SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Be sure to visit the podcast's website and support the creator: www.sabcnews.com
Where to listen?
Podcasts in the app Replaio Radio Coming soonPodcasts are coming to the app soon. Install now and be the first to see a whole new take on podcasts
Episodes
TRUNEWS @6 - AZAPO Manifesto 21.09.2026 10:41
Njengoko sikwixesha apho ifuthe lonyulo liphezulu, sincokola nemibutho yezopolitiko ngemiqulu yayo yonyulo equlathe izithembiso zayo yezinto ezakuthi izenze ukuphucula imo-ntlalo koomasipala. Namhlanje sibambe umbutho iAZAPO. U-Amanda Xhala uncokole noququzelela unyulo kulo mbutho, uChris Swepu....
NEWS REVIEW| Sara Baartman region 2026 LGE debate 20.09.2026 1:35:23
Kusasazo olukhethekileyo lwengxoxo-mpikiswano yamaqela ezopolitiko angenele unyulo loomasipala luka-2026, noluzakubajwa ngomhla wesine kweye Nkanga. Kulonyaka, iingxoxo mpikiswano zethu zigxila koomasipala benqila/sithili, hayi oomasipala basekhaya, njengoko besisenza ngaphambili. Kule nkqubo uYolanda Kambile kunye no-Ayabonga Kekana bakhokele ingxoxo-mpikiswano egxile kwinqila yase-Sarah Baartman...
INTERCHANGE| Smile Foundation's life changing surgeries in Gqeberha. 19.09.2026 2:34
Umbutho obizwa iSmile Foundation, ubuyisela ukuzithemba nesidima kubantwana, ngotyando oluguqula ubomi babo kwidolophu iGqeberha eMpuma Koloni. Lo mbutho, nonceda amaziko akhathalela impilo yoluntu ukwenza utyando lwenyheke nenkalakahla ecandekileyo, nolubizwa icleft lip, wasekwa kwiminyaka engamashumi amabini anesithandathu eyadlulayo, kwaye sele uncede iintsapho ezingaphaya kwamawaka amahlanu uk...
TRUNEWS @6| Why is intra-African trade still so low despite the African Continental Free Trade Area being one of the world's largest free-trade areas? 17.09.2026 8:47
Ngonyaka u-2021 amazwe ase-Afrika angamashumi amahlanu anesine aangena ngokusesikweni kwinkqubo yorhwebo oluphakathi kwamazwe akwilizwekazi i-Afrika. Le nkqubo ibizwa ngokuba yi-African Continental Free Trade Area, lelona qonga likhulu lorhwebo kwihlabathi ngokwamazwe athatha inxaxheba kulo, kwaye injongo yayo kukuphakamisa ukuzimela kwe-Afrika kuqoqosho ingaxhomekeki kumazwe angaphandle kuyo, ukw...
TRUNEWS @6| The Con Court declares the Public Procurement Act invalid 17.09.2026 6:59
Inkundla yomgaqo siseko yoMzantsi Afrika, igwebe ngelithi inkqubo eyalandelwa yipalamente ukupasisa umthetho olawula inkqubo yentengo karhulumente (Public Procurement Act), ayikho semthethweni. Owona mbuzo ubuphambili kwelityala ngowokuba, ingaba ipalamente yenza ngokwaneleyo ukubandakanya izimvo zoluntu kusini na. Injongo yalomthetho kukumisela umgaqo omawulandelwe xa kukhutshwa itender okanye ku...
TRUNEWS @6 - Concerns growing amid the ongoing killings of women, despite GBVF being classifies as a National Disaster 17.09.2026 7:22
Imibutho yoluntu ivakalisa inkxalabo ngokubulawa kwaminina nakubeni nje impatho-mbi esekelezelwe kwisini nokubulawa kwamanina, iGBVF, yachazwa njengentlekele yesizwe. Kungoku nje amapolisa aphanda ngamathuba oku ngahle kuyanxulumana ukubulawa kwamanina alithoba Ekurhuleni, kwisithuba seenyanga ezimbini ezigqithileyo. Kunyaka ophelileyo urhulumente wachaza iGBVF njengentlekele yesizwe phantsi komth...
TRUNEWS @6 - The South African National Space Agency introduces rural space hubs 16.09.2026 13:07
Ubuchwepheshe bale mihla benze kubelula ukuba sibenolwazi ze sibone okwenzeka emajuku-jukwini, silapha emhlabeni. Obu buchwepheshe buncediswa luphando lwezobunzulu-lwazi. Konke oku kuyasincedisa ekuzuzeni ulwazi oluphangaleleyo ngokwenzeka kokungqonge ihlabathi, kusincedise nasekucwangciseleni ikamva. Iziko iSouth African National Space Agency kule minyaka ilishumi elinesihlanu, lidlale indima enk...
TRUNEWS @6 - We analyse the latest on the political front 16.09.2026 7:31
I-ANC ithi iza kubhena ngakwisigqibo senkundla yezonyulo, kulandela isigqibo sale nkundla sokukhaba isibheno salo mbutho ngakwikomishoni yonyulo ezimeleyo. Oku kuza emba kokuba le komishoni ivalele ngaphandle abagqatswa be-ANC abayi-181 abaphuma koomasipala abathandathu, emva kokusilela kwalo mbutho ukufaka uluhlu lwabagqatswa bawo kule komishoni ngosuku olwalusikelwe oko. Ukuxoxa banzi ngalo mba,...
TRUNEWS@6-South African BRICS Youth Association, highlights the role of BRICS in creating direct benefits for member countries 15.09.2026 7:55
Ngamazwe alishumi elinanye aphantsi kweBRICS, nomsebenzi wawo ikukuphuhlisa amazwe kwakunye nokusebenzisana. Lamazwe aquka iBrazil, China, Egypt, Ethiopia, India, Indonesia, Iran, Russia, Saudi Arabia, noMzantsi Africa. Phantsi kwe-BRICS kwaye kwasekwa umbutho ojongene nokuphuhlisa ulutsha, iSouth African BRICS Youth Association. Amanye amaphulo aqhutywa yi-SABYA kukudityaniswa kweenkokheli ezinga...
TRUNEWS@6-Analysis on : ANC NEC member Andile Lungisa takes Mbalula to Court 14.09.2026 16:54
Kwinqaku lethu lezopolitiko namhlanje, ilungu lesigqeba esiphezulu seANC nomgqatswa kwisikhundla sika sodolophu womasipala ombaxa, iNelson Mandela Bay, uAndile Lungisa, ubhenele kwiinkundla zamatyala malunga nomba wokukhutshwa kwakhe kuluhlu labagqatswa ngaphambi konyulo loomasipala. Igqwetha lakhe, uSinawo Makhangela, lithi uLungisa unetyala elibambekayo azakulixoxa kwinkundla ephakamileyo yaseRh...
NEWS REVIEW| Unpacking EC crime stats, as contact crime cases decline 13.09.2026 56:09
Kule veki siyiqukumbelayo, inkonzo yesipolisa eMpuma Koloni ikhuphe ingxelo yeenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zekota yokuqala yonyaka-mali u2026/27. Kuzo, iqondo lokubhaliswa kwamatyala okubulala, ukudlwengula, uxhatshazo noxhatshazo ngokwesondo lwehle ngomyinge ka-two-point-six percent ekhulwini. Nangona nje oku kusamkeleka, lukhona noluvo lokuba la manani awabonisi mfanekiso uchanekileyo ng...
INTERCHANGE| EC NPO fights crime and substance abuse 12.09.2026 5:42
Ukunqongophala kwamathuba emisebenzi, ulwaphulo mthetho nokusetyenziswa kweziyobisi, yeminye yemingeni emikhulu kulutsha oluhlala kwiindawo ezisemaphandleni. Yilento ibangele ukuba usomashishini nentsha-ntliziyo lophuhliso lolutsha, uTembelihle Tshatshu, eye wasungula umbutho ongekho phantsi kukarhulumente i-TeeMac Youth Game Changers. Lo mbutho uliqonga lophuhliso lwezakhono zolutsha, ukubancedis...
INTERCHANGE| Biko's struggle for black emancipation in vain, says AZAPO's Nelvis Qekema 12.09.2026 3:50
Umongameli wombutho i-AZAPO uNelvis Qekema, uthi unyulo loomasipala oluzakubanjwa ngenyanga yeNkanga kufuneka ibelithuba abantu abantsundu abalisebenzisa ukutshintsha iimeko ezingekho mgangathweni abaphila phantsi kwazo, kule minyaka ingapha kwamashumi amathathu idlulileyo. Uthi olu tshintsho ingasesona sipho sihle kumzabalazo walowo wayeyinkokheli ye-Black Consciousness Movement, uSteve Bantu Bik...
TRUNEWS @6 - South African Football Association (SAFA) elections 11.09.2026 8:09
Babini abagqatswa abajonge isikhundla sokuba ngumongameli kumbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSouth African Football Association (SAFA). Esi sibini ngugqirha Danny Jordan, nokhokelayo kulombutho kungokunje, kwakunye noSandile Zungu ongusomashishini ekwangumlawuli weqela iAmaZulu Football Club. Ugqirha Jordaan ujonge ukukhokela iSAFA isihlandlo sesine. Akhona ke amaphondo afana neKwaZulu-Natal, Mp...
TRUNEWS @6 - CONSTITUTION 30FOR30 Campaign 11.09.2026 7:30
Usapho, indawo yokuhlala okanye indlu yakho, nobomi obungcono ekuhlaleni, zizinto ezikhuselwayo ngumqulu wamalungelo oqulathwe kumgaqo-siseko weloMzantsi Afrika. Nanjengoko umgaqo-siseko weli lizwe ugqiba iminyaka engamashumi amathathu sukela oko wathi wasekwa, ingaba uthini ngokubhekiselele kwezi zinto sele sizikhankanyile? Ukuxoxa banzi ngalo mba, u-Amanda Xhala uthethe nengcali yezomthetho, uPh...
TRUNEWS @6 - EL NINO phenomenon is looming 10.09.2026 8:15
Kuvakala ukuba kuza ingqantsini yelanga ngenxa yemo yezulu ebizwa ngokuba nguEl Nino. Kuvakala nokuba izakuba yeyona inamandla kwisithuba seminyaka engaphezulu kwelikhulu. Ukuba sive ngefuthe lale mozulu, on the line we are joined by the Senior Scientist in the Research department at South African Weather Service, Kelebogile Mathole
TRUNEWS @6 - Treasury proposes central administrator for R88.6bn in unclaimed assets 10.09.2026 6:37
Unondyebo woMzantsi Afrika, ucebisa ukuba ilawulwe kwindawo enye kusetyenziswa i Corporation for Pubic Deposits (CPD), imali engange R88.6 bhiliyoni randi ekungekafakwa mabango ngakuyo, efana neemali zomhlala phantsi yabasebenzi. Igunya bantu eliqwalasela indlela yokuziphatha kwamaziko ezemali, liphawule ukuba kukho umngeni kwinkqubo yokukhangela nokugcina iinkcukacha kumaziko ohlukileyo, ngelinge...
TRUNEWS @6 - "NKUSI IT Siyasebenza," an application developed to track down ghost workers 09.09.2026 8:32
Kule veki kwinqaku lethu elijonga ubuchwepheshe, sijonga ukusungulwa kwe-Application encedisa urhulumente kunye necandelo labucala ekukhankanyeni nokusiphula neengcambu umkhwa wokuhlawulwa kwabasebenzi bomgunyathi, abakwiinkqubo zengqesho zamasebe kunye namaqumrhu karhulumenete, lento kuthiwa zii-Ghost Workers. I-Nkusi It Siyasebenza, sele incedise isebe lezothutho eMpuma Koloni kwinkqubo yalo ye-...
TRUNEWS @6 - Competition Commissions's Rural and Township Economy Project 08.09.2026 10:08
Ikomishoni yokhuphiswano yoMzantsi Afrika, iCompetition Commission, ikhuphe ingxelo ngophando loqoqosho lwasezilalini nasezilokishini. Eyona ndawo ibigxile kuyo kuphando lwayo, lukhuphiswano phakathi kweevenkile ezikwezi ndawo. Umyinge wamashumi amane ekhulwini abantu beli bahlala ezilokishini, nto leyo eyenza kubekho umdla wokuvula iivenkile kwezi ndawo. Kuqikelelwa kwelokuba uqoqosho lweelokishi...
TRUNEWS @6 - The local economy contracted marginally in the second quarter of this year 08.09.2026 2:36
Lwehle kancinci uhlumo loqoqosho loMzantsi Afrika kwikota yesibini yalo nyaka. Iinkcukacha-manani ezikhutshwe liziko leenkcukacha-manani, iStats SA, zibonisa ukuba imveliso yeli lizwe epheleleyo, iGDP ngamafuphi, yehle ngomyinge we-0.2 weepesenti kwikota yesibini yalo nyaka. Oku kuza emva kohlumo obelukumyinge we-0.4 wee-pesenti, kwikota yokuqala ka-2026. Awona macandelo aye adala oku kwehla aquka...
TRUNEWS @6 - The ANC has missed the Candidate Nomination System deadline. What does this mean for the party? 07.09.2026 9:58
Ikomishoni ezimeleyo yonyulo, i-IEC, iyigxininisile into yokuba ayizukuphinda ivule elinye ithuba lokuba imibutho ifake abagqatswa bayo, okanye abagqatswa abazimeleyo emva kwexesha ebelibekiwe. Ngo Mvulo, iANC ikhuphe imbalelwano echaza ukuba lo mbutho uye wajongana neengxaki zobuchwepheshe kwinkqubo yeIEC, ngethuba ufaka abanye abagqatswa bayo ngaphambi kwexesha lokuvalwa kwesisigaba, intsimbi ye...
TRUNEWS @6 - The inquest looking into the death of Black Consciousness Movement Leader, Steve Biko, continues 07.09.2026 7:24
Luyaqhuba uphando ngokusweleka kwenkokheli ye-Black Consciousness Movement, uSteve Biko, kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha. UBiko wasweleka ngonyaka ka1977, emva kokubethwa ngokungenalusini ngethuba eselugcinweni lwamapolisa. Kwafumaniseka ukuba wonzakala entloko. Ingqina ebelisemkhumbini ngowayeyikapteni yamapolisa lexesha lengcinezelo, uDaniel Petrus Siebert. U-Amanda Xhala uthethe nentatheli...
TRUNEWS @6 - Bail application of two men accused of the murder case of former two time boxing world champion, Zolani "Lastborn" Tete 07.09.2026 5:30
Isicelo sebheyile sabarhanelwa ababini ababandakanyeka ekubulaweni kowayesakuba yintshatsheli yomdlalo wamanqindi kwihlabathi, uZolani "Lastborn" Tete, sihlehliselwe uLwesithathu wale veki. UTete, wadutyulwa wabulawa ngaphandle kwekhaya lakhe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Ukuva banzi ngalo mba, u-Amanda Xhala uthethe nentatheli yeli jelo, uHlumisa Qabaka...
NEWS REVIEW| Exploring the psyche of a South African eligible voter. 06.09.2026 55:11
Nanjengoko kusele isithuba esingaphantsi kweenyanga ezimbini phambi konyulo loomasipala kweli. Enkqubeni siye sancokola neengcali zonyulo nolawulo loomasipala, uMasoxole Booi kunye noThembelani Mazibuko besincedisa ukuba siphonononge sihlalutye ulwazi umvoti woMzantsi Afrika analo ngonyulo loomasipala, sijonge ezimphembelela ukuba athathe inxaxheba kwinkqubo yokuvota, sikwabuza nokuba uzakuvota ku...
INTERCHANGE| Rotavirus awareness-know the signs of dehydration 05.09.2026 6:32
Abazali kunye nabo bagcina abantwana, bayabongozwa ukuba baqaphele iimpawu zokungabinamanzi ngokwaneleyo emzimbeni kwabantwana, njengoko intsholongwane irotavirus ibangela inkxalabo kwelilizwe. Amagosa ezempilo anike ingxelo yokonyuka ngamandla kwabo bachaphazelekayo ePitoli, kwakunye nokubhubha komnye. U-Amanda Xhala uncokole nentloko yeziko iCenter for Enteric Diseases at NICD, unjingalwazi Nico...
Similar podcasts
Replaio is not a podcast publisher; show names, artwork and audio belong to their authors and are distributed through public RSS feeds.