Umhlobo Wenene FM
Ezemidlalo
Sport Show that delivers sports news and commentary in isiXhosa
Author
Umhlobo Wenene FM
Category
Podcast website
Latest episode
Jun 15, 2026
Where to listen?
Podcasts in the app Replaio Radio Coming soonPodcasts are coming to the app soon. Install now and be the first to see a whole new take on podcasts
Episodes
Mr Mlandeli Tengimfene- Boxing Manager 01.09.2019 7:36
uManejala uTengimfene ngomnye wamagosa asebenze kakhulu noBaby Lee.
Mr Tsholofelo Lejaka- BSA CEO 01.09.2019 8:15
I gosa eliyintloko kumanqindi nalo livakalise umothuko ziindabo zokusweleka kwenenekazi elidlala amanqindi uBaby Lee.
Mr Andile Sidinile- Igqala lamanqindi 01.09.2019 7:22
Sincokola nelinye lamagqala mayelana nokusweleka kuka Baby Lee
Eastern Cape Sports MEC Mrs Fezeka Bayeni 01.09.2019 6:50
Umphathiswa uphawula ngomsitho weembasa apho bekuwongwa khona abadlali basempuma koloni abazibaluleyo kwezemidlalo.
Mr Loyiso Mtya- Igqala Kumdlalo wamanqindi 01.09.2019 4:20
Namhlanje sive iindaba zokusweleka kwegqala emanqindini uRuben Mateyu, kwanokusweleka kwenenekazi eliselula uBaby Lee Leighandre Jagels nekutyholwa ukuba ubulewe linene ebencuma nalo.
Miss Busisiwe Matiwane- Kwa Langa Athletics Club – Cape Town 25.08.2019 11:18
uBusisiwe Matiwane uqale ukubaleka ngo 2004 ebalekela iqela lase Ntshona Koloni i-Celtic Harriers. Ubaleke kugqatso oluqaka iTwo Oceans, Comrade Altra Marathon, Century City neCape Town Marathon kwaye mininzi imigama aphumelele kuyo yaseNtshona Koloni kwiminye agqibe kwiimbaleki ezili 10 eziphambili (Top 10). Ukanti iinjongo zakhe xa ebaleka kukuphucula ixesha alibalekileyo….
Mr Vuyani Limba- EPRU Legends 21.08.2019 11:46
Amagqala ombhoxo kwi Eastern Province namhlanje ebesingethe imidlalo yabantwana ye Township Junior Rugby Development kumabala aseZwide Stadium nalapho bekukhuphisana amaqela ka U13 U15 no U16 ngalemva kwemini
Mr Leo Mbini- Leo Mbini School Rugby Revival 21.08.2019 10:40
Ibuyile kwakhona itumente yezikolo yokuhlaziya umbhoxo ezikolweni iLeo Mbini School Revival neququzelelwa izexhaswe ngu Mr Mbini. Izakube idlalelwa eBerlin ngolwesihlanu eNkosinathi Primary School Sports Grounds nalapho kuzakube kukhuphisana izikolo ezili -10
Miss Yolanda Bukani – Southern Kings PR and Events Manager - Iseqendu sokuqala 17.08.2019 10:20
Sisaphawula inyanga yomama kwaye namhlanje Sincokola negosa eliphuma kwiqela le Southern Kings uYolanda Bukani. uYolanda ujongene nokuququzelela imicimbi yeliqela kwanonxulumana. Ukwalilo nexhoba elaphila kwisifo somhlaza kwaye ngoku sengunozakuzaku okwaziyo ukuthetha ngendlela ayihambileyo ngethuba wayenomhlaza. uYolanda ukwanguye nonobuhle ohamba eqongeni.
Miss Yolanda Bukani – Southern Kings PR and Events Manager - Iseqendu sesibini 17.08.2019 6:27
Sisaphawula inyanga yomama kwaye namhlanje Sincokola negosa eliphuma kwiqela le Southern Kings uYolanda Bukani. uYolanda ujongene nokuququzelela imicimbi yeliqela kwanonxulumana. Ukwalilo nexhoba elaphila kwisifo somhlaza kwaye ngoku sengunozakuzaku okwaziyo ukuthetha ngendlela ayihambileyo ngethuba wayenomhlaza. uYolanda ukwanguye nonobuhle ohamba eqongeni.
Likho Tempi- TVET College Provincial Games 11.08.2019 7:03
Bekubanjwe imidlalo eyahlukeneyo kwiDyunivesiti yase Rhodes nebisingethewe yiKholegi iLovedale izolo nalapho bekudlalwa umbhoxo, ibhola ekhatywayo, eyomnyazi, ivolleyball kwakunye ne chess. Sijonga ukuba baqhube njani kwaye yeyiphi imidlalo elandelayo
Mr Neville Botha- FNB Schools Classic Clash 11.08.2019 9:25
Izikolo zelokishi yaseBhayi zizakube zisilwa idabi kungquzulwano lwe FNB Schools Classic Clash xa iMzontsundu High School ithathana phezulu neKwa Zakhele High School kumdlalo ozakube useZwide stadium kuleveki ngolwesihlanu, kwangalemini kuzakube kudala iiregional semi finals and finals ye Vuka kwakunye nee trials zika U17
Ms Pretty Tsotetsi SANABO Secretary 11.08.2019 13:48
Sisabhiyoza siphawula inyanga yamanini eMzantsi Africa. Namhlanje sincokola nonobhala we-Sanabo uPretty Tsotetsi. I-Sanabo ngumbuto wamanqindi kweli nojongene nophuhliso lwamnanqindi. Ukanti amanqindi ngomnye wemidlalo enabantu abaninzi abangamadoda. Sincokola nonobhala ukujonga ukuba kunjani ukuba kulomsebenzi, uhambe indlela enjani, ubunzima adibene nabo kwanezinto anokuziphawula njengempumelelo
Ms Tsoanelo Pholo Former SA Hockey Player 10.08.2019 9:12
uTsoanelo Pholo yinzalelwane yaseRhawutini kwaye udlale iHockey esemncinci edlalela iqela lesizwe elagqiba kwindawo ye-9 ngo 2004 kwii Summer Olympics eAthens. Ngo 2003 babuya negolide kwii All Africa Games eAbuja, ngo 2005 babuya nesilivere kwi Virginia Beach. uPlaya xa eteketiswa udlalile kwiqela lephondo iSouthern Gauteng. Wakhe wachongwa nakwiqela lesizwe le Touch Rugby World Cup ngo 1999, kwa...
Mr Marks Sandi Njovane Women’s Day Sports Festival 04.08.2019 7:28
Izakube iyimidlalo yabantu abangomama ngolwesihlanu eNtlavukazi Sports Ground. Imidlalo ezakusingathwa iquka i-5km walk and fun run, ibhola yomnyazi, ivolleyball i-100 metres nee Golden Games zabantu abaneminyaka engama 60 nangaphezulu… Injongo zalemidlalo kukulhuthaza amantombazana azibandakanye kwezemidlalo
Mr Wanele Klassen- President EC Sports Ass for Physically Disabled 28.07.2019 8:20
Namhlanje yimini yokuthi ndlelantle kuSada Felix oya eAustralia emva kokuba ophule irekod lehlabathi kwidiscuss ne shot put. Kungokunje uya kwii qualifier ze Paralympics ukuze azibekele indawo kumsitho wonyaka ozayo. Umongameli uKlassen ukwakunye nomfana osuka eJamani nase Australia uJaco Smith nobekhuphisana kwii qualifier ze Paralympics zika 2020.
Mr Mlungiseleli Mbhem we-OR Thambo Sports Association for Disabled People 27.07.2019 4:32
Namhlanje ibingumsitho wemidlalo eyahlukeneyo yabantu abaphila nokukhubazeka eOR Thambo neququzelelwa yi OR Thambo Sports Association for Disabled People. Lomnyhadala ububanjelwe kumabala ase Unitra eWSU eMthatha njengenxalenye yemibhiyozo yenyanga katata uMandela.
Dliwano ndlebe no Mr Andile Ace Mofu Sanabo President 1 21.07.2019 4:28
Mr Andile Ace Mofu Sanabo President Iqumrhu le Sanabo belidibene nele BSA kuthotho lweentlanganiso ebezijolise ekwakheni intsebenziswano,ubuhlobo obude kwanasekuphawuleni ubukho balamaqumrhu mabini…….
Dliwano ndlebe no Mr Andile Ace Mofu Sanabo President 2 21.07.2019 9:13
Mr Andile Ace Mofu Sanabo President Iqumrhu le Sanabo belidibene nele BSA kuthotho lweentlanganiso ebezijolise ekwakheni intsebenziswano,ubuhlobo obude kwanasekuphawuleni ubukho balamaqumrhu mabini…….
Dliwano ndlebe no Mr Thando Zonke EC Promoter Boxing Association Chairman 20.07.2019 12:54
Ngaleveki iphondo lempuma koloni belibambe ulonyulo lwekomiti kumbutho ojongene namanqindi ephondweni. Oku kwenzeka emva kokuba bekukhe kwakho amagingxigingxi ngaphambili mayelana nolulonyulo kwakunye nekomiti ebikho ngaphambili…
Udliwano Ndlebe luka Sthera no Chippa Mpengesi 07.07.2019 11:14
Udliwano Ndlebe luka Sthera no Chippa Mpengesi
Dliwano ndlebe no Mrs Fezeka Bayeni EC Sports MEC 26.06.2019 8:31
Igqiza lempuma koloni eliquka iimbethi manqindi amagosa nabaqeqeshi belihleli nomphathiswa wezemidlalo ephondweni kumsitho wokuthi ndlelantle kubo xa besingisa eJamani eLower Sexony kwinkqubo yotshintshiselwano. Rhoqo ngonyaka uMzantsi Afrika uya eJamani neJamani indwendwele kweli. Ngokuhlwanje sincokola nomphathiswa.
Dliwano ndlebe no Miss Awande Malinga Squash Player 26.06.2019 4:21
uAwande ebemele iphondo i-Gauteng North province kwaye uqhube kakuhle kakhulu kukhuphiswano lwe 2019 SA Schools Squash u16A interprovincial tournament obeluse Bloemfontein ukuqala ngomhla 15-19 June 2019. Uphumelele igolide kwaye ukwafumene iwonga lokuba ngumdlali ogqwesileyo won gold (Best Player 2019 u16A girl province). Umdlalo wakhe olandelayo uqale izolo 25-29 June ngowe SA National closed ch...
Dliwano ndlebe no Mr King Khosi Ngcozo noBukiwe Nonina 23.06.2019 7:12
Imbethi manqindi uBukiwe Anaconda Nonina uzakube ekhusela intshinga yakhe yehlabathi ye WBF ngomhla 31 ku August EyeThupha 2019. Uzakube esilwa eAliwal North no Asandiswa Nxokwana kwitumente esindlekwa yi Calaza Sports Promotions yaseMthatha.
Dliwano ndlebe no Mr Makazole Tete, Zolani Tete no Tata wabo 16.06.2019 14:40
Namhlanje lusuku lokubhiyozela otata nokuqwalasela indima abayidlalileyo kwiintsapho zabo. Sincokola neentshatsheli zakwa Tete emanqindini kwakunye notata wabo ukuva ukuba bakhule njani kwanokuba bafuze bani ngesisakhono kwaye ebeyixhasa kangakanani into yoba yokudlala amanqindi
Replaio is not a podcast publisher; show names, artwork and audio belong to their authors and are distributed through public RSS feeds.