SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Where to listen?
Podcasts in the app Replaio Radio Coming soonPodcasts are coming to the app soon. Install now and be the first to see a whole new take on podcasts
Episodes
ANC NEC meeting resolution analysis. 07.08.2025 10:00
Unobhala jikelele we-ANC uFikile Mbalula, uthi umbutho wakhe awuzokumelana neentanda zeyantlukwano ezikhoyo phakathi embuthweni, namalungu angakwazi ukuziphatha nangakwazi ukuthobela imiyalelo yombutho. I-ANC izakubamba intlanganiso ye-National General Council ngoDecember walo nyaka, emva kweminyaka elishumi le ntlanganiso yagqibela ukuhlala. Lo mbutho uthi uzimisele ekulungiseni ubudlelane obuqhe...
Team of experts to step in to rescue BCM 07.08.2025 8:28
Urhulumente kazwelonke wenze ungenelelo ukuhlangula umasipala ombaxa osezingxakini, i Buffalo City. Urhulumente uthumumele igqiza leengcali ezizakusa uzinzo kulomasipala, phantsi kongenelelo olukhethekileyo lomgaqo siseko. Ngokwesolotya lika section 154 lomgaqo siseko nowenzelwe ukuqinisa ulawulo loomasipala, isebe lentsebenziswano kulawulo lukarhulumente libhengeze ukuba lizakuthumela igqiza leen...
Eastern Cape education department is hosting the 2nd annual rural education partnerships conference in East London 06.08.2025 1:55
Ilungu lesigqeba solawulo esijongene nesebe lezemfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, lithi inkqubo yezemfundo yeliphondo idinga ukoyanyaniswa nezidingo zemo-ntlalo yeliphondo. UGade ebethetha ngethuba kubanjwe inkomfa yentsebenziswano nezikolo zasemaphandleni eMonti. Le nkomfa intsuku mbini, ijolise ekwakheni ngokutsha inkqubo yemfundo esi siseko, ukuze abafundi bafumane izakhona abazakuzisebenzis...
Schoolgirl takes own life following EC floods trauma 06.08.2025 8:27
Intlekele yezikhukhula eyachaphazela imimandla eyohlukileyo eMpuma Koloni kuquka naseMthatha, isaqhubeka ubalinxeba elinzulu kwabo bathi bachaphazeleka. Kukho neengxelo zokuba kukho intwazana ethathe ubomi bayo ngenxa yokungakwazi ukumelana nentlungu yokubhujelwa ngunina nomnakwayo kwezizikhukhula. Bangapha kwekhulu abantu abathe basweleka, ngexesha iintsapho ezinintsi ziphulukene namakhaya kuland...
The rise in offshore e-commerce retailers like Temu and Shein has come at a significant cost to the local economy 05.08.2025 3:19
Ukwanda kweevenkile zeempahla ekuthengwa kuzo kusetyenziswa i-internet, ezifana noTemu kwakunye noShein, kuyilahleko enkulu kuqoqosho lwalapha ekhaya. Ingxelo yophando eyenziwe yingxowamali ebizwa iLocalisation Support Fund, ludandalazisa ukuba iivenkile zaseChina ezisebenzisa i-internet zenze inzuzo eqikelelwa kwi R7.3 billion yeerandi kwintengisi yazo kubathengi beloMzantsi Afrika. E...
Following the SACP’s decision to contest elections alone in his closing address of the ANC’S NEC meeting, ANC president Cyril Ramaphosa said that the SACP’s decision would weaken all progressive parties. 05.08.2025 10:32
I-ANC ithi nangona ingena kufaka mpumlo kwisindululo sombutho wamakomanisi iSACP sokuzigqatsa ngokuzimeleyo kunyulo, kodwa ayihambisani nesi sigqibo. Umongameli we-ANC uCyril Ramaphosa uthi esi sigqibo sizakuba neziphumo ezibi kubudlelane bale mibutho, nakwinguqu kwipolitiki. URamaphosa ukuthethe oku ngethuba kuqukunjelwa intlanganiso yeentsuku ezine yekomiti yesigqeba solawulo se-ANC ebibanjelwe...
Female learner bullied and slapped by school boys in Mdantsane 04.08.2025 9:25
Kulindeleke ukuba isebe lemfundo eMpuma Koloni lityelele isikolo samabanga aphezulu i David Mama eMdantsane . Olu tyelelo luza emva kokuba kuthe ndi kumakhasi onxibelelwano ividiyo ebonisa umfundi oyintombazana ebethwa exhatshazwa ngabafundi abangamakhwenkwe. Isebe lizakwenza uphando ngesisehlo luthathe namanyathelo afanelekileyo ngakula makhwenkwe. Kwinkqubo ndaba yethu sincokole no DDG wesebe le...
NEWS REVIEW-Public Healthcare staffing crisis 03.08.2025 48:34
Inkqubo yezempilo yaseburhulumenteni eMzantsi Afrika ijongene nombhodamo onobuzaza ngenxa yokushokoxeka okamandla kwabasebenzi nanjengoko bekumawaka amathandathu oogqirha nabongikazi abathi bashiye kumaziko oluntu ngonyaka. Oku kuvele kwiinkcukacha zepalamente kwiveki ephelileyo nalapho zidiza imeko eye isiba maxongo yokushiya kwabasebenzi abanezakhono nokubangelwa ziimeko zokusebenza, ukushokoxek...
Work on Adhoc committee on Mkhwanazi to start next week 02.08.2025 2:52
Ipalamente ingqinile ukuba ikomiti yethutyana esekelwe ukuphanda izityholo ezenziwe ngumkomishnala wamapolisa kwiphondo laKwaZulu-Natal uLieutenance General Nhlanhla Mkwanazi, mayela namaqela emigulukudu nobuqhophololo kwinkonzo yesipolisa, izakuqala ukusebenza kwiveki ezayo. U-Mkhwanazi udyobhe amagosa aphezulu esipoliseni kuquka umphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu ngokuphazamisana nokhuseleko l...
Residents disgruntled over the move of Home Affairs offices from city centre to secluded malls 31.07.2025 9:24
Abaxolanga linyathelo lokufudusa edolophini ziye kudederhu lweevenkile zabucala ii ofisi zesebe lemicimbi yezekhaya abahlali base Mpuma Koloni. Oku kuza emva kokuba elisebe liqalise isicwangciso sokufuduswa kwenye i ofisi yelisebe eFleet Street eMonti, isisiwa kudederhu lwevenkile eHemingways Mall. Kukwakho nezicwangciso zokufudusa ezi ofisi eNorth End e Gqeberha zisiwe e Baywest Mall. Ukusa...
ESKOM bill passed in parliament 30.07.2025 3:01
: Ibhunga lamaphondo lipasise umthetho oyilwayo ongokwabiwa kwemali eya kumasebe namanye amaziko karhulumente, kwakunye nomthetho sihlomelo oyilwayo wokuhlangula uEskom. Isigqibo esithathwe lelibhunga sihambisana nesendlu yowisomthetho nethe yapasisa kutsha nje lemithetho iyilwayo. Lo mthetho uyilwayo uzakugunyazisa inkcitho kwingxowa mali yengeniso eya kwizabelo mali ezinikwa amasebe karhulumente...
Minister of Land Reform and Rural Development Mzwanele to address concerns regarding delays in the land claims process. 28.07.2025 6:44
Yimali engange 50-Billion yeerandi esele ichithiwe kumabango omhlaba, ukusukela ngonyaka ka1994. Imali eyabelwe isebe elijongene neenguqu kwimihlaba nophuhliso lwamaphandle, ingaphezulu kwe six-billion yeerandi, nalapho i3.5 billion ijonge ukuhlawula amabango omhlaba. Nangona sele kuhlawulwe amabango angaphezulu kwe 80-thousand, basekhona abasakhalayo. Namhlanje umphathiswa kwelisebe uMzwanele Nyh...
30 MINUTES LIVE - NMB Metro launched the Revenue Enhancement Relief Dispensation Programme this morning 25.07.2025 13:00
Umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay uphehlelele inkqubo egxile ekuzeni nesiqabu kumakhaya noosomashishini balo masipala, nebizwa iRevenue Enhancement Relief Dispensation programme. Le nkqubo ikwa lilinge lokufunqula ingeniso kulo masipala, ngelokuqinisekisa ukuba uqhuba usebenza ngendlela. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sinelungu lekomiti kasodolophu elijongene nolwabiwomali, uKhanya Ngqi...
Eastern Cape COGTA department responds to Ngcobo community grievances 25.07.2025 10:12
UAyabonga Kekana uncokola nothethela isebe lezorhulumento ngobambiswano ephondweni leMpuma Koloni, uPheelo Oliphant ngegqiza labahlali abaxhalabileyo base Ngcobo eMpuma Koloni, nesele linentsuku lihleli ngaphandle kweUnion Buildings ePitoli. Aba bahlali banyanzelisa ungenelelo olukhawulezileyo ngento abayibiza ukuba yingxaki eyandeleyo kumasipala iDr AB Xuma.
Engcobo community members camp outside Union Buildings. 25.07.2025 11:32
Igqiza labahlali abaxhalabileyo base Ngcobo eMpuma Koloni, sele linentsuku lihleli ngaphandle kweUnion Buildings ePitoli. Aba bahlali banyanzelisa ungenelelo olukhawulezileyo ngento abayibiza ukuba yingxaki eyandeleyo kumasipala iDr AB Xuma. Bathi ababahlali iphondo lisilele ukubanceda kwizikhalzo zabo nanjengoko bethethile nabasemagunyeni amaxesha amaninzi. UAyabonga Kekana uncokola nothethela ab...
30 MINUTES LIVE - Parliament establishes an Ad Hoc committee to investigate Mkhwanazi allegations 24.07.2025 5:52
Ipalamente yamkele ukumiselwa kwekomiti yethutyana ezakuphanda izityholo ezenziwe ngumkomishinala wenkonzo yesipolisa KwaZulu-Natal, uNhlanhla Mkhwanazi. Ebutsheni bale nyanga, uMkhwanazi uye wakhweba indibano noonondaba, nalapho enze izityholo zongenelelo lwezopolitiko kwiinkqubo zokusebenza phakathi kwinkonzo yesipolisa, kunye nokuchithwa kweqela elikhethekileyo eliphanda ulwaphulo-mthetho oluph...
Legislation to review the bilateral relationship between the United States and South Africa has passed through a Foreign Affairs Committee in US 24.07.2025 10:20
Umthetho wokuphonononga intsebenziswano phakathi kweMelika noMzantsi Afrika, upasisiwe yikomiti ejongene nemicimbi yamanye amazwe kwindlu yowiso mthetho, nekwisigaba sokuqala sorhulumento kwelalizwe nebizwa nge House of Representatives. Lomthetho uzakuya kwisigaba esilandelayo nesiyi House of Senate. Ezinye zezinto ezizakujongwa ngulomthetho, ngamagosa aseburhulumenteni kwakunye neenkokheli zombut...
EC Education Department investigates principal after she allegedly forced pupils to dispose her excrement 24.07.2025 3:45
Isebe lemfundo eMpuma Koloni liphanda izityholo eziphazamisayo ngakwiNqununu yesikolo samabanga aphantsi iMasakhane, eSeven Fountains ngaseMakhanda. Kutyholwa ngokuba le Nqununu ibisebenzisa kwi-ofisi yayo ibhakethi ukuzithuma ngasese, ze iyalele abafundi ukuba bayokulahla elo lindle likwelibhakethi. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nesithethi sesebe lezemfundo ephondweni, uVuyiseka Mboxela...
VW recalls Polo Sedans 23.07.2025 5:16
I komishoni yezabathengi iNational Consumer Commission, ikhuphe isaziso sokuba zibuyiselwe zonke iimoto zohlobo lwe Volkswagen Polo Sedan ezingamakhulu amabini namashumi amahlanu anesithathu. Le nkampani ithi isizathu sokubuyiselwa kwezi moto ziziphene ezifunyenwe kwii Seat Belt ezikwicala labakhweli. Ukusabela banzi ngesi saziso, emnxebeni sinaye othethela ikomishoni yezabathengi kuzwelonke, u Ph...
TRUNEWS @6 - NPA's factual findings request dismissed 22.07.2025 1:13
Inkundla ephakamileyo yaseGqeberha kwiMpuma Koloni, isikhabile isicelo sebhunga lezotshutshiso kwisizwe, iNPA, nalapho iNPA ibifuna ukuba le nkundla icacise ngesigwebo sayo kwityala abejamelene nalo uTimothy Omotoso. I-NPA kungokunje iza kubhena kwisigwebo sale nkundla kwinkundla yezibheno. Lenkundla yamfumanisa engenatyala uOmotoso nababini abetyholwa nabo, uLusanda Sulani noZukiswa Sitho. Nangon...
We analyse the appointment of the new Higher Education Minister 22.07.2025 8:32
Kwamkelwe yimibutho yezopolitiko eyohlukileyo ukususwa kukaMphathiswa wesebe lemfundo ephakamileyo noqeqesho, uGqirha uNobuhle Nkabane. Emva kwemini izolo, i-ofisi kamongameli uCyril Ramaphosa ivakalise ukuchongwa kwalowo ebengusekelwa mphathiswa kweli sebe uButi Manamela njengomphathiswa omtsha, ngethuba uGqirha Nomusa Ncube-Dube ebhengezwe njengosekela-mphathiswa omtsha kweli sebe. UNkabane ubes...
Trunews @6 - Land has been identified to build houses for Mthatha flood victims 21.07.2025 2:04
Umphathiswa weenguqu kwezomhlaba, uMzwanele Nyhontso neKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo, bachonge umhlaba apho kuzakwakhiwa, kuhlaliswe khona isigxina iintsapho ezichaphazeleke kwizikhukhula zaseMthatha eMpuma Koloni. UNyhontso utyelele iKumkani kwibhotwe layo iNkululekweni, ukuyakuxoxa ngokunikela ngomhlaba kwezintsapho. Kwisithuba senyanga, iimvula ezine ngamandla nezikhukhula zintlith...
Analysis on leader of uMkhonto we-Sizwe Party, Jacob Zuma visit to Morocco 21.07.2025 9:11
Kukho iingxelo zokuba inkokheli yombutho uMkhonto we-Sizwe Party, uJacob Zuma, utyelele ilizwe laseMorocco. Kukho uluvo lokuba oko kwenziwe nguZuma akuhambisani nesigqibo esathathwayo sokuxhasa ilizwe iWestern Sahara. Kukho ukungaboni ngasonye phakathi kweMorocco neWestern Sahara, nalapho kubangwa khona umhlaba. UMzantsi Afrika wathatha isigqibo sokuxhasa ilizwe iWestern Sahara ukuze bafumane ukuk...
Ndileka Mandela comments on Mandela Day 19.07.2025 2:41
UNdileka Mandela nongumzukulwa wowayesakuba ngumongameli weli, uNelson Mandela, uthi uMadiba ebengazokonwaba yimeko eli lizwe elikuyo. Uthi izinga eliphezulu lorhwaphilizo kwakunye nokungasiwa kweenkonzo eluntwini, azihambisani noko wayekulwela. Ebethetha nabendaba zeSABC eNxukhwebe eMpuma Koloni, nalapho urhulumente wephondo ebephawula usuku lukaMadiba. UAbongile Jantjies usenzela lengxelo.
Latest on deported US criminals to eSwatini 18.07.2025 5:17
Amabanjwa amahlanu achazwa njenga nobungozi asuka kwiintolongo zaseMelika, athunyelwe kwintolongo yelizwe lase Swatini. Lamabanjwa ajamelene namatyala ohlukileyo aquka ukubulala nokudlwengula abantwana. Amazwe abo okuzalwa yi-Vietnam, Jamaica, Yemen, Cuba kwakunye naseLaos. Urhulumente waseMelika uthe oorhulumente balamazwe lamabanjwa asuka kuwo, bayala ukuwamkela. UAyabonga Kekana uncokole ...
Similar podcasts
Replaio is not a podcast publisher; show names, artwork and audio belong to their authors and are distributed through public RSS feeds.