SABC News

trufm Current Affairs

News EN ↓ 1036 episodes

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.

Be sure to visit the podcast's website and support the creator: www.sabcnews.com

Author

SABC News

Category

News

Podcast website

www.sabcnews.com

Latest episode

Oct 31, 2026

Where to listen?

Podcasts in the app Replaio Radio Coming soon

Podcasts are coming to the app soon. Install now and be the first to see a whole new take on podcasts

Get it on Google Play Install for free Android almost 10M downloads · 4.8 rating iOS soon

Episodes

22 10 2024 EC RAIN EDUC 22.10.2024

Isebe lemfundo kwi Mpuma Koloni libongoza abafundi , iititshala nabazali kwiphondo ukuba balumke nanjengoko kusina imvula emandla kwiphondo, kwaye kulindelwe ukuba iqhube yonke le veki. Isebe likungqinile ukunqunyanyiswa kokubhalwa kwephepha leComputer Assistant Technology, labafundi bebanga leMatriki kwingingqi yaseKariega kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay. Ukuva banzi ngoku, emnxebeni sinaye...

22 10 2024 EC RAIN 22.10.2024

 Bangaphaya kwamakhulu amabini abantu abafudusiweyo emakhayeni abo kuMasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, ngenxa yezantyala-ntyala ezibangelwe yimvula ene phezolo nesagalelayo kungoku nje. Abantu bafuduswe ngale ntsasa kwaye bagcinwe kwii holo zoluntu. Le dolophu ibisando kujongana nezikhukhula ngoJune kulo nyaka, ukuva banzi sinayo emnxebeni intatheli yethu uSinethemba Witi...

TRUNEWS @6 - EC MATRICS 21.10.2024

Yonke into ime ngendlela nanjengoko kuqale ukuhlalelwa kweemviwo zematriki, oku kuvakaliswe lisebe lezemfundo eMpuma Koloni. Ilungu lesigqeba solawulo esijongene nesebe lezemfundo, uFundile Gade, utyelele isikolo samabanga aphakamileyo iKwaMagxaki eGqeberha, ukuya kujongela ukulungela kokubhalwa kweemviwo. Eli phondo lijonge ukufumana umyinge wamashumi asibhozo anesihlanu ekhulwini (85 %) kwiziphu...

21 10 2024 EC WEATHER 21.10.2024

Abenkonzo yemozulu bakhuphe isilumkiso seemvula ezimandla neempuphuma kumaphondo amathandathu, kuquka iphondo le Mpuma Koloni kule veki. Oomasipala abachaphazelekayo kweli phondo babandakanya umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, iBuffalo City, iKouga, i Sundays River, iMakana, iNdlambe, iAmahlathi neNgqushwa. Ukanti iziko lolawulo leentlekele eMpuma Koloni lithi lilifunqule iqondo lokulungela nay...

21 10 2024 EC EXAMS 21.10.2024

UMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa, uthumele umyalezo wenkuthazo kubafundi bebanga lika-Grade 12, nabaqalisa ukubhala iimviwo zokuphela konyaka namhlanje. Kulo unyaka ngabafundi abangaphaya kwe-eight hundred thousand abazakuchophela iimviwo kweli. Kanti babalelwa ku-sixteen thousand abafundi abakwizikolo zabucala abazakuchophela iimviwo ze -IEB. Masijonge ukuba apha eMpuma Koloni ukusu l...

NEWS REVIEW - MENTAL WORKPLACE 20.10.2024

Nanjengoko le nyanga iyinyanga enika ingqwalasela kwimpilo ngokwasengqondweni, iMental Health Awareness Month ngolwasemzini, kuNews Review namhlanje u-Ayabonga Kekana ubambe ingxoxo ngempilo yabasebenzi ngokwasengqondweni kwiindawo zengqesho.

INTERCHANGE - BREAST CANCER 19.10.2024

Inyanga yeDwara ibekelwe bucalwa ukuphawula isifo somhlaza webele. Ukanti esi sifo, nesisesinye sezifo ezigqamileyo kweli loMzantsi Afrika, sifumaneka kakhulu kumanina aphantsi kweminyaka engamashumi amane ubudala. Owayesakuba yintatheli nokwicandelo lezonxibelelwano kurhulumente, uNoxolo Makoba-Somdaka, wazifumana enesifo somhlaza webele kunyaka ophelileyo, kwaye unomyalezo othi likhona ithemba,...

INTERCHANGE - EFF 19.10.2024

Ukuhamba kuka Floyd Shivambu kubangele iingxaki nemingeni kumbutho we-Economic Freedom Fighters. Ngokokutsho kwabakhi-mkhanya kwezopolitiko, ukushiya lombutho kwalowo ebengusekela mongameli kwi-EFF, kuveze iintanda embuthweni ze kwanika amalungu ombutho ithuba lokuba aphinde aqwalasele ukuba asafuna ukuqhubeka nalo mbutho kusini na. Oku kuza nanjengoko obelilungu lepalamente le-EFF uFana Mokoena k...

18 10 2024 WHITE CANE LIVE 18.10.2024

Umbutho wabantu abangaboniyo eGqeberha ubhiyozela usuku olugqamisa ukusetyenziswa kweentonga ezincedisa abantu abangaboniyo. Kubanjwe imingcelele kwizwelonke nalapha eGqeberha.  Oku kwenzelwa ukuphawula ukukwazi ukuzimela kwabantu abangaboniyo ngalenyanga ibekelwe bucala, yabantu abangaboniyo. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sinaye omnye wabaququzeleli balomngcelele u Yonela Hofu....

National Shelter Day Indaba 17.10.2024

ISebe lezoPhuhliso loluntu lisebenzisana kunye neNational Shelter Movement of South Africa, libambe umsitho obizwa iShelter Indaba phantsi komxholo othi " Progressive Sheltering: Strengthening Shelters in South Africa". Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nesithethi sesebe uLumka Oliphant. 

Mkhwebane resignation analysis 16.10.2024

Ulahlile njengelungu lombutho we-EFF nelasepalamente, uBusisiwe Mkhwebane. Kwimbalelwano ayithumele kumongameli weEFF uJulius Malema, uMkhwebane ubalule ukuba ufuna ukuchitha ixesha nosapho lwakhe. Kwezinye zezinto athe wazibalula kulembalelwano, yindlela amalungelo akhe athe anyhashwa ngayo ngethuba wayengumkhuseli woluntu. Wangena kulombutho kunyaka ophelileyo ngelixa wabayinxalenye yekomiti yez...

SIU probes fraud and corruption in the Eastern Cape 16.10.2024

Umongameli uCyril Ramaphosa unike imvume icandelo lophando elikhethekileyo iSIU, ukuba liphande ii-contracts zee-tender ezibalelwa kwishumi elinethoba kwisebe lezempilo eMpuma Koloni, ezirhaneleka kurhwaphilizo nobuqhophololo. U Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nothethela i SIU u Kaizer Kganyakgo....

16 10 2024 OLDER PERSONS BILL LIVE 16.10.2024

Ikomiti ejongene nokusebenza kwesebe lophuhliso loluntu kwindlu yowiso mthetho yase Bhisho eMpuma Koloni, iqhuba uviwo lwasesidlangalaleni olungomthetho-sihlomelo oyilwayo wabantu abadala, noluqalise izolo ukuya kutsho ngomhla wesibhozo kulenyanga. Ukuva banzi ngokuqulethwe ngulo mthetho uyilwayo, emnxebeni ngoku sinaye usihlalo wekomiti yendlu yowiso mthetho eMpuma Koloni ejongene nesebe lophuhli...

MENTAL HEALTH 16.10.2024

Nanjengoko ihlabathi beliphawula usuku olubizwa iWorld Mental Awareness Day,  u-Amanda Xhala uhleli nophuma kwi Doctors Without Borders, uSiphokazi Mtshizana, ngotyelelo lwabo kwiMpuma Koloni, ngelokuphawula olu suku.

LUSIKISIKI COURT 15.10.2024

Indoda eneminyaka engamashumi amane anesihlanu ubudala etyholwa ngokubulala abantu abalishumi elinesibhozo kwilali yaseNgobozana eLusikisiki, isityeshele isicelo sayo sebaile. USiphosoxolo Myekethe uvele okwethutyana kwinkundla ka Mantyi yaseLusikisiki eMpuma Koloni. Ujongene namatyala asibhozo okubulala nelinye lokubanompu ongekho mthethweni. Intatheli yeSABC uFundiswa Mhlekude usenzele lengxelo....

15 10 2024 LUSIKISIKI COURT 15.10.2024

 USiphosoxolo Myekethe oneminyaka engamashumi amane anesihlanu ubudala, kulindeleke avele kwinkundla kamantyi eLusikisiki eMpuma Koloni namhlanje, nalapho alindeleke ukuba afake isicelo sebheyile ngokwayamene nokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo kwilali iNgobozana. Igunyabantu lezoTshutshiso liyayikhaba ibheyile likhankanya izigwebo zikaMyekethe zangaphambili zokubalala nokuphanga exhobile....

MBOWENI LEGACY 14.10.2024

Uchazwe njengenkokheli ebihlonitshwa, enolwazi olunzulu lwezoqoqosho nolwathi lwabumba imigaqo nkqubo yezoqoqosho kuMzantsi Afrika okhululekileyo, ongasekhoyo uTito Mboweni. U-Mboweni usweleke ngoMgqibelo kwisibhedlele sase Rhawutini emva kokugula ixeshana elifutshane eneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu ubudala. Phakathi kwezikhundla athe wazibamba eburhulumenteni kuquka ukuba yirhulune...

News Review (EC MATRIC READINESS) 13.10.2024

Ku News Review, u-Yolanda Kambile uxoxa ukulungela kweSebe lezemfundo kwiphondo iMpuma Koloni ukubamba iimviwo zebanga leMatriki nothethela eli Sebe, uVuyiseka Mboxela.

News Review (GWARUBE PLANS) 13.10.2024

Kwinkqubo-ndaba uNews Review, u-Yolanda Kambile ubambe udliwano-ndlebe nomphathiswa wemfundo esisiseko, uSiviwe Gwarube, bexoxa ngezicwangciso zikaGwarube ngeli Sebe kule minyaka ezakube ehleli kwesi sikhundla.

SCHOOL MARCH 12.10.2024

Abazali besikolo samabanga aphakamileyo sakuKomani, iQueenstown Girls High, bebebambe umngcelele onxamnye nokuxhatshazwa ngokwesondo kwabafundi kwesa sikolo.   

11 10 2024 GIRLS HIGH MARCH LIVE 11.10.2024

Inqunyanyisiwe esikolweni ititshala yesikolo samantombazana eKomani, iQueenstown Girls High, eMpuma Koloni, ngezityholo zokuxhaphaza abafundi ngokwesini nokubancwasa.  Abafundi babanga ukuba bakuchazile oku kwinqununu yesikolo ekuqaleni kwalo nyaka kodwa isikolo asathatha manyathelo.  Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sinesithethi sesebe lezemfundo ephondweni uMalibongwe Mtima...

DA ANALYSES 10.10.2024

Umhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Mkhuseli Vimba, uhlalutya banzi izigrogriso ze-DA zangaphambi kokwenyulwa kosodolophu omtsha wesixeko saseTshwane no-Amanda Xhala.  

MUNICIPAL ASSETS 09.10.2024

INTRO: Ukusilela kokulungiswa nokukhuselwa kweziseko zikamasipala, okuxabisa ngaphezulu kwee-billion ezingamakhulu amahlanu eerandi, kubangelwa bubunkokheli obeheshe-heshe kwaba masipala. Oku kuthethwe ngumlawuli-jikelele wesebe lorhulumente wentsebenziswano, ugqirha Mbulelo Tshangana. Uninzi lweziseko koomasipala abambaxa, kwakunye nakwabanye oomasipala abangaphezulu kwamakhulu amabini anamashumi...

Mozambique holds presidential and parliamentary elections today. 09.10.2024

Namhlanje abemi belizwe laseMozambique bazakonyula umongameli omtsha, ipalamente noorhulumente beenqila kunyulo jikelele oluqhubayo.  Our presenter Ayabonga Kekana speaks with our SABC NEWS reporter Thuto Ngobeni..

08 10 2024 EC SCHOOL SAFETY LIVE 08.10.2024

Isebe lezeMfundo eMpuma Koloni namhlanje lise Gqeberha kumsitho wokunika ingqwalasela kukhuseleko lwezikolo ephondweni, le indabano ijolise ekukhuthazeni indawo ekhuseleyo kubafundi kunye notishala. Phantsi komxholo othi " Strengthing safety nets and ensuring safe school environment for teachimng and learning"

Listen to the trufm Current Affairs podcast in Replaio

Radio and podcasts in one app - free, with no sign-up. Install today and do not miss the launch

Get it on Google Play

Replaio is not a podcast publisher; show names, artwork and audio belong to their authors and are distributed through public RSS feeds.