22.02.2026 53:04
Isibhengezo sokuthunyelwa kwamajoni kumaphondo amathathu ukuncedisana namapolisa ukulwa ulwaphulo mthetho kwakunye namaqela oonqevu, kuze nezimvo ezahlukileyo. Ngelithuba abanye abahlali bebona oku njengethemba, abanye babuze ukuba ingaba oku kuzakwenzeka kusini na. Isebe lokhuselo nomkhosi lijamelene nengxaki yolwabiwo mali olungonelanga, kwakunye namajoni angonelanga ukuba angathunyelwa kw...
INTERCHANGE - Preview of SANDF Arms Day in Thohoyandou 21.02.2026 4:23
Owayesakuba yi Brigadier General yomkhosi wokhuselo weloMzantsi Afrika, iSADF, uthi inkqubo yokudibanisa umkhosi wokhuselo weli, imikhosi yamaphandle ayengoozimele geqe kwakunye nemikhosi eyayilwela inkululeko, yayiyinkqubo enzima kakhulu, kodwa yezisa ubumbano phakathi kwabo babeziintshaba edabini. UBrigadier General Abel Nelwamondo waseThohoyandou eLimpopo, ngomnye wabo babephambili ekuchithweni...
30 MINUTES LIVE - SADTU outraged at SACE's decision to impose a monthly subscription fee to educators 19.02.2026 6:58
Imanyano yooTishala kweli iSADTU, imemelela ukuba iSouth African Council for Educators (SACE), irhoxise imali yobulungu yenyanga ekumele ihlawulwe ziititshala ezingasebenziyo. Le manyano ithi lomrhumo ubeka umthwalo onzima kubafundi abagqibe izifundo zabo kodwa bengafumani misebenzi. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni, uAyabonga Kekana ubambe ophuma kwi SADTU uXolani Dube...
30 MINUTES LIVE - Suspended Deputy Police Commissioner, General Shadrack Sibiya continues to testify at the Madlanga Commission 19.02.2026 11:01
Onqunyanyisiweyo njengosekela-mkomishinala wamapolisa uGeneral Shadrack Sibiya, uyaqhuba nokunika ubungqina kwikomishini yophando kaMadlanga ePitoli. USibiya utyholwa ngokuba nobudlelane nabatyholwa ngokubayinxalenye yomkhambathi woonqevu ongenelele kwinkonzo yesipolisa, u-Vusumuzi "CAT" Matlala kunye noKatiso "KT" Matlala. Izityholo ezivele phambi kwale komishoni zezokuba uMatlala kunye noMolefe...
30 MINUTES LIVE - 𝗨𝗙𝗦 𝘀𝘁𝘂𝗱𝘆 𝗱𝗲𝘁𝗲𝗰𝘁𝘀 𝗵𝗼𝗿𝗺𝗼𝗻𝗲-𝗱𝗶𝘀𝗿𝘂𝗽𝘁𝗶𝗻𝗴 𝗰𝗵𝗲𝗺𝗶𝗰𝗮𝗹𝘀 𝗶𝗻 𝗺𝗲𝗻𝘀𝘁𝗿𝘂𝗮𝗹 𝗽𝗿𝗼𝗱𝘂𝗰𝘁𝘀 18.02.2026 9:19
Uphando olutsha olwenziwe liziko lemfundo ephakamileyo iUniversity of Free State, luveze inkxalabo enkulu engempilo ngokungqamene nezixhobo ezisetyenziswa ngamanina xa esexexheni (Menustual pads and Pantyliners), ezithengiswa eMzantsi Afrika. Iingcali zenzululwazi zifumanise ukuba i-pads kunye ne-pantyliners ezivavanyiweyo ziqulathe umchiza ophazamisana nenkqubo yendalo yokuba sexesheni (Endocrine...
Similar podcasts
Replaio is not a podcast publisher; show names, artwork and audio belong to their authors and are distributed through public RSS feeds.