SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Where to listen?
Podcasts in the app Replaio Radio Coming soonPodcasts are coming to the app soon. Install now and be the first to see a whole new take on podcasts
Episodes
30 MINUTES LIVE - Eastern Cape Premier expected to meet with scholar transport operators amid public protest 15.10.2025 6:53
Inkulubaphathiswa yephondo iMpuma Koloni u Oscar Mabuyane, kulindeleke ukuba ibambe intlanganiso nabaqhubi bezithuthi ezithutha abantwana ezikolweni zeliphondo. NgoMvulo waleveki baliqela abafundi abasebenzisa ezizithuthi abazibone bengayanga ezikolweni ngenxa yokunqunyanyiswa kwalenkqubo. Ezinye zezizathu zokunqunyanyiswa kwalenkqubo kukungahlawulwa kwabanye abaqhubi. Ababaqhubi batyhola ngokuba...
30 MINUTES LIVE - A Nelson Mandela University student was attacked and killed during a break-in at an off-campus student accommodation in Summerstrand on last night 14.10.2025 6:07
Kusweleke umfundi ze konzakala omnye, ngexa kuqhekezwa kwindawo ehlala abafundi beYunivesiti iNelson Mandela eGqeberha, nengaphandle kweli ziko-mfundo. Ngokokutsho kwale Yunivesiti, lo mfundi wonzakeleyo kungokunje ufumana unyango. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sinesithethi sale Yunivesiti, uZandile Ngwendu...
30 MINUTES LIVE - Cradock Four inquest continues at the Gqeberha High Court 14.10.2025 4:48
Lusuku lwesibini iqhuba inkqubo ekhangela unobangela wokusweleka kwesine esaziwa njengeCradock Four, kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha, eMpuma Koloni. Le nkqubo ikhangela ukuba ukhona na ubani omakathwaliswe uxanduva ngokusweleka kwamatshantliziyo ayechasene nenkqubo yengcinezelo, uFort Calata, uMatthew Goniwe, uSicelo Mhlauli kunye noSparrow Mkhonto, aziwa njengeCradock Four. Esi sine saxhwilw...
30 MINUTES LIVE - The Madlanga Commission has resumed with a new witness known as Mr X taking the stand 14.10.2025 6:42
Kufikelelwe kwisigqibo phakathi kwabo bakhokele ubungqina kwikomishoni kaMadlanga namaziko ezosasazo i Daily Maverick no News 24, ngesicelo sokuba ingqina linikeze ubungqina ekhusini. Oku kuza emva kokuba lamaziko osasazo ephikise isicelo sabo bakhokele ubungqina sokuba ingqina linikeze ubungqina ekhusini. Lekomishoni ibikhe yathatha ikhefu isithuba seeveki ezimbini emva kokuba oyintloko yezobuntl...
30 MINUTES LIVE - Day 2 of suspended National Deputy Police Commissioner for Crime Detection Lt General Shadrack Sibiya's testimony before the Ad Hoc Committee 14.10.2025 7:41
Lusuku lwesibini enikeza ngobungqina phambi kwekomiti yethutyana yepalamente ephanda izityholo zomngcipheko wokhuseleko lwesizwe, usekela mkomishinala wamapolisa onqunyanyisiweyo u Lt Gen Shadrack Sibiya. Izolo sive esithi wayetsalelwa umnxeba ngusomashishini osematheni u Brown Mogotsi wade wahlangana naye ukonwabela isidlo sakusasa. u Sibiya lingqina lesithathu phambi kwalekomishoni emiselwe ukup...
The suspended Deputy National Commissioner, Lt-General Shadrack Sibiya, responsible for Crime Detection, says he has had phone calls from controversial businessman, Brown Mogotsi 13.10.2025 2:46
INTRO: Usekela mkomishinala onqunyanyisiweyo wamapolisa kuzwelonke, uLt General Shadrack Sibiya, uthi wafumana iminxeba esuka kusomashishini osematheni, uBrown Mogotsi, ze badibana kwintlanganiso yesidlo sakusasa. Ulingqina lesithathu ukuvela phambi kwekomiti yethutyana epalamente, nesekelwe ukuphanda izityholo zongenelelo lolwaphulo mthetho, urhwaphilizo nopolitiko kwinkqubo yezobulungisa, nezenz...
NEWSREVIEW-Faith and Freedom: Should the State Regulate Religion? 13.10.2025 47:09
Ngonyaka ka 2015/2016, ikomishoni ejongene neenkolo neelwimi i Cultural, Religious, and Linguistic Rights Commission, yenza uphando ngokwenza inzuzo okanye ushishino ngenkolo kwakunye nokuxhatshazwa kwenkolo abantu abakholelwa kuyo. Oluphando lwaveza izehlo ezahlukileyo eziquka ezo zokusetyenziswa kwezibulali zinambuzane ebantwini kusithiwa bayancedwa. Kwaye kwavela nezityholo zokuxhat...
30 MINUTES LIVE - EC COGTA MEC, Zolile Williams, is expected to deploy 11 government officials to help deal with the Nelson Mandela Bay Metro's ballooning irregular expenditure 09.10.2025 10:17
Kulindeleke ukuba umphathiswa wolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli kwiphondo iMpuma Koloni, iCOGTA ngamafuphi, uZolile Williams, athumele amagosa karhulumente ukuya kunceda umasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay kwinkcitho engafanelekanga yalo masipala exhomileyo, nebalelwa kumashumi amabini anesibini ee-billion zeerandi (R22-billion). UWilliam's uthi inkcitho engafanelekanga yeli phondo, n...
30 MINUTES LIVE - National Police Commissioner General Fannie Masemola will appear before the Ad Hoc Committee 09.10.2025 4:51
Ulindeleke ukuba avele phambi kwekomiti yethutyana yepalamente ephanda izityholo zomngcipheko wokhuseleko lwesizwe, umkomishinala wamapolisa kuzwelonke, uGeneral Fannie Masemola. Ngethuba evele phambi kwalekomiti, uLt General Nhlanhla Mkhwanazi, kwezintsuku zidlulileyo, uvakalise ukuba ipalamente kufuneka yenze uphando ngomphandinzulu u Paul O'Sullivan. Kuninzi nokunye okusele kuvelile kulekomiti....
30 MINUTES LIVE - University of Fort Hare's students ordered to vacate its EL and Alice campuses by 17h00 today. 09.10.2025 7:46
Uqhankqalazo lwabafundi beziko lemfundo ephakamileyo i-Fort Hare eDikeni , eMpuma Koloni, lukhokelele ekuvalweni kwekhampasi nasekugxothweni kwabafundi. Abafundi bayalelwe ukuba baphume kumasongo eli ziko namhlanje, esisigqibo siza emva kokutshishwa kwezakhiwo ezibalulekileyo zale khampasi. Ukuva banzi ngalo mba, uAyabonga Kekana emnxebeni ubambe intatheli yeli jelo, uLubabalo Dada...
30 MINUTES LIVE - Portfolio Committee on Correctional Services' oversight visit at EC Correctional facilities 07.10.2025 4:54
Ikomiti ejongene neenkonzo zoluleko epalamente ibambe utyelelo kwiphondo iMpuma Koloni, ngelokuhlola imo kumaziko oluleko eli phondo, kuquka nokulandelela imiba eyathi yaphakanyiswa kutyelelo lwangaphambili, phakathi kwezinye izinto. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usihlalo wekomiti yeenkonzo zoluleko epalamente, uMs Kgomotso Ramolobeng....
30 MINUTES LIVE - International Day for Decent Work 07.10.2025 6:04
Umfelandawonye wemibutho yabasebenzi, iCOSATU, namhlanje ukhokhele imingcelele kumaphondo awohlukileyo ukubhiyozela usuku lwamazwe ngamazwe olugxile kwimisebenzi engcono, i-International Decent work day ngolwasemzini. EMpuma Koloni, lo mbutho ubambe umngcelele eBhisho. Ukanti eGauteng, iCOSATU ibambe umngcelele ngaphandle kwesibhedlele iTembisa. Le migushuzo yanamhlanje ibaluleke kakhu...
30 MINUTES LIVE - KZN Police Commissioner Lt General Nhlanhla Mkhwanazi appears before the ad hoc committee 07.10.2025 6:49
Ikomiti yethutyana yepalamente ephanda umngcipheko wokhuseleko lwesizwe sele iqalilie ukuphanda izityholo ezeenziwa ngumkomishinala wamapolisa wephondo iKwaZulu-Natal, u Lieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi. UMkhwanazi wavakalisa izityholo zobungozi kukhuseleko belizwe, ekuquka kuzo ubuqhopholololo, ungenelelo kwimiba yopolitiko, kunye nongenelelo loonqevu kwinkqubo yobulungisa yeli, ngethuba&nbs...
30 MINUTES LIVE - South Africa will have a new political party, Unite for Change 06.10.2025 11:03
Imibutho iBuild One South Africa, iGood Party kunye neRise Mzansi, zithathe isigqibo sokudibana baseke umbutho omtsha wezopolitiko obizwa i-Unite for Change. Lo mbutho uzakungenela unyulo loomasipala kunyaka ozayo. Iinkokheli zale mibutho uGqirha Mmusi Maimane, uPatricia De Lille kunye noSongezo Zibi, ziye zenza esi sibengezo izolo eRhawutini. U-Ayabonga Kekana ubambe emnxebeni enye yezi nkokheli,...
NEWS REVIEW - We discuss the recent sexual misconduct allegations that rocked the Eastern Cape schools 05.10.2025 47:56
Ekupheleni kwenyanga esiphuma kuyo, kuye kweerhwelele iindaba ezingentle nalapho ootitshala kwiphondo iMpuma Koloni betyholwa ngokwabelana ngesondo nabantwana besikolo. Ngokoshicilelo lwe-vidiyo obeluthe ndii kumakhasi onxibelelwano, lo mkhwa awuqali ukwenzeka, sele kuyiminyaka, bade abanye abantwana bakhulelwe, bambi bade bayalelwe ngootitshala ukuba bakhuphe ezi zisu. Bakhona ootitshala abade ba...
INTERCHANGE - EC Provincial three-day Book Fair is underway in BCM 04.10.2025 7:10
ISebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko kwiphondo leMpuma Koloni, liza kubamba umboniso weencwadi, i-Book Fair ngolwasemzini, kumasipala ombhaxa i-Buffalo City. Lo msitho, noqale izolo, uza kuqhuba de kube ngumhla wesihlanu kule imiyo. Lo msitho udibanisa ababhali abohlukileyo, ukwa liqonga lokubamba iingxoxo ngemiba eyohlukileyo, kuquka kuyo umgama osele uhanjiwe ngurhulumente wenkqubo yesin...
Constitutional Court has ruled that both parents regardless of gender, sex, colour or circumstances will now be entitled to equal parental leave 03.10.2025 9:25
Inkundla yomgaqo-siseko igwebe ngelithi abazali bobabini banelungelo lokwaba ikhefu lobuzali emva kokuba beye banosana olutsha. Eli khefu nelaziwa ngokuba yi parental leave, ngaphambili belivumela oomama ukuba baxhamle iinyanga ezine kulo xa begqiba kubeleka; ze ootata bona baxhamle iintsuku ezilishumi kuphela. Isigwebo senkundla ngoku sithi abazali bobabini mabohlulelane ngeli khefu phantsi komth...
The African National Congress has distanced itself from Brown Mogotsi 02.10.2025 2:59
Umbutho we-ANC uzibhekelisile kuBrown Mogotsi, ekutyholwa ukuba ungumntu osondele kumphathiswa wamapolisa, uSenzo Mchunu, osele ebekwe kwikhefu elikhethekileyo. Unobhala jikelele walo mbutho, uFikile Mbalula, uthethe nabeendaba ngeziphumo zekomiti ejongene nemisebenzi yemihla ngemihla ye-ANC, kundlunkulu wombutho iLuthuli House. Uthi kukho abantu abangacacanga abasebenzisa igama le-ANC nabathunywa...
30 MINUTES LIVE - The Global Sumud Flotilla says multiple of their vessels have been illegally intercepted and boarded by Israeli Occupation Forces 02.10.2025 8:03
IGlobal Sumud Flottila, neyintlanganisela yamatshantliziyo aphuma kumazwe ngamazwe akholelwa kwisidima somntu namandla eentshukumo ezingasebenzisi zigalo, ithi uthotho lweenqanawa zayo zithintelwe yimikhosi kaSirayeli ukuba zihambe kwiilwandle zamazwe ehlabathi. La matshantliziyo, nekukho phakathi kwawo uNkosi Mandla Mandela, aquka oogqirha, abefundisi, amagqwetha nemibutho yesisa, phakathi...
EFF leader Julius Malema plans to appeal the guilty verdict against him, that was handed down by the East London Magistrates court. 01.10.2025 3:52
Inkokheli yeEFF, uJulius Malema, ifunge ngelokubhena kwisigqibo senkundla kaMantyi eMonti sokumfumanisa enetyala. UMalema ufunyaniswe enetyala lokuba nompu neembumbulu ngokungekho mthethweni, nokudubula esidlangalaleni ngethuba lemibhiyozo yeEFF yokugqiba iminyaka emihlanu, kwibala lezemidlalo iSisa Dukashe eMdantsane ngo2018. Owayesakuba ngunogada wakhe nabetyholwa naye, uAdriaan Snyman, ufunyani...
30 MINUTES LIVE - SA Ambassador to France, Nathi Mthethwa has passed on 01.10.2025 3:12
Lusothukile uluntu loMzantsi Afrika kukusweleka konozakuzaku weli kwilizwe laseFrance, uNathi Mthethwa. Ngaphambi kwesi sikhundla, uMthethwa wayesakuba ngumphathiswa wamapolisa, ze kamva waba ngoweSebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko. Ngokweengxelo ezikhutshwe liSebe lobudlelane namazwe ehlabathi, iDIRCO ngamafuphi, umzimba kaMthethwa ufunyenwe ngaphandle kwehotele iHyatt Regency Hotel ekwiNtshon...
30 MINUTES LIVE - The EFF Leader, Julius Malema has been found guilty for unlawful possession of a firearm, ammunition and discharging a firearm in public during EFF's 5th anniversary celebrations 01.10.2025 3:59
Ifunyenwe inetyala inkokheli yeEFF uJulius Malema, kwinkundla kaMantyi yaseMonti, eMpuma Koloni, ngelixa atyholwa naye uAdrian Snyman efunyaniswe engenatyala. uMalema ubejongene netyala lokudubula kwi rally eyayibanjelwe kwibala lezemidlalo laseMdantsane iSisa Dukashe ngonyaka ka-2018. Lo wayesakuba ngunogada wakhe, uSnyman, ubejongene nezityholo zokuba nompu kunye neembumbulu ngokungekho mthethwe...
NEWS REVIEW - NSFAS funding mechanism 29.09.2025 44:43
Ivulwe ngokusesikweni inkqubo yokufaka isicelo sokuxhaswa yingxowamali exhasa izifundo zabafundi abakumaziko emfundo ephakamileyo, iNSFAS, kulungiselelwa unyaka ka-2026. Apha kwinkqubo-ndaba yakho sikhe sathetha neNSFAS ngendlela abaqhuba ngayo ekuxhaseni abafundi ngemali, nemingeni abaye bahlangabezana nayo ekunikezeleni ngale mali kulo nyaka. Ukuxoxa banzi ngalo mba, kuquka indlela yokufaka izic...
30 MINUTES LIVE - The Constitutional Court is examining whether South Africa's current laws on sexual consent violate victims' constitutional rights to dignity, equality, freedom and security. 25.09.2025 9:44
Inkundla yomgaqo-siseko iphulaphule ityala eliyimbali, nelingahle libe nefuthe kwindlela amatyala angqamene nokwabelana ngesondo atshutshiswa ngayo, kweli loMzantsi Afrika. Imibutho elwa impatho-gadalala ngokwesini, ichwechwele le nkundla ngelokuva ukuba yona iyangqinelana nyhani na nesigwebo senkundla ephakamileyo yoMntla-Gauteng, nalapho la nkundla yagweba ngelithi amasolotya athile kumthetho ob...
30 MINUTES LIVE - Eastern Cape to commemorate 150 years of SEK Mqhayi during Heritage Day 2025 24.09.2025 9:46
Nanjengoko namhlanje uMzantsi Afrika ubhiyozela inyanga yamafa, iphondo iMpuma Koloni likwabhiyozela ubomi bombhali owaziwayo weencwadi zesiXhosa, uSamuel Edward Krune (SEK) Mqhayi, nobezakube ebhiyozela ikhulu elinamashumi amahlanu eminyaka (150 years) ukuba ebesaphila. Urhulumente wephondo, neYunivesiti iWalter Sisulu, babambe umsitho wokukhumbula le mbongi yosiba, umbhali neqhayiya lenkcu...
Similar podcasts
Replaio is not a podcast publisher; show names, artwork and audio belong to their authors and are distributed through public RSS feeds.