SABC News

trufm Current Affairs

News EN ↓ 1040 episodi

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.

Visita il sito del podcast e sostieni chi lo crea: www.sabcnews.com

Autore

SABC News

Categoria

News

Sito del podcast

www.sabcnews.com

Ultimo episodio

2 nov 2026

Dove ascoltare?

I podcast nell'app Replaio Radio In arrivo

I podcast stanno per arrivare nell'app. Installala ora e scopri per primo un modo tutto nuovo di vivere i podcast

Scaricala su Google Play Installala gratis Android quasi 10 mln di download · valutazione 4,8 iOS in arrivo

Episodi

TRUNEWS @6 - President Cyril Ramaphosa says the growth in political parties reflects the democratic principle that "the people shall govern." 02.11.2026

Umongameli uCyril Ramaphosa ukhusele urhulumente we-democrasi weli olawulwa ngokubambisana kwamaqela ezopolitiko, esithi ukwanda kwamaqela ezopolitiko kubonisa umgaqo we-democracy othi "the people shall govern", oko kuthetha ukuba abantu bakuzikhethela urhulumente ofunwa ngabo. URamaphosa ukutsho oku ngexa etyelele ii-ofisi ze-Premier Soccer League, iPSL ngamafuphi eParktown eRhawutini, nalapho ah...

TRUNEWS@6: Coaltion governemnt predictions ahead of local government elections 02.11.2026

Nanjengoko kujongwe kunyulo loorhumente basemakhaya, uqikelelo lubonakalisa ukuba ngahle oomasipala abaliqela kwabo bambhaxa kungabikho mbutho uphumelela ngesininzi. Umbuzo ngoku ngowokuba, ingaba uMzantsi Afrika ungena kwixesha apho sizakubona ulawulo lwendibanisela iyinto yesiqhelo, elilizwe ekufuneka luziqhelanise nayo kusini na. Ukusinceda ukuqwalaslea esingakulindela kolunyulo nekamva loorhul...

TRUNEWS@6: EC SPECIAL VOTES DAY ONE 02.11.2026

Namhlanje ibilusuku lokuqala lovoto olukhethekileyo kunyulo looMasipala basekhaya. Abavoti abanelungelo lokuvota ngokukhethekileyo bafumene ithuba lokuvota ngaphambi kosuku lonyulo oluzakubanjwa ngoLwesithathu umhla wesine kule imiyo. Our reporter Lubabalo Dada has more.....

TRUNEWS@6 ELECTIONS ANALYSIS OPINION PIECE BY DR NYEMBEZI 02.11.2026

Ngempelaveki esiphuma kuyo imibutho yezopolitiko iqukumbele iirally zayo zokugay' elinkxaso, nanjengoko namhlanje luqalile unyulo lweevoti ezikhethekileyo kunyulo loorhulumente basekhaya. Ingaba amaqela ezopolitiko enze ngokwaneleyo ukurhwebesha abavoti ukuba bavotele la maqela? Imiqulu yezithembiso yawo yona, iyathetha nabavoti neemfuno zabo kusini na? Ukuphendula le mibuzo neminye, emnxebeni sin...

nobhevu 31.10.2026

Ngenzame zokunceda uluntu lufunde umsebenzi wezandla uZama Nobhevu noyinzalelwane yase Ngcobo kwilali yase Nkondlo eGibeni, eMpuma Koloni, uhamba umgama omde osuka kwelinye iphondo esiya kwelinye, kwiphulo lakhe lokwenyusa inkxasomali ejolise ukuze kufezekiswe iminqweno yakhe. Kunyaka ophelileyo uhambe esuka eGauteng kwindawo yase Greenfields, esingise eNtshona Koloni. Ngomso uzakusuka eGauteng as...

INTERCHANGE-Abantu Besizwe skills training programme empowers EC youth through film and television 31.10.2026

Inkampani yezonxibelelwano iNelana Media House ibambisene ne Nkosi Jongumsobomvu Maqoma Foundation, zikwiphulo lokuxhobisa kwakunye nokuphuhlisa izakhona zamagcisa,kudalwe namathuba engqesho kwicandelo lemiboniso bhanyabhanya. Le nkqubo ebizwa Abantu Besizwe Skills Training Programme, ivulela indlela abantu abatsha ukuba bakwazi ukufumana izakhono namathuba engqesho kamabona kude nakwicandelo loku...

TRUNEWS @6 - A wrap of this week's sporting events and a preview of the weekend games 30.10.2026

Ibonakala izakuba yimpela veki exakekileyo le kwezemidlalo nalapho iqela lebhola ekhatywayo i Orlando Pirates lizakudlala umdlalo wekhulu linamashumi asibhozo anesithandathu ( 186th edition) ne Kaizer Chiefs we Soweto Derby. Kwaye kuninzi okusemngciphekweni kwi Pirates ngaphandle kwalamanqaku mathathu we Betway Premiership.  Kwelinye icala iqela lesizwe lebhola yeqakamba likusuku lwesihlanu k...

TRUNEWS @6 - Fired MK Party secretary general, Sibonelo Nomvalo, addressed the media in Durban about his removal from the party 30.10.2026

Unobhala jikelele weqela i MKP ogxothiweyo uSibonelo Nomvalo,  uthi iingxelo zobuntlola ezibubuvuvu kwakunye nemifanekiso eyenziwe ngobuxhakaxhaka be AI, zisetyenziswe ukulahlekisa  umongameli weli qela uJacob Zuma ukuze amgxothe kwesisikhundla. UNomvalo uthethe neentatheli eThekwini ngokugxothwa kwakhe. Kwiveki ephelileyo uJacob Zuma unike uNomvalo uphumaphele njengonobhala jikelele wel...

TRUNEWS @6 - Concerns over the late notification of Parliament about the SANDF deployment to KZN 30.10.2026

Amalungu ekomiti ejongene nezokhuselo epalamente, akhalaza ngelithi awaziswanga kwangexesha ngomba wokuthunyelwa kwamajoni kwiphondo iKwaZulu-Natal, nebekufanele ukuba kuchazelwe ipalamente kuqala. Ngamajoni angamakhulu amahlanu aneshumi athunyelwe kwela phondo ngelokunika inkxaso kumapolisa. Oku kulandela iziganeko zoqhankqalazo olundlongo-ndlongo nokuzithathela kwizinto zabantu kweminye imimandl...

TRUNEWS @6 - Human Settlements Minister visits flood affected areas in Easter Cape's OR Tambo region 30.10.2026

Umphathiswa wokuhlaliswa koluntu, uThembi Simelane, uthi iziseko zebhulorho neendlela ziye zachatshazelwa kakhulu ziimpuphuma zakutshanje neziye zathwaxa imimandla ethile yephondo iMpuma Koloni. USimelane ebetyelele imimandla echaphazelekileyo eNgqeleni naseMqanduli, kummandla i-OR Tambo kweli phondo, ngelokuvavanya ubongakanani bomonakalo odalwe zezi mpuphuma. UFundiswa Mhlekude usiqulunqele le n...

TRUNEWS @6 - No Israel political party that gained parliamentary majority 29.10.2026

Sele kubalwe ngaphezulu kwe-97 percent yeziphumo zonyulo zelizwe lakwaSirayeli, nobelubanjwe ngoLwesibini waleveki. Ezo sele zibaliwe zibonakalisa ukuba umbutho wenkulu mbuso yelalizwe uBenjamin Netanyahu kwakunye nalowo uphikisayo uGadi Eisenkot, ayifumenanga sininzi sevoti epalamente. Umbutho kaNetanyahu ufumene izihlalo ezingamashumi amahlanu anesithathu ngelithuba izihlalo ezingamashumi amane...

TRUNEWS@6-Build One South Africa (BOSA) leader Mmusi Maimane says the party is confident its message has resonated with voters 29.10.2026

Inkokheli yombutho iBuild One South Africa, iBOSA, uMmusi Maimane, ithi lo mbutho uqinisekile ukuba umyalezo wayo uthetha ngqo nabavoti, nanjengoko ulungiselela ukukhuphisana kunyulo lwawo lokuqala ngqa loorhulumente basekhaya oluza kubanjwa ngomhla wesine kwinyanga ezayo. UMaimane ebethetha namajelo eendaba eFinetown, eRhawutini, nalapho lo mbutho ubusindleke irally yawo yokugqibela ngaphambi kol...

TRUNEWS@6-DA rally in Nelson Mandela Bay 29.10.2026

I-Democratic Alliance ikwiphulo layo lokugqibela lokuqinisekisa ukuba itsala umdla wabavoti bomasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay, ze iqhube nesininzi sayo kumasipala iKouga, nanjengoko uMzantsi Afrika usiya kunyulo loorhulumente basekhaya ngomhla wesine kwinyanga ezayo. E-Nelson Mandela Bay, ukhuphiswano lumandla nangakumbi. Kunyulo loorhulumente basekhaya ngo-2021, imibutho yezopolitiko iDA ne-...

TRUNEWS@6-Taxi violence flare up in Cape Town in the WC 29.10.2026

Inkonzo yesipolisa kweli nesixeko saseKapa bachazele oonondaba ngamanyathelo okuhlangabezana nodushe oluthe gqolo lusehla kushishino lwee-taxi, kwiphondo iNtshona Koloni. Oku kulandela uthotho lweziganeko zodubulo phakathi kwemihlambi eyalanayo yemibutho yoo-notaxi sukela ngomhla weshumi elinesithandathu kule nyanga, nto leyo ekhokelele ekubulaweni kwabantu nakwizenzo zokuzama ukubulala. Amapolisa...

TRUNEWS @6 - How to prevent the spread of misinformation and disinformation on the internet? 28.10.2026

Le nyanga yinyanga ekuqatshelwa ngayo ukhuseleko kwi-intanethi, iCyber Security Month ngolwasemzini. Namhlanje siza kuqwalasela indlela esinokuthintela ngayo ukunwenwa kweendaba ezingeyonyaniso kwi-intanethi. Ukuxoxa banzi ngalo mba, u-Amanda Xhala uncokole nomanejala ophezulu ojongene nezobuchwepheshe kwi-Information Regulator, uLangithemba Mazibu...

TRUNEWS @6 - Looking at the deployment of soldiers to KwaZulu-Natal 28.10.2026

Kuthunyelwe amajoni angaphezulu kwamakhulu amahlanu kwiphondo iKwaZulu-Natal kwiinzame zokugcina ucwangco. Umongameli uCyril Ramaphosa uxelele usomlomo wasePalamente uThoko Didiza kwakunye nosihlalo webhunga lamaphondo uRefilwe Mtsweni-Tsipane, ngesigqibo sakhe sokuthumela lamajoni ayokuncedisana namapolisa elaphondo. Lamajoni azakuhlala kude kube sekupheleni kwenyanga yeNkanga. Kuqikelelwa ukuba...

NewsReview-Discussing governance issues in the EC municipalities 28.10.2026

TOPIC: Discussing governance issues in the EC municipalities highlighted during the election debates GUEST: Precious Lugayeni ( Governance expert)

TRUNEWS@6: IEC WEDNESDAY: Getting voter ready for election day 28.10.2026

Njengoko kushiyeke iintsuku ezingaphantsi kweshumi ngaphambi konyulo loomasipala basekhaya, ikomishoni yonyulo -ICE ithi ikwinqanaba lokugqibela kumalungiselelo okuqinisekisa ukuba abavoti bakulungelele ukuvota , nokuba inkqubo yokuvota iza kuhamba ngendlela. Emnxebeni sinaye ophuma kule komishoni ephondweni, uMasindi Mosehana

TRUNEWS @6 - Seven refurbished railway stations along the KuGompo City rail corridor have been officially opened 27.10.2026

Umphathiswa wezothutho, uBarbara Creecy, uvule ngokusesikweni izikhululo zoololiwe ezisixhenxe ezilungiswe ngokutsha kwisixeko saKuGompo. Izikhululo zikaloliwe, esaseMtsotso, eFort Jackson, ePenmure, eMdantsane, eArnoldton, eMount Ruth naseWilsonia bezonakalisiwe, kwaye i-arhente yothutho ngoololiwe kweli, iPRASA, iye yazilungisa ezi zikhuluko. Umphathiswa uthi bamisele iintshukumo ezizizo zokuthi...

TRUNEWS @6 - Analysing the revised White Paper on Local Government 2026 27.10.2026

Analysing the revised White Paper on Local Government 2026  Izolo sincokole nomphathiswa wesebe lorhulumento ngobambiswano malunga noxwebhu oluphononongiweyo olubizwa iWhite Paper, oluzakubona kusenziwa utshintsho olukhulu koomasipala beli. Umphathiswa uVelenkosini Hlabisa uthe oku kukucwangcisa kwakhona (reset) oomasipala beli kuba kubonakala ukusilela kwe White Paper eyaqulunqwa ngo1998. Ut...

DISABILITY POD 27.10.2026

Icandelo elijongene namalungelo abantu ababandazeleke ngokwamalungu omzimba eMpuma Koloni, libambisene norhulumente wephondo liza kusungula inyanga yamalungelo abantu ababandazeleke ngokwamalungu omzimba ngomso, kwikhaya labantu abadala iEthembeni eMdanstane. Oyingqonyela ye Disability Economic Empowerment Trust, uThabiso Phetuka usichazela banzi ngoku

NUMSA NEC STRIPS JIM ANC CHIRWA OFF THEIR POWERS 27.10.2026

Ikomiti yesigqeba solawulo ye NUMSA iwohluthile amagunya kunobhala jikelele walombutho u Irvin Jim, umongameli u Andrew Chirwa, kunye anamanye amalungu olawulo kulemanyano yesinyithi. Lekomiti ityhola ezinkokheli ngokutyeshela imisebenzi yazo nokungazichopheli nokurhoxisa iintlanganiso zalemanyano. Sithe ke kwinkqubo yethu masimeme oyingcali yezemicimbi yabasebenzi ukusihlalutyela banzi ngoku u Mo...

TRUNEWS @6 - Breaking down the revise White Paper and understanding its purpose 26.10.2026

Kulindeleke kubekho utshintsho olukhulu kwindlela oomasipala abaxhaswa ngayo ngemali nabalawulwa ngayo. Urhulumente uthatha amanyathelo okuqulunqa ngokutsha inkqubo yoomasipala basekhaya. Umongameli uCyril Ramaphosa uphehlele uxwebhu oluphononongiweyo olubizwa iWhite Paper, noluqulathe iinguqu ezizakwenziwa koomasipala beli. Ukuva banzi ngalo mba, uAmanda Xhala uthethe nomphathiswa kwiSebe lolawul...

TRUNEWS @6 - Concerns are mounting over access to essential medicines 26.10.2026

Sele isisithuba sonyaka sukela uMongameli weli waseka iqela elijongene nokusombulula ingxaki yokuqongophala kwamayeza kweli lizwe. Nangona kunjalo, kusekho inkxalabo malunga nokufumaneka kwamayeza abalulekileyo,kwakunye nemingeni ejongene necandelo elijongene nokuthengwa kwamayeza ( supply chain). Ukuva ukuba ingaba yintoni esele yenziwe leliqela, kwaye kutheni le ngxaki isekhona. U-Amanda Xhala u...

Public Protector's suprise visit to the Eastern Cape 26.10.2026

Umkhuseli woluntu u Kholeka Gcaleka wenze utyelelo kwisibhedlele i Livingstone nesibhedlele saseGcuwa kuleveki iphelileyo, njengenxalenye yephulo lomkhuseli woluntu lolawulo olusulungekileyo. Enkqubeni ke sibambe oyintloko kwi ofisi yomkhuseli woluntu eMpuma Koloni u Sibongile Lwana

Ascolta il podcast trufm Current Affairs su Replaio

Radio e podcast in un'unica app - gratis e senza registrazione. Installala oggi e non perderti il lancio

Scaricala su Google Play

Replaio non è un editore di podcast; i nomi dei programmi, le copertine e l'audio appartengono ai rispettivi autori e vengono distribuiti tramite feed RSS pubblici