SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Be sure to visit the podcast's website and support the creator: www.sabcnews.com
Where to listen?
Podcasts in the app Replaio Radio Coming soonPodcasts are coming to the app soon. Install now and be the first to see a whole new take on podcasts
Episodes
Launch of first SA AI powered educational robot - IRIS - developed by a young KZN businesswoman. 20.08.2025 8:14
Usekela mphathiswa wesebe lezenzululwazi nobuchwepheshe u Nomalungelo Gina, usungula ngokusesikweni i robot yokuqala eMzantsi Afrika eluhlobo lwe AI eyenziwe ngusomashishini osemtsha olinina laKwaZulu Natal. Le robot izakufundisa zonke izifundo kubafundi ukuqala ku grade R uyakutsho kwimfundo ephakamileyo, isebenzisa zolishumi elinanye iilwimi zoMzantsi Afrika. Ayabonga Kekana uncokola nongumseki...
ANC chastises NEC members and Malema u turns on foreigh nationals 19.08.2025 10:35
I-ANC ithi amalungu amabini ekomiti yesigqeba solawulo seli qela uGqirha Malusi Gigaba kunye noSenzo Mchunu, azakuvela phambi kwekomiti yoluleko, baphendule ngeentetha abazenze esidlangalaleni. Oku kuza emva kokuba uGigaba ebange ngelithi i-ANC iyabhampula kwaye yoyisakele ukufezekisa izinto ezithile. UMchunu yena ulumkise ngelithi eli qela lisecicini lokutshabalala. Isithethi se ANC kuzwelo...
NEWS REVIEW NATIONAL CONVENTION 17.08.2025 54:10
Iqukunjelwe izolo ingqungquthela kazwelonke entsuku-mbini, nebibanjelwe kwiDyunivesiti yeloMzantsi Afrika, iUNISA ePitoli. Le nkomfa, nebihlanganisa urhulumente, imibutho yezopolitiko, imibutho yoluntu, abasebenzi, amanina, ulutsha, iinkokheli zakwaLizwi nezemveli, abezoshishino, noluntu ngokubanzi, ihlakulela indlela ingxoxo-mpikiswano yesizwe. Ukuxoxa banzi ngemiba ekuye kwaxhentswa phants...
INTERCHANGE - A spotlight on powerful young women writers whose work is shaping South Africa's literary and cultural future 16.08.2025 5:47
INTRO: Njengenxalenye yokubhiyozela amashumi amabini eminyaka yasekwayo i-South African Literary Awards, iSALA ngamafuphi, kwa nokubhiyozela inyanga yamanina, eli ziko libeka esithatheni amanina aselula angababhali, nomsebenzi wawo unegalelo elikhulu kuncwadi lwelizwe loMzantsi Afrika nenkcubeko ngokubanzi. UAmanda Xhala ukrwece omnye wala manina, uAnelisa Thengimfene. UThengimfene ngumhlohl...
INTERCHANGE - A review of a book titled: Blacksheep of Everywhere by Nolubabalo Mbebe 16.08.2025 5:22
Kuhlalutyo loncwadi kule veki, sihlalutya incwadi esihloko sithi: Blacksheep of Everywhere, nebhalwe nguNolubabalo Mbebe. Uluntu loMzantsi Afrika lujamelene nemingeni eliqela, nequka udushe lwasemakhaya, ukuxhatshazwa ngokwesini, intlupheko, nentswelangqesho, phakathi kwezinye izinto. Le yincwadi ezisa inkuthazo nethemba kubantu abajamelene nezi ngxaki zobomi, ikwagqithisa umyalezo othi "akulahlwa...
The ANC could be in for a major provincial shake-up in 2029. Researchers say the party could lose more provinces in the next general election and only retain Limpopo and the Eastern Cape 15.08.2025 11:07
Uphando olwenziwe liziko lophando iMapungubwe Institute for Strategic Reflection, lubonisa ukuba emva konyulo luka-2029, i-ANC ingashiyeka nolawulo lwamaphondo amabini kuphela. Olu phando lubonisa ukuba i-ANC ingashiyeka ilawula amaphondo iLimpopo kunye neMpuma Kokoni, iphulukana nolawulo kumaphondo aliqela nelawula kuyo ngoku ngobambiswano. Kunyulo lonyaka odlulileyo lo mbutho waphulukana nolawul...
SAFTU proposes an emergency presidential economic summit for unemployment 14.08.2025 12:49
Umfela-ndawonye wemanyano yabasebenzi i-SAFTU, unesiphakamiso sokuba uMzantsi Afrika ubambe ingqungquthela ngokukhawuleza, ezakuqubisana nomngeni wentswela-ngqesho kweli. Esi siphakamiso siza kanye emva kwengxelo yeenkcukacha-manani zekota yesibini kulo nyaka, nezibonisa ukuba umyinge wabantu abangaphangeliyo umi ku-33-point-two percent ekhulwini. Emnxebeni sibambe unobhala jikelele we SAFTU u Zwe...
NATIONAL DIALOGUE 13.08.2025 11:11
u Mzantsi Afrika kulindeleke ukuba usindleke indibano yesizwe etshayelela iingxoxo zesizwe kulempela veki siya kuyo, kwi campus yase Unisa ePitoli. Lendibano iphawula ukuqala kwekqubo yengxoxo yesizwe neyaabhengezwa ngumongameli uCyril Ramaphosa ngokusesikweni ngethuba esenza intetho yobume besizwe. Ezingxoxo sele zijamelene nemingeni emva kokurhoxa kwamaziko abeyinxalenye yayo aquka i...
We discuss the impact the US Tariff Hikes will have on South Africa's agricultural sector. 12.08.2025 5:44
Umphathiswa wesebe lezorhwebo uParks Tau, kunye nomphathiswa wesebe lezolimo uJohn Steenhuisen, ngale ntsasa bebebambe indibano noonondaba ukunika ingxelo ngenkqubela urhulumente ayenzayo ukusabela kwisigqibo sokunyuswa kwerhafu yentengo yeemveliso uMzantsi Afrika azithengisela ilizwe laseMelika. Irhafu yentengo yomyinge wamashumi amathathu iqalise ukumiliselwa ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Uku...
Chief Justice Mandisa Maya introduces sexual harassment policy in the judiciary. 11.08.2025 7:58
IJaji eyongameleyo uMandisa Maya, yazise ukumiliselwa komgaqo-nkqubo ochasene noxhatshazo oluphenjelelwa sisincwaso, iSexual harassment, kwicandelo lezobulungisa. Oku kuza kanye emva kwenkqubo yophando ngezityholo zesincwaso ezityatyekwa iJaji eyongameleyo kwiinkundla zaseMpuma Koloni, uJP Selby Mbenenge. UMaya uthi lo mgaqo nkqubo uzakuthintela ukusetyenziswa kwamandla nobunganga kwizikhundla kwe...
NEWS REVIEW RURAL EDUC 10.08.2025 44:06
ISebe lezemfundo kwiphondo iMpuma Koloni, ngokubambisana neziko iAxium Education, bebesindleke ingqungquthela yesibini ebanjwa minyaka le ebizwa i-Eastern Cape Rural Education Partnershipos Conference. Le nkomfa, nentsuku-mbini, ubigxile ekuphuculweni nasekomelezweni kwemfundo yemimandla yasemaphandleni, kwa nokuhlangabezana nemingeni ejamelene nayo imfundo yasemaphandleni, equka ukung...
INTERCHANGE - Gqeberha Schools Inter-School Coding event at NMU Ocean Science Campus 09.08.2025 5:38
Icandelo lezifundo ngezenzululwazi nezaselwandle kwiDyunivesiti iNelson Mandela, eGqeberha, belisindleke umsitho we-Coding wezikolo zomasipala ombaxa iNelson Mandela Bay izolo. Phakathi kwezikolo ebezithabatha inxaxheba kulo msitho, bekukho nemibutho engekho phantsi korhulumente efundisa abantwana izifundo ze-Coding neRobotics. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sinomququzeleli ophuma kumbutho wesis...
EC Soc Dev hosts Women's conference 08.08.2025 6:56
Isebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni ngokukhokelwa ngumphathiswa weli sebe ephondweni uBukiwe Fanta, izolo belisingathe indibano nalapho ebenika ingxelo ngokumiliselwa kwezindululo zekomishoni yezizwe ezimanyeneyo eqwalasela ubume bentlalo yamanina kwihlabathi, i-UN Commission on the Status of Women. Le komishoni igxile ekuqinisekiseni ukumiliselwa kukamakulinganwe ngokwesini kwihlabathi,...
Minister in the presidency Khumbudzo Ntshaveni's briefing on cabinet meetings 07.08.2025 4:07
INTRO: Nanjengoko sele lusemnyango nje usuku lokumiliselwa kwerhafu kwiimveliso ezisuka kweli zisiya eMelika, urhulumente unethemba lokuba eli lizwe liza kufikelela kwisivumelwano sorhwebelwano kungekudala noogxa balo eMelika. Umphathiswa kwi-ofisi kamongameli, uKhumbudzo Ntshavheni, uvakalise ezi mbono ngethuba echazela amajelo eendaba ngeziphumo zentlanganiso ye-cabinet. UNtshavheni uthi u...
Experts deploye to rescue BCM 07.08.2025 7:09
Urhulumente kazwelonke wenze ungenelelo ukuhlangula umasipala ombaxa osezingxakini, i Buffalo City. Urhulumente uthumumele igqiza leengcali ezizakusa uzinzo kulomasipala, phantsi kongenelelo olukhethekileyo lomgaqo siseko. Ngokwesolotya lika section 154 lomgaqo siseko nowenzelwe ukuqinisa ulawulo loomasipala, isebe lentsebenziswano kulawulo lukarhulumente libhengeze ukuba lizakuthumela igqiza leen...
ANC NEC meeting resolution analysis. 07.08.2025 10:00
Unobhala jikelele we-ANC uFikile Mbalula, uthi umbutho wakhe awuzokumelana neentanda zeyantlukwano ezikhoyo phakathi embuthweni, namalungu angakwazi ukuziphatha nangakwazi ukuthobela imiyalelo yombutho. I-ANC izakubamba intlanganiso ye-National General Council ngoDecember walo nyaka, emva kweminyaka elishumi le ntlanganiso yagqibela ukuhlala. Lo mbutho uthi uzimisele ekulungiseni ubudlelane obuqhe...
Team of experts to step in to rescue BCM 07.08.2025 8:28
Urhulumente kazwelonke wenze ungenelelo ukuhlangula umasipala ombaxa osezingxakini, i Buffalo City. Urhulumente uthumumele igqiza leengcali ezizakusa uzinzo kulomasipala, phantsi kongenelelo olukhethekileyo lomgaqo siseko. Ngokwesolotya lika section 154 lomgaqo siseko nowenzelwe ukuqinisa ulawulo loomasipala, isebe lentsebenziswano kulawulo lukarhulumente libhengeze ukuba lizakuthumela igqiza leen...
Eastern Cape education department is hosting the 2nd annual rural education partnerships conference in East London 06.08.2025 1:55
Ilungu lesigqeba solawulo esijongene nesebe lezemfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, lithi inkqubo yezemfundo yeliphondo idinga ukoyanyaniswa nezidingo zemo-ntlalo yeliphondo. UGade ebethetha ngethuba kubanjwe inkomfa yentsebenziswano nezikolo zasemaphandleni eMonti. Le nkomfa intsuku mbini, ijolise ekwakheni ngokutsha inkqubo yemfundo esi siseko, ukuze abafundi bafumane izakhona abazakuzisebenzis...
Schoolgirl takes own life following EC floods trauma 06.08.2025 8:27
Intlekele yezikhukhula eyachaphazela imimandla eyohlukileyo eMpuma Koloni kuquka naseMthatha, isaqhubeka ubalinxeba elinzulu kwabo bathi bachaphazeleka. Kukho neengxelo zokuba kukho intwazana ethathe ubomi bayo ngenxa yokungakwazi ukumelana nentlungu yokubhujelwa ngunina nomnakwayo kwezizikhukhula. Bangapha kwekhulu abantu abathe basweleka, ngexesha iintsapho ezinintsi ziphulukene namakhaya kuland...
The rise in offshore e-commerce retailers like Temu and Shein has come at a significant cost to the local economy 05.08.2025 3:19
Ukwanda kweevenkile zeempahla ekuthengwa kuzo kusetyenziswa i-internet, ezifana noTemu kwakunye noShein, kuyilahleko enkulu kuqoqosho lwalapha ekhaya. Ingxelo yophando eyenziwe yingxowamali ebizwa iLocalisation Support Fund, ludandalazisa ukuba iivenkile zaseChina ezisebenzisa i-internet zenze inzuzo eqikelelwa kwi R7.3 billion yeerandi kwintengisi yazo kubathengi beloMzantsi Afrika. E...
Following the SACP’s decision to contest elections alone in his closing address of the ANC’S NEC meeting, ANC president Cyril Ramaphosa said that the SACP’s decision would weaken all progressive parties. 05.08.2025 10:32
I-ANC ithi nangona ingena kufaka mpumlo kwisindululo sombutho wamakomanisi iSACP sokuzigqatsa ngokuzimeleyo kunyulo, kodwa ayihambisani nesi sigqibo. Umongameli we-ANC uCyril Ramaphosa uthi esi sigqibo sizakuba neziphumo ezibi kubudlelane bale mibutho, nakwinguqu kwipolitiki. URamaphosa ukuthethe oku ngethuba kuqukunjelwa intlanganiso yeentsuku ezine yekomiti yesigqeba solawulo se-ANC ebibanjelwe...
Female learner bullied and slapped by school boys in Mdantsane 04.08.2025 9:25
Kulindeleke ukuba isebe lemfundo eMpuma Koloni lityelele isikolo samabanga aphezulu i David Mama eMdantsane . Olu tyelelo luza emva kokuba kuthe ndi kumakhasi onxibelelwano ividiyo ebonisa umfundi oyintombazana ebethwa exhatshazwa ngabafundi abangamakhwenkwe. Isebe lizakwenza uphando ngesisehlo luthathe namanyathelo afanelekileyo ngakula makhwenkwe. Kwinkqubo ndaba yethu sincokole no DDG wesebe le...
NEWS REVIEW-Public Healthcare staffing crisis 03.08.2025 48:34
Inkqubo yezempilo yaseburhulumenteni eMzantsi Afrika ijongene nombhodamo onobuzaza ngenxa yokushokoxeka okamandla kwabasebenzi nanjengoko bekumawaka amathandathu oogqirha nabongikazi abathi bashiye kumaziko oluntu ngonyaka. Oku kuvele kwiinkcukacha zepalamente kwiveki ephelileyo nalapho zidiza imeko eye isiba maxongo yokushiya kwabasebenzi abanezakhono nokubangelwa ziimeko zokusebenza, ukushokoxek...
Work on Adhoc committee on Mkhwanazi to start next week 02.08.2025 2:52
Ipalamente ingqinile ukuba ikomiti yethutyana esekelwe ukuphanda izityholo ezenziwe ngumkomishnala wamapolisa kwiphondo laKwaZulu-Natal uLieutenance General Nhlanhla Mkwanazi, mayela namaqela emigulukudu nobuqhophololo kwinkonzo yesipolisa, izakuqala ukusebenza kwiveki ezayo. U-Mkhwanazi udyobhe amagosa aphezulu esipoliseni kuquka umphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu ngokuphazamisana nokhuseleko l...
Residents disgruntled over the move of Home Affairs offices from city centre to secluded malls 31.07.2025 9:24
Abaxolanga linyathelo lokufudusa edolophini ziye kudederhu lweevenkile zabucala ii ofisi zesebe lemicimbi yezekhaya abahlali base Mpuma Koloni. Oku kuza emva kokuba elisebe liqalise isicwangciso sokufuduswa kwenye i ofisi yelisebe eFleet Street eMonti, isisiwa kudederhu lwevenkile eHemingways Mall. Kukwakho nezicwangciso zokufudusa ezi ofisi eNorth End e Gqeberha zisiwe e Baywest Mall. Ukusa...
Similar podcasts
Replaio is not a podcast publisher; show names, artwork and audio belong to their authors and are distributed through public RSS feeds.