SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Be sure to visit the podcast's website and support the creator: www.sabcnews.com
Where to listen?
Podcasts in the app Replaio Radio Coming soonPodcasts are coming to the app soon. Install now and be the first to see a whole new take on podcasts
Episodes
TRUNEWS @6 - Highlights of the Parliament's Ad Hoc committee established to look into concerns around national security 09.12.2025 6:02
Iqale ngolonwabu ikomiti yethutyana yasepalamente, nesekelwe ukuphanda ngenkxalabo ngokhuseleko lwesizwe, kodwa ithe apho iqale khona yatyelela nkqu kwintolongo enokhuseleko oluluqilima ePitoli. Le komiti yasekwa yipalamente ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeKhala, emva kwenkomfa yamajelo eendaba eyayibanjwe ngumkhomishinala wamapolisa kwiphondo iKwaZulu-Natal, uLt General Nhlanhla Mkhwan...
NEWS REVIEW - We are discussing the challenge of underage drinking in South Africa 08.12.2025 52:15
Sibone amaphulo aliqela alumkisa ngokubanjwa kwemijuxuzo eyaziwa ngePens Down, kwiindawo ezahlukileyo kweli. Isebe lemfundo, imibutho engafumani nkxaso kurhulumente, noluntu ngokubanzi, bamenyelela ulonwabo olungenatywala nanjengoko abafundi begqibile ukubhala. ENelson Mandela Bay, bekubanjwe umsitho wePens Down nalapho bekukho izinto zokuzinwabisa kungekho tywala ngenzame zokuphelisa lomkhuba. Uy...
Interchange-First ever Africa-Europe-Middle East Earthquake Response to take place in Africa wraps in Gqeberha 06.12.2025 2:46
Usekela mphathiswa wesebe lolawulo ngobambiswano nemicimbi yemveli, uPrince Zolile Burns-Ncamashe, ugxininise isidingo sentsebenziswano yehlabathi ukuqinisekisa ukuba amazwe anako ukumelana neentlekele ezinkulu zendalo. Uvakalise oku ngethuba esenza intetho ngosuku lokugqibela lendibano yelizwekazi i Afrika libambisene ne Europe, ebishukuxa amaqhinga okusabela kwiintlekele zendalo( iAf...
Interchange-Black Friday month proves to have been a success this year 06.12.2025 3:09
Kubonakala ngathi ibeyi mpumelelo kulonyaka iBlack friday, nalapho umzuzu ngamnye kuthengwe amatyeli angapha kwamakhulu asithoba (900) ngosuku lweBlack Friday, ze kwathengwa amatyeli angamakhulu asixhenxe (700) ngomzuzu kwiCyber Monday. Ngokokutsho kwecandelo elijongene neentlawulo iPayInc, oku kubonakalisa ukusetyenziswa kakhulu kwemali ngelixesha. Inkampani ye insurance iVouch.co.za, ithi...
COGTA has appointed a ten-person, multi-disciplinary task team to be deployed in the Nelson Mandela Bay Metro 04.12.2025 3:21
Isebe lorhulumento ngentsebenziswano, lichonge iqela labantu abalishumi abazakujongana nendlela yokuziphatha kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni ukuqinisa ulawulo, ukulungisa iinkqubo ezisilelayo lincedise nokuvuselela uhanjiso lweenkonzo. Olungenelelo luza njengokuba unondyebo weli egrogrise ngokubamba isixa-mali esingange 546 million randi eyabelwe lomasipala, ngaphandle kokuba l...
Eastern Cape Transport and Health Departmens launch the festive season arrive alive campaign 04.12.2025 6:37
Isebe lezothutho eMpuma Koloni lisebenzisana nelezempilo, lisungula iphulo lexesha leziyunguma lika fika uphila kuKomani. Amagosa ezendlela azakunikezwa izithuthi ezintsha ezingamashumi amathathu anesithandathu, ngelinge lokuqinisekisa ukuba ayabonakala ukuqinisekisa ukhuseleko ezindleleni. Kwisithuba nje saleveki idlulileyo, sele bebahlanu abantu ababhubhe ezindleleni, kwabanjwa abangamashumi asi...
TRUNEWS @6 - The Department of Military Veterans are verifying veterans, who need to receive benefits 03.12.2025 2:20
ISebe lamagqala omkhosi libambe inkqubo kwisizwe siphela sokukhangela abo bangamagqala omkhosi, nabangasawafumaniyo amaqithiqithi ebekufanele ukuba baxhamla kuwo. Le nkqubo ikwaqulathe ukucocwa koluhlu lwabo, kususwe abo baxhamla ngobuqhetseba kwiSebe. Iqela elityunjwe ngumongameli elichongelwe ukubumba olu luhlu lwamagqala omkhosi, ukuqinisekisa ukuba kukho abantu abafanele ukuba kulo ngokwenene,...
TRUNEWS @6 - Murder accused Katiso "KT" Molefe's two bodyguards have been arrested at the Alexandra Magistrate's Court north Johannesburg 03.12.2025 2:35
Kubanjwe oonogada ababini baka Katiso KT Molefe nongumtyholwa kwityala lobulala. Oku kwenzeke kwinkundla kamantyi yaseAlexandra eRhawutini. UMolefe kwakunye nesithathu atyholwa naso, bavele okwethutyana enkundleni phambi kokuba ityala labo lithunyelwe kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini. UMolefe utyholwa ngokuba ngungqongqondo wokuqesha iinkabi zibulale abantu ekunye natyholwa nabo. Lamatyala aq...
Eastern Cape ANC Chairperson, Oscar Mabuyane, has poured cold water on any reports or suggestions that he is seeking a third term 02.12.2025 2:13
Usihlalo we ANC eMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uzibhebhethile iingxelo zokuba ufuna ithuba lesithathu njengosihlalo wephondo nokuba sithetha nje wenza iinzame zokuba kwisikhundla esiphezulu salo mbutho kuzwelonke, xa kubanjwe unyulo lukazwelonke ngo2027. Uthi uyakuzicinga ezimbono xa kufike ixesha. UMabuyane ebethetha nejelo leSABC ngethuba lentlanganiso yebhunga lalombutho ephondweni, ngaphambi...
30 MinutuesLive- : The Men's Council of South Africa embarks on a campaign to assist unemployed fathers to put smiles on the faces of their family members this festive season. 02.12.2025 7:52
Ibhunga lamadoda oMzantsi Afrika liqalisa iphulo elizakunceda abantu abangootata abangaphangeliyo, ukwenza isimo sibengcono kwelixesha leziyunguma. Eliphulo libizwa "Support a Man in Need- Restore a Family, Rebuild a Nation". Elibhunga limemelela oosomashishini, amaziko ohlukileyo nabantu abanokukwazi ukuxhasa ukuba bafake isandla ekuncedeni ootata ngelixesha. Lilindeleke ukuba lifikelele kuwo onk...
EC Health Department says migration of people from one city to another remains a challenge in keeping HIV affected people on treatment 01.12.2025 3:06
Isebe lezempilo eMpuma Koloni lithi ukufuduka kwabantu besuka kwezinye izixeko besiya kwezinye, kusengumngeni ekuqinisekiseni ukuba abantu abanentsholongwane kagawulayo bafumana amachiza abo ngalolonke ixesha kweli phondo. Eliphondo liphawule usuku oluqwalasela ugawulayo kwihlabathi jikelele, kwaZakhele eGqeberha. Ngokokwengxelo esuka kwelisebe, ngabantu abasondele kwikhulu lamawaka namashumi aman...
NEWS REVIEW - We discuss the National Disability Rights Awareness Month 30.11.2025 49:47
Umhla wesithathu kweyeNkanga, ukuyakuthi ga kowesithathu kweyoMnga, qho ngonyaka, uMzantsi Afrika uphawula inyanga ebekelwe bucala ukunika ingqwalasela, nokubhiyozela amalungelo abantu abanokhubazeko, i-Disability Rights Awareness Month ngolwasemzini. Ukhubazeko lwenzeka esazalwa umntwana, kodwa ngamanye amaxesha umntu ulufumana ngexa esakhula, okanye ekukhuleni kwakhe. Le nyanga ke inika ithuba k...
INTERCHANGE - CodeNgwana Launches First-Ever Future Innovators Coding Week in Gqeberha 29.11.2025 6:01
Umbutho ongekho phantsi korhulumente, iCodeNgwana, uzakube uphehlelela iveki ebizwa iFuture Innovators Coding Week, eGqeberha kwiMpuma Koloni, nalapho kwakube kuqeqeshwa abafundi nootitshala abaphuma kwizikolo ezintandathu zesi sixeko, kwizifundo ze Coding. Olu qeqesho lwakubanjelwa kwisikolo samabanga aphakamileyo iSoqhayisa eMotherwell, ngomhla wokuqala ukuya kowesihlanu kweyoMnga. Ukuva banzi n...
INTERCHANGE - Eastern Cape Film Festival celebrates a decade 29.11.2025 4:59
Ubhiyozela ishumi leminyaka waswekwayo umnyhadala wemiboniso-bhanya-bhanya weMpuma Koloni, iECFF ngamafuphi. Le mibhiyozo iza kuphawulwa kumyhadala oza kubanjwa ngomhla wokuqala uyokuma kowesithandathu kwinyanga ezayo, phantsi komxholo othi "It all starts with a dream - wake up and make it real". Lo mnyhadala uza kubonisa izakhono, nomsebenzi womboniso-bhabhanya oveliswe kweli phondo l...
30 MINUTES LIVE - Study reveals that the magistrates' lives are in danger 27.11.2025 9:50
Uphando olwenziwe yi-Judges Matter, lubonakalisa ukuba ubomi bamagosa enkonzo yobulungisa naquka oomantyi busesichengeni, ngaphakathi nangaphandle kweenkundla. Bangaphezulu kwe-20 percent oomantyi abathi bayagrogriswa okanye bonzakaliswe, kanye okanye kabini ngonyaka. Ngelithuba i10 percent ichaza izehlo eziliqela zokugrogriswa. Sibonile oomantyi abaliqela bebambe imigushuzo kumaphondo ohlukileyo...
16 Days of Activism for No Violence Against Women and Children 25.11.2025 11:46
Liyaqala namhlanje iphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu elijoliswe ekuchaseni ukuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana. UMzantsi Afrika ujamelene namaqondo axhomileyo okubulawa nokudlwengulwa kwamanina nabantwana. Kuloko kwiveki ephelileyo iphulo elibizwa iWomen for Change liye labamba uqhankqalazo, lamisa yonke into, ngelimemelela ukuchazwa kwalo mba nje ngentlekele yesizwe. Ekugqibeleni, u...
Classification of GBVF as a National Disaster 24.11.2025 8:36
UMongameli uCyril Ramaphosa uluchazwe nje ngentlekele yesizwe udushe olusekelezelwe kwisini, nokubulawa kwamanina kweli lizwe, igender-based violence and femicide ngolwasemzini. Oku kulandela isigqibo esithatyathwe liziko elijongene nolawulo lweentlekele kwisizwe, iNDMC ngamafuphi, emva kokuqwalaselwa ngokutsha kweengxelo nezindululo ebeziphuma kumabakala awuhlukileyo ombuso nakwimibutho yol...
30 MINUTES LIVE - G20 Meeting to kick start this weekend at Nasrec in Johannesburg 21.11.2025 13:55
Iza kuqala ngokusesikweni ngomso intlanganiso yamazwe alishumi elinesithoba aphantsi kweqonga lokuqinisa urhwebo nobudlelane phakathi kwala mazwe. UMzantsi Afrika, noyinxalenye ye-G20, nguwo okwisikhundla sokongamela le ntlanganiso, nto leyo eyenza ukuba le ndibano ibanjelwe kweli. Nangona kunjalo, iMelika, nayo eyinxalenye ye-G20, ithi ayizokuyizimasa le ndibano, ntonje iza kuthumela umthunywa oz...
30 MINUTES LIVE - Almost 900 EC grade R teachers will soon be permanent 21.11.2025 4:16
ISebe lemfundo esisiseko eMpuma Koloni linezicwangciso zokuqesha isigxina ootitshala baka Grade R. Bangaphezulu kwamakhulu asibhozo ephondweni ootitshala abaphantsi kwengqesho yethutyana (contract), kwaye iSebe lithi kulindeleke isigqibo sokuqeshwa kwabo sithathwe ingekapheli eyeNkanga (November). Sekulithuba aba titshala bekhala ngokungaqeshwa isigxina. Emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli nothethel...
30 MINUTES LIVE - National shutdown hitting South Africa today 21.11.2025 4:29
Ngamawaka amanina kwilizwe loMzantsi Afrika liphela ekulindeleke ukuba abe yinxalenye yephulo lokumisa ngxi yonke into, ngelibonisa ukuchasa impatho mbi esekelezelwe kwisini kweli, igender-based violence ngolwasemzini. Umbutho ongekho phantsi korhulumente obizwa iWomen for Change, ukhethe olu suku nanjengoko ihlabathi lizakube lijonge amehlo kuMzantsi Afrika, nosindleke ingqungquthela yeenko...
30 MINUTES LIVE - • Eastern Cape NCOP delegation visits flood victims in Mthatha 20.11.2025 4:52
Igqiza eliphuma kwibhunga lamaphondo kwisizwe, iNCOP ngamafuphi, kwiphondo iMpuma Koloni, namhlanje lityelele amaxhoba ezikhukhula ezehla ngeyeSilimela eMthatha. Oku zinzame zokuya kuzivela nokuzibonela iindawo ahlaliswa kuzo la maxhoba. Ngabantu abangaphaya kwekhulu, kuquka abantwana, abathi basweleka kwezi zikhukhula, nalapho ezinye iintsapho zingekade ziwafumane amalungu eentsapho zawo. O...
30 MINUTES LIVE - North West businessman, Brown Mogotsi continues to testify at the Madlanga Commission 20.11.2025 9:02
Lusuku lwesithathu namhlanje usomashishini waseMntla Ntshona uBrown Mogotsi enika ubungqina kwikomishini yophando kaMadlanga, ePitoli. Uninzi lwamangqina lumtyholile uMokgotsi ngezenzo ezigwenxa eziquka ukuba nonxulumano nomphathiswa wenkonzo yesipolisa osekhefini uSenzo Mchunu, nokuba noqhogwano nendoda etyholwa kwizenzo zolwaphulo mthetho, uVusimuzi " Cat" Matlala. Masive esele kuvelile ekuxinwe...
30 MINUTES LIVE - Reports of non-payment of NSF interns by the EC Premiers office and the reaction from the OTP 19.11.2025 9:51
Urhulumente wephondo iMpuma Koloni utyholwa ngokusilela ukuhlawula abo basaqeqeshelwa umsebenzi, nabangayaphaya kwamawaka amathathu. NgoMvulo, ababasebenzi bebebambe uqhankqalazo phambi kwe ofisi yenkulu-baphathiswa yephondo, uOscar Mabuyane, benyanzelisa ukuhlawulwa. Oku kuza emva kweeveki le ofisi ithathele ezandleni zayo inkqubo yokuqeqeshela izakhono kwinkampani iChippa Trading Academy. Le nkq...
30 MINUTES LIVE - Transport costs for residents of low-income households in Johannesburg have reached a crisis point 19.11.2025 7:08
Uphando olwenziwe yi Gauteng City-Region Observatory, lubonisa ukuba iindleko zezothutho kubahlali abomkela imivuzo ephantsi kwisixeko saseRhawutini, zifikelela kumaqondo axhomisa amehlo. Ngokoluphando, abantu abahlala kude kuneendawo abaphangela kuzo basebenzisa umyinge wamashumi amahlanu ekhulwini (50%) wemivuzo yabo kwezothutho, itransport ngolwasemzini. Ingaba kumaphondo abuninzi balo ziilali,...
30 MINUTES LIVE - Deputy Minister of COGTA, Dr Dickson Masemola, to introduce support staff and intervention to boost service delivery in NMB Metro 18.11.2025 8:11
Ebutsheni balo nyaka, usekela-mphathiswa weSebe lolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli, uGqirha Dickson Masemola, waye wabamba utyelelo kwiphondo iMpuma Koloni, phantsi kwephulo likarhulumente elibizwa i-"Every municipality must work", mxholo lowo ojoliswe ekuphuculeni urhulumento koomasipala, uhanjiso lweenkonzo, intatho-nxaxheba, nasekuqinisekiseni ukuba oomasipala basebenza ngendlela, pha...
Similar podcasts
Replaio is not a podcast publisher; show names, artwork and audio belong to their authors and are distributed through public RSS feeds.