SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Where to listen?
Podcasts in the app Replaio Radio Coming soonPodcasts are coming to the app soon. Install now and be the first to see a whole new take on podcasts
Episodes
30 Minutes Live - The South African Human Rights Commission in the Eastern Cape subpoenas National Treasury and Eastern Cape to the National Director-General of the Eastern Cape Rural Development and Agrarian Reform. 06.11.2025 6:34
Ikomishoni yamalungelo oluntu eMpuma Koloni izolo ibikhwebe isebe lophuhliso lwasemaphandleni kunye ne-ofisi kaNondyebo, ukuba bavele phambi kwabo ngelokumamela inkqubela yezicwangciso zabo bengurhulumente, ukuba baqubisane nomngeni wokungondleki kwabantwana ephondweni. Ikomishoni inenkolelo yokuba nangona nje yayikhuphe ingxelo ebonisa ubuzaza balo mngeni ngo-2023, neyayineziphakamiso okanye izin...
MKP Deputy President has been suspended and ordered to cease all activities relating to the party. 06.11.2025 8:42
Unqunyanyisiwe njengosekela-mongameli nenkokheli ye MK Party epalamente, uGqirha John Hlophe. Oku kulandela isigqibo sakhe sokufaka uDes Van Rooyen kwisikhundla sikaCollen Makhubele sokuba ngumbhexeshi wala mbutho, epalamente ngempelaveki. Kwingxelo ekhutshwe ngulo mbutho, uHlophe usithathe esi sigqibo engafakananga milomo neenkokeli zalo mbutho. Ayabonga Kekana umbambe udliwanondlebe nomhlalutyi...
30 MINUTES LIVE - Commission for Gender Equality cites poor oversight, lack of accountability and inadequate resources in Eastern Cape units 05.11.2025 6:31
Ngokwengxelo yekomishoni kamakulinganwe ngokwesini ( CGE), kuvele ukusilela kwizinto eziliqela kumaziko eThuthuzela eMpuma Koloni, kuquka ulawulo olugwenxa nokungabikho kwezixhobo zokusebenza. Amaziko eThuthuzela asekwe ukunceda nokuxhasa amaxhoba ajongene nempatho mbi esekelezelwe kwisini kunye nokuxhatshazwa ngokwesondo. Ukuva banzi ngale ngxelo, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela le ko...
30 MINUTES LIVE - Is it a sign of a healthy democracy to have over 500 political parties or is it democracy overdose? 05.11.2025 11:10
Ingaphezulu kwamakhulu amahlanu imibutho yezopolitiko ebhaliswe kwikomishoni ezimeleyo yonyulo, ngaphambi konyulo oluzakubanjwa phakathi kwenyanga yeNkanga ( November) 2026, neyoMqungu ( January) 2027. Oku kuvakaliswe yiIEC ngethuba ibinikezela ingxelo ngomgama abasele bewuhambile ukulungiselela unyulo. Ingaba iyadingeka imibutho emininzi? Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yonyulo,...
Data from the Reuters Institute Report indicate that more people rely on Facebook for news content, compared to any other social media platforms 03.11.2025 7:44
Ingxelo ekhutshwe yi-Reuters Institute, ibonisa ukuba abantu basebenzisa kwaye bathemba iqonga lonxibelelwano u-Facebook ukufumana iingxelo zeendaba kunye nolwazi abaludingayo. Ngumyinge ka-50 percent wabantu abathi bathemba u-Facebook, ngethuba umyinge ka-16 percent wona usithi uthemba iqonga elibizwa ngo-X nowayengu-Twitter. Enye into le ngxelo eyivezileyo kukuba abantu bathemba kakhulu iz...
NEWS REVIEW - We discuss the proposed Maternal Support Grant meant to help pregnant women meet basic needs. 03.11.2025 51:01
Ukuxhaswa koomama ngemali ngexesha besakhulelwe kungaphucula impilo nokondleka kukamama nosana olungekazalwa, kwehlise uxinizelelo abanalo umama ozithweleyo, kwehlise iimpawu zokudandatheka ngokwasengqondweni, ixhala nokuzalwa kwabantwana abangondlekanga. Olu luluvo lwemibutho engekho phantsi kukarhulumente, nememelela ukuxhaswa ngemali koomama abazithweleyo, iMaternal Support Grant okanye iMSG ng...
INTERCHANGE - The Eastern Cape provincial legislature held a public engagement to address challenges in public health facilities in the Nelson Mandela Bay Metro 01.11.2025 2:39
ISebe lezempilo kwiphondo iMpuma Koloni, linesicwangciso sokuguqula isibhedlele esijongene nesifo sephepha, iEmpilweni eGqeberha, ibe sisibhedlele sesithili. Oku kukukhawulelana nenkxalabo esele inethuba ivakaliswa luluntu yokuphuphuma ngokugqithisileyo kweekliniki nezibhedlele. Indlu yowiso-mthetho yephondo, ithethane noluntu ukuqubisana nemingeni yokungafikeleli kunyango olusemgangathweni kumazi...
INITIATION TRAINING 31.10.2025 7:05
Urhulumente wephondo i Mpuma Koloni kunye neenkokheli zemveli, usungule iphulo elizakuqeqesha iingcibi namakhankatha abantwana abasesuthwini. Isebe lentsebenziswano kulawulo lukarhulumente lithi oluqeqesho luzakuquka nongenelelo lwezempilo kwelisiko lolwaluko. Oku kwenziwa nangoko elisiko lijamelene nemingeni efana nokungakhathalelwa kwabantwana, impatho mbi, ukunxanwa nokubethwa kwabantwana phaka...
Pressure is mounting to do away with deputy ministers 30.10.2025 4:09
Ziyakhula izimemelelo zokuba zipheliswe izikhundla zoosekela baphathiswa emva kokuvela ukuba kuphele unyaka oosekela baphathiswa bamapolisa ababini bengakhange banikwe msebenzi, uzakuba luxanduva lwabo. Ebutsheni baleveki usekela mphathiswa wamapolisa, uCassel Mathale, uxelele ikomiti yethutyana yasepalamente ukuba umphathiswa wamapolisa okwikhefu elikhethekileyo, uSenzo Mchunu, akakhange abanike...
NEWSREVIEW-Political Wrap 28.10.2025 35:28
Zibeliqela iindaba ezibengundaba-mlonyeni kwezopolitiko kule veki siyiqukumbelayo, nesingakhange sikwazi ukuba sijonge kuzo. Owayesakubangumongameli weli uJacob Zuma uyalelwe yinkundla ukuba ahlawule imali engapha kwe-28 million rands yeendleko zomthetho nawazihlawulelwa ngumbuso kwityala ajamelene nalo elibandakanya intengo yezixhobo. Umbutho i-Afrika Mayibuye wona ugxothe usekela mongameli wawo...
SAHPRA officially registered Lenacapavir, a long-acting injectable medicine for HIV 28.10.2025 10:14
UMzantsi Afrika kungekudala uzakubanechiza elisisitofu sokuthintela ulosuleleko lwentsholongwane i-HIV. Oku kulandela ukubhaliswa nokupasiswa kwesi sitofu iLenacapavir ngokusesikweni, ngukhala olawula usetyenziso lwamachiza kweli, iSouth African Health Products Regulatory Authority. Esi sitofu ixesha elide besisetyenziswa eMelika kuphela, kwaye sixabisa imali eninzi kakhulu ukuba ilizwe lingasithe...
Human trafficking accused denied bail 27.10.2025 1:38
INTRO: Inkundla kaMantyi eMonti eMpuma Koloni, imalele ibail usekela-nqununu, uVuyokazi Gana, otyholwa ngokurhwebesha amantombazana aselula ewathembisa ngamathuba emisebenzi, kanti uzakuwafaka kushishino lokuthengisa ngomzimba. UGana kutyholwa ngokuba konke oku ebekwenza kumzi wakhe eQuigney, eMonti. Inkundla igwebe ngelithi ukuba anganikwa ibheyile lonto ingabeka emngciphekweni ubomi babantu aban...
Former Police Minister, Bheki Cele, says he is of the opinion that the appointment of Riah Phiyega as Police Commissioner in 2012 was a deliberate attempt to weaken SAPS 25.10.2025 2:14
Owayesakuba ngumphathiswa wamapolisa uBheki Cele uthi unembono ethi ukuqeshwa kuka Riah Phiyega njengomkomishinala wamapolisa ngo2012 yayililinge langabom lokuthibaza inkonzo yesipolisa. UCele unika ubungqina kwikomiti yethutyana yepalamente, esekelwe ukuqwalasela izityholo zongenenelelo loonqevu, urhwaphilizo, nopolitiko kwinkqubo yezobulungisa. Ezizityholo zenziwe ngumkomishinala wamapolisa eKZN...
30 MINUTES LIVE - Optism as SA awaits its FATF grey list verdict 23.10.2025 10:08
Ilizwe loMzantsi Afrika lilinde ngabomvu isigqibo se Financial Action Task Force, iFATF ngamafuphi, ngokubhekiselele ekukhutshweni kweli lizwe kuluhlu lwamazwe ekusemngciphekweni ukwenza nawo ushishino. Olu luluhlu lwamazwe angenankqubo zomeleleyo zokuthintela ukugudiswa kwemali eze ngondlela-mnyama, kuquka nokuxhaswa kwezenzo zobunqolobi. UMzantsi Afrika wafakwa kolu luhlu ngeyoMdumba ngonyaka ka...
30 MINUTES LIVE - Mchunu's day 4 giving testimony infront of the Ad hoc committee 22.10.2025 8:14
Namhlanje lusuku lwesine enikezela ubugqina phambi kwekomiti yethutyana yasepalamente, umphathiswa wamapolisa obekwe kwikhefu elikhethekileyo, u Senzo Mchunu. Le komiti iphanda izityholo zongenelelo lwezopolitiko, urhwaphilizo, nolwaphulomthetho kwinkqubo yobulungisa yeli. Izolo u Mchunu uphendule umbuzo welungu lepalamente le DA, u Glynnis Breytenbach, wokuba buza kutshintshwa njani ubuqhophlolo...
Land claims commissioner in the EC roll out a public awareness drive 21.10.2025 8:44
Ikomishoni ejongene namabango omhlaba eMpuma Koloni, izakubamba amaphulo okuqinisa ubudlelane noluntu. Oku kuza emva kwenkxalabo ephakanyiswe luluntu ngokucotha kwenkqubo yokuhlawulwa koluntu olufake amabango omhlaba. Kunyaka mali ka 2024/2025, iphondo leMpuma Koloni belizibekele ukuhlawula amabango angaphezulu kwamakhulu amathathu. UAmanda Xhala uncokole nomkomishinala ojongene namabango omhlaba...
Witness A continues with his testimony on the Madlanga Commission.) 21.10.2025 8:00
Ingqina elichazwa ngo "Witness A" liyakuqhuba nokunika ubungqina kwikomishini yophando kaMadlanga ePitoli. Lo mcuphi onikwe uxanduva lokuphanda imikhambathi yolwaphulo-mthetho ungenise ingxelo eyothusayo izolo, neziquka unxulumano phakathi kwamagosa aphezulu kwinkonzo yesipolisa, nabantu abathile abatyholwa ngokuba ngongqondo-ngqondo kwizenzo zolwaphulo-mthetho. Kubungqina bakhe, uWitness A uveze...
DA announces plans to challenge bee policy 20.10.2025 3:17
INTRO: I-DA imemelele ekubeni kupheliswe umgaqo-nkqubo weBlack Economic Empowerment, iBEE ngamafuphi, isithi iyibulele imisebenzi, wakhuthaza urhwaphilizo kwaye wakwaxhamlisa nabantu abanonxulumano nabezopolitiko. Ngethuba lendibano noonondaba kundlunkulu wawo eBruma, kwimpuma yeRhawuti, lo mbutho uchaze iinkcukacha ngomthetho wawo oyilwayo nothi uquka wonke ubani, iEconomic Inclusion for All Bill...
30 MINUTES LIVE - COGTA Minister Velenkosini Hlabisa is expected to visit His Majesty King Zwelozuko Matiwane of the AmaMpondomise Kingship in Qumbu 20.10.2025 4:40
Umphathiswa wolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli uVelenkosini Hlabisa, ephelekwe ngusekela wakhe uPrince Zolile Burns-Ncamashe, batyelele ikomkhulu lamaMpondomise kuQumbu namhlanje. Olu tyelelo lulandela isicelo esenziwa nguKumkani uZwelozuko Matiwane wamaMpondomise, nalapho wacela kwiSebe ukuba makhe kubanjwe iingxoxo ngokuvuselelwa ngokutsha kwamabhunga emveli, kuquka neminye imiba yorhu...
NEWS REVIEW - Raising an important awareness on the broad definition of "consent" and what would constitute rape if consent is not granted. 20.10.2025 45:33
Kuye kubekho ukubhideka phakathi kokuvumelana ukwabelana ngesondo kwisibini esithandanayo, nokudlwengula ngokwasemthethweni. Ukuvumelana phakathi kwabo babelana ngesondo yeyona nto ibonwa njengengundoqo. Iminyaka yabo babelana ngesondo nayo yinto ebaluleke kakhulu, nanjengoko umgaqo-siseko weli uchaza. Iminyaka elishumi elinesithandathu ubudala ngokomthetho, ichazwa njengeminyaka eselungelweni uku...
30 MINUTES LIVE - We look at the state of readiness for the province and its target for the results 17.10.2025 4:35
Umphathiswa wezemfundo kwiMpuma Koloni, uFundile Gade, ukwisikolo samabanga aphakamileyo iHumansdorp, nalapho azakuthi adandalazise ukulungela kweli phondo ukubamba iimviwo zokuphela konyaka eziqalisa ukubhalwa kwiveki ezayo. Ebutsheni bale veki, ibhunga eliqwalasela umgangatho weemviwo neziphumo zebanga leMatriki, elibizwa Umalusi, likunqwalele ukuchotshelwa kweemviwo. Ingaba iphondo leMpum...
30 MINUTES LIVE - The Hawks East London arrest a teacher in relation to allegations of human trafficking and prostitution involving young women 16.10.2025 9:47
Uvela enkundleni namhlanje utitshala ominyaka ingamashumi amahlanu anesibini ubudala, notyholwa ngokushishina ngamanina aselula eMonti eMpuma Koloni. Ngokwengxelo ye-Hawks ephondweni eli nina libanjwe izolo emva kophando lwabo bebeluqhuba, nalapho kutyholwa ukuba umrhanelwa lo ebeqokelela amantombazanana kwimimandla efana nakuQumbu, eMthatha naseNgqeleni ze zisiwe eMonti nalapho bezinyanzeliswa uk...
30 MINUTES LIVE - Madlanga Commission of Inquiry continues in-camera 16.10.2025 6:29
Usihlalo wekomishoni kaMadlanga, uJaji Mbuyiselo Madlanga, ugwebe ngelithi amajelo eendaba noluntu abazokuvumeleka kwiintshukumo zanamhlanje zale komishoni. Uthi izizathu zoku kukuba umba ekuza kuthethwa ngawo namhlanje usekelezelwe kuphando oluqhubayo. Le komishoni iphanda ngezityholo zolwaphulomthetho, urhwaphilizo nongenelelo lwezopolitiko nolwaphulomthetho kwinkqubo yezobulungisa yeli lizwe. U...
30 MINS LIVE - Senzo Mchunu expected to appear before the committee investigating allegations of criminal infiltration, corruption and interference in the justice system 16.10.2025 6:07
Uvele phambi kwekomiti yethutyana yepalamente ephanda izityholo zomngcipheko wokhuseleko lwesizwe,obekwe kwikhefu lethutyana ongumphathiswa wamapolisa kuzwelonke, u Senzo Mchunu. Oku kulandela izityholo zomkomishinala wamapolisa e KZN u Nhlanhla Mkhwanazi zokuba amagosa aphezulu esipoliseni kuquka uMchunu, abandakanyeka kwizenzo zobuqhophololo nongenelelo lopolitiko kwinkqubo yobulungisa. U...
Umalusi, says security measures have been tightened ahead of the 2025 matric exams 15.10.2025 3:22
Ibhodi eqinisekisa ukuba semgangathweni kweemviwo neziphumo zebanga leMatriki, Umalusi, ithi baqinise amanyathelo okhuseleko kulungiselelwa iimviwo zaMatriki eziqalayo ngoLwesibini weveki ezayo. Umalusi uthi sele kuqalile ukushicelelwa nokugcinwa ngendlela ekhuselekileyo kwamaphepha eemviwo, kwaye balandela iinkqubo ezizizo zokuqinisekisa ukunyaniseka nomngangatho onguwo weemviwo. Bangaphaya kwesi...
Similar podcasts
Replaio is not a podcast publisher; show names, artwork and audio belong to their authors and are distributed through public RSS feeds.