Kaizer khaya
Ziphengulule Izibhalo
"Ziphengululeni• izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam." Yohane 5:39 La ngamazwi athethwa nguYesu athetha nathi nanamhlanje. Nangona kunokubakho uhlobo oluthile lonqulo kunye nomthandazo, injongo yokufunda rhoqo Izibhalo Ezingcwele kukudibanisa ukuqonda uThixo neLizwi lakhe. Kanye ngeveki Sizakudibana ngo 08H00 ngolwesihlanu sishwankathela isifundo Sesikolo seSabatha. Wamkelekile, senzele nje oku mamela wabelane nabanye kwisocial media platforms, emva koko Ukuba ufuna ukuuqhagamshelana nam kaizerkk@gmail.com OR twitter @Izibhalo_Rhoqo
Be sure to visit the podcast's website and support the creator: podcasters.spotify.com
Where to listen?
Podcasts in the app Replaio Radio Coming soonPodcasts are coming to the app soon. Install now and be the first to see a whole new take on podcasts
Episodes
Eyona to ifunekayo eluntwini 19.10.2021 15:21
“Ukuthandaza asiyiyo inkcitha xesha -Qho kusasa thatha ixesha lakho lokuqalisa ngomsebenzi. Ungacingi ukuba eli lichithe ixesha. lixesha eliya kuphila ngonaphakade. Ngale ndlela impumelelo kunye noloyiso lokomoya luya kungeniswa. Oomatshini baya kuphendula kumnwe wesandla se-Master. Intsikelelo kaThixo kufanelekile ukuyicela, kwaye umsebenzi awunakwenziwa ngokufanelekileyo ngaphandle kokuba isiqal...
UThixo uyasimema ukuba siThandaze 11.10.2021 13:24
Umthandazo sisipho esimangalisayo, ngamanye amaxesha kunzima ukukholelwa ukuba siyinyani. Umthandazo yindlela ethe ngqo kuMdali wayo yonke into ekhoyo! Ayisiyiyo loo nto kuphela, Akaze axakeke, kwaye uhlala enomdla nakwezona mfuno zethu zincinci. Singathandaza ngaphandle kokuthetha, kwaye lilungelo elingenakuze lithathwe.
Intshayelelo ku Season 2 othi ;UMTHANDAZO 11.10.2021 1:10
Nokuba ayinguye wonke umntu ongathanda ukuyivuma, uninzi lwabantu bokholo mhlawumbi banokukhumbula ixesha apho umthandazo wemihla ngemihla wawungeyonxalenye yobomi babo. Kwabaninzi, umthandazo kunye nexesha elinye kunye noThixo yinto abaya kuyo xa ubomi buba noxinzelelo, bunzima okanye buhlungu. Kulula ukulibala malunga nomkhwa xa ubomi buxakekile okanye xa yonke into ihamba kakuhle. Kodwa ukuba n...
Uphumlo lweSabatha 03.09.2021 34:18
Naphina apho sikhona ehlabathini, nokuba siyayiqonda okanye asiyiqapheli, iSabatha iza kulo lonke uluntu linikezela ngeentsikelelo zalo ngosuku ngalunye lwesixhenxe. Kuso sonke iSibhalo iSabatha sisikhumbuza ukuba u-Kristu wasenza, wasihlawulela, wasihlangula, wasiphinda wasidala, kwaye uza kwakhona ngenxa yethu.
Ukuphinda phindwa Kophumlo 27.08.2021 32:59
Indalo isenokuba “intle kakhulu,” kodwa yayingekagqitywa. Indalo igqitywa ngokuphumla kukaThixo kunye nentsikelelo ekhethekileyo yosuku lwesixhenxe, iSabatha. “Wawusikelela uThixo umhla wesixhenxe, wawungcwalisa; ngokuba waphumla ngawo kuwo wonke umsebenzi wakhe awawudalayo uThixo, wawenza” (Genesis 2: 3).
Ukukhululeka ukuze uphumle 20.08.2021 36:26
Abantu abaninzi abadibana noYesu in Ministry ngexesha wayesemhlabeni babegula, abanye begulela ukufa. Babuthelana kuYesu befuna impiliso nokuphumla kwizigulo neembulaleko zabo. Yena ke uYesu wabenzela inceba. Kule veki sijonga Marko 2: 1-10 nooKumkani 1 18, ooKumkani 1 19:1-8
UPHUMLO, ULWALAMANO NEMPILISO 13.08.2021 36:53
Imfesane ayibonisa kuthi uThixo, ithi kuthi masiyibonakalise kwabanye abantu. Bayeke abo bangxamileyo, abone leyo nabanempindezelo, jonga kolulamileyo nothobekileyo. Ekhokelwe njengegusha isiya ekuxhelweni, isisimumu phambi kwabachebi bayo. Mabaqwalasele kulowo I izono zethu zimhlabileyo, noxinzelelo lwethu waluthwala, bayakufunda UKUNYAMEZELA NOKUXOLELA
ukufumana ukuphumla kwintsapho ezibambeneyo 06.08.2021 34:37
Kubantu abaninzi, isihloko sesifundo sanamhlanje sinokubonakala singaqhelekanga. Ungakufumana njani ukuphumla kwiqhina losapho ukuba usapho lwakho alusebenzisani kakuhle? Mhlawumbi unobudlelwane obuncinci okanye awunabo kwaphela nomama wakho? Okanye kuthekani ukuba kukho usukuzwano olukhulu phakathi kwabantakwenu? Ewe, zininzi iintsapho ezinezibopho ezisondeleyo zothando. Ikhaya likhaya elixhasayo...
Ixabiso Lophumlo 23.07.2021 38:40
Uphumlo lwenene nalo lunexabiso. Nangona abanolwazi ngezixhobo zokuzinceda bezama ukuba sikholelwe ukuthi singasiceba ngokwethu isiphelo sethu nokuba ukuphumla kuyinto ozikhethelayo noyicebayo, sithi xa sesiyiqaphela ngokwenene yonke le nto, siqonde ukungabi nako kwethu ukuzizisela uphumlo lwenene ezintliziyweni zethu. Kule veki siza kukrwaqula ebomini bomntu obuthandwa nguThixo ukuba sibone ...
IIngcambu zokungaphumli 16.07.2021 39:44
Zininzi izinto ezinokusithintela ekuzuzeni ukuphumla kwenene kuYesu. Ezinye zazo zicacile azidingi nokuqwalaselwa kangako. Ezinye azicacanga kangako kuthi, njengokuya kungaphantsi komhlaba kumthi weaspen, nesithi singakwazi ukuziqikelela ukuba zikhona nezenza ukuba sibe nengqondo nezenzo ezisahlulayo kuMsindisi wethu "5Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu: 6...
Ukungaphumli Novukelo 16.07.2021 37:47
Kwisifundo sale veki, siya kuqwalasela imizekelo yokungabikho kokuphumla okungaqhelekanga emntwini okwabakho, hayi ngenxa yokulindeleka kwentlekele zendalo njengenyikima, kodwa, endaweni yoko, kukuba nesono kwabantu abawileyo ababengahlalanga koko uKristu akunika bonke abezayo kuYe ngokholo nokuthobela Wamkelekile!
Living in a 24-7 Society 16.07.2021 28:31
Ubomi bethu bulawulwa ngamaxesha akhawulezileyo, iiyure zokusebenza, ukuya koogqirha, ukuncokola kooSkype, ukuthenga, imicimbi yesikolo. Nokuba sihamba ngeebhasi, skhwele izikuta, okanye siqhuba iveni ezincinane ukujikeleza neentsapho zethu, yonke ingxolo esijikelezileyo ehlabathini ibetha kusithele konke okubaluleke ngokwenene. Sikufumana njani ukuphumla phakat...
Ziphengulule izibhalo 16.07.2021 2:09
"Ziphengululeni• izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam." Yohane 5:39 La ngamazwi athethwa nguYesu athetha nathi nanamhlanje. Nangona kunokubakho uhlobo oluthile lonqulo kunye nomthandazo, injongo yokufunda rhoqo Izibhalo Ezingcwele kukudibanisa ukuqonda uThixo neLizwi lakhe. Kanye ngeveki Sizakudibana ngo 08H00 ngolwesihlanu sishwankathela isifund...
Yayingubani uKristu (who was the man of Calvary 12.09.2020 49:15
Naluphina uphando olenzwayo kufuneka luze nobungqina kunye neziphumo negative or positive. Kufuneka namangqina aza nobungqina esizakukholelwa bubo as their peers.
Ngumzi otyhoboziweyo, ongenaludonga, Indoda engenakuzibamba umoya wayo. IMizekeliso 25:28 04.09.2020 7:53
Realizing the importance of healthy body and mind, I promise, with the help of God, to live a Christian life of true temperance in all things and to abstain from the use of tobacco, alcohol, or any other narcotic
UKristu UMSINDISI 15.08.2020 19:13
"ziphengululeni izubhalo" ngamazwi kaKristu kwincwadi ka Yohane 5:39. Incwadi yonke yeBhayibhile ngandlela ithile Ingqina noKristu, ukuba yiNkosi, ngumSindisi wethu. Kule ngxelo yokuqala Sizakuthetha noKristu osembindini wezibhalo. Niyonwabele😇
Similar podcasts
Replaio is not a podcast publisher; show names, artwork and audio belong to their authors and are distributed through public RSS feeds.