SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Besuch unbedingt die Website des Podcasts und unterstütze die Macher: www.sabcnews.com
Wo hören?
Podcasts in der App Replaio Radio Bald verfügbarPodcasts kommen bald in die App. Installiere sie jetzt und erlebe als Erster einen ganz neuen Blick auf Podcasts
Folgen
TRUNEWS@6 SAHRC on public submissions for access to renal dialysis services in the EC 20.07.2026 8:20
Ikomishoni yamalungelo oluntu kwiMpuma Koloni ithi ifumene izikhalazo ezibonisa ukuba abantu abadinga unyango lwe-dialysis abakwazi ukufikelela kule nkonzo kwizibhedlele zikarhulumente zeli phondo. Le komishoni ithi ezi zityholo zixhomisa amehlo, ziyaxhalabisa, kwaye zinyhasha ilungelo lomntu lobomi, isidima, nelekufikelela kwinkonzo yokhathalelo lwezempilo. Kuloko ke le komishoni igqibe kwe...
INTERCHANGE| Book Review: Daddy if you can hear me. 18.07.2026 6:43
Kwinqaku lethu lophicotho ncwadi kulempelaveki, sijonga incwadi enesihloko sithi "Daddy if you can hear me" ebhalwe ngu nyawontle uXolamzi Sam. Lencwadi igxile kwimiba echaphazela impatho mbi ngokwesini. U-Ayabonga Kekana uncokole nombhali wale ncwadi umfundisi uXolamzi Sam...
TRU NEWS @6| How is dis/misinformation disseminated by Nigeria and Ghana affect Brand South Africa 16.07.2026 8:19
Iinkcukacha ezingeyonyani ezilahlekisayo, neziphenjelelwa ngamanye amazwe aquka iNigeria kunye neGhana malunga nezityholo zobundlobongela oluphenjelelwa yintiyo yobuzwe, iXenophobia, ziyaqhuba nokuchaphazela indlela uMzantsi Afrika obonwa ngayo ngamanye amazwe, amashishini, abatyeleli kunye nabo banomdla wokutyala imali kweli. Oku kuza ngexesha apho kukho ukungaboni ngasonye phakathi kwabanye abem...
TRUNEWS@6| How can the Con Court judgement influence policy shift on housing development. 16.07.2026 13:22
Isigwebo sakutsha nje senkundla yomgaqo-siseko esichaphazela ulwakhiwo lwezindlu zokuqeshisa ngendawo yokuhlala kwisixeko saseKapa eNtshona Koloni, siphakamise iingxoxo nesimemelelo sokuba kwakhiwe izindlu eziqeshishayo ezifikelelekayo kwabo bahlawulwa imivuzo esezantsi, nabaphangela kwiidolophu. Ingaba esi sigwebo sizakubanefuthe elinjani kuqulunqo lwemigaqo-nkqubo yolwakhiwo lwezindlu kwiidoloph...
TRU NEWS @6| EC House of Traditional Leaders Chair, Nkosi Mpumalanga Gwadiso passes away 16.07.2026 2:37
Ayaphokoka amazwi ovelwano kulandela ukukhothama kosihlalo wendlu yeenkokheli zemveli eMpuma Koloni, uNkosi Mpumalanga Gwadiso. Ingxelo zakusasa zingqinile ukuba umntwan'egazi, uNkosi uGwadiso ukhothame kwikhaya lakhe elikwilali iNtsundwane ngaseNgqeleni. Intatheli yethu u-Ayabonga Kekana iye yancokola nongusekela-sihlalo kwindlu yeenkokheli zemveli kuzwelonke uNkosi Langa Mavuso ngendima nomqela...
TRU NEWS @6| IEC reinforces its message ahead the 2nd voter registration weekend 15.07.2026 9:53
Kule veki ikomishoni yonyulo ezimeleyo ikhupha umyalezo ogxininisa ukuba abemi boMzantsi Afrika abaselungelweni, mabayokubhalisela unyulo xa kuzakuphinda kuvulwe inyoba yesibini yobhaliso kwimpela veki yomhla wokuqala nowesibini kweyeKhala kulonyala. Oku kwenziwa ukulungiselela unyulo loomasipala oluzayo, kwaye umphathiswa wesebe lolawulo ngentsebenziswano ulindeleke ukuba afake kumqulu karhulumen...
TRUNEWS@6-Momentum Group Foundation aims to equip 500 young people across five provinces 15.07.2026 8:06
Kulemihla, ukuba nebanga leshumi, imfundo enomsila ayisosiqinisekiso sokuba ungawufumana umsebenzi. Uninzi labantu abatsha bazibona bengakwazi ukugqobhozela bangene emisebenzini. Ezinye zezinto ezikhankanywayo njengonobangela kukungabi nazakhono zokwenza lomsebenzi okanye amava omsebenzi. IMomentum Group Foundation ikwiphulo lokuzama ukuvala lomsantsa. Bazakutyelela amaphondo aliqela befundisa ulu...
TRUNEWS @6 - EC Provincial Government interventions to municipalities affected by the temporary withholding of equitable share by National Treasury recently 14.07.2026 9:22
Urhulumente wephondo iMpuma Koloni udandalazise inkqubo yongenelelo koomasipala abachatshazelwe kukunqunyanyiswa kwesibonelelo ekubonelelwa ngaso oomasipala ngunondyebo wesizwe. Ngoomasipala abangamashumi amathandathu kuzwelonke abachatshazelwe koku kunkonywa kwesibonelelo, ukanti kwiMpuma Koloni bathandathu. Ukuva banzi ngolu ngenelelo, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umphathiswa weSebe lolawulo n...
TRUNEWS @6 - NMBM invests R5.6million to upgrade and maintain its beaches 14.07.2026 8:00
Umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, ubekele bucala imali engange R5.6million ukulungisa nokuphucula iilwandle zalo masipala, kunyaka mali ka 2026/2027. Lo masipala nosele ufumene 'iBlue Flag status' amatyeli amane, uthi kwiminyaka eliqela egqithileyo ubone lisanda inani labakhenkethi nabatyeleli kunxweme lwawo. Ukuva banzi ngoku, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe isithethi salo masipa...
TRUNEWS @6 - Looking at how will the evidence presented at the Madlanga commission can affect Malema & the EFF 13.07.2026 13:06
Likhankanyiwe igama lenkokheli yeEFF, uJulius Malema, ngethuba bekunikezelwa ubungqina kwikomishoni yophando kaMadlanga. Igama lakhe livele kwincoko eyayiphakathi konqunyayisiweyo oyintloko yezobuntlola esipoliseni, uMajor General Feroz Khan, kwakunye noligosa eliphezulu kwinkampani eyenza amacuba, uMohamed Sayed. Obu bungqina bobaphakathi konyaka ka2020 no2023, nobutyhola aba bathathu ngokuceba u...
TRUNEWS @6 - The importance of social cohesion in a democratic country 13.07.2026 10:50
Isiseko se-democracy eluqilima nezinzileyo sisekelezelwe kumanyano lwesizwe. UMzantsi Africa kule nyanga uphawula inyanga egxile kumanyano lwesizwe, iSocial Cohesion Month ngolwasemzini. Sukela ngonyaka ka-1994, uluntu loMzantsi Afrika oluphuma kwiinkolo, iintlanga, iinkcubeko neelwimi ezahlukileyo, lwathi lwaqalisa ukuhlalisana ngoxolo nto leyo ebonisa ukuba eli lizwe leloluntu lonke lweli, kunga...
NEWSREVIEW| Presidents Cyril Ramaphosa grants the Madlanga Commission an extension. 12.07.2026 53:10
Umongameli uCyril Ramphosa uphinde walangeza ixesha lokusebenza kwekomishoni ephanda izityholo zongenelelo lomkhambathi woonqevu kunye nefuthe lezopolitiko kwinkqubo yezobulungisa kunye naleyo yolulwa ulwaphulo-mthetho. Ikomishoni kaMadlanga bekulindeleke ukuba ifake ingxelo yayo yokugqibela ngenyanga ka-August walo nyaka, kodwa ngoku umongameli uthe le ngxelo mayifakwe ngenyanga ka-November. U-Ay...
INTERCHANGE BOOK REVIEW 11 JULY 26 11.07.2026 7:43
Kuleveki kuphicotho ncwadi, sijonge incwadii enesihloko sithi ""Jobless, Not Useless, Surviving the Silence", ebhalwe ngu Abulele Mnqwazi. UMnqwazi yinzalelwane yase Matatiele kwiphondo leMpuma Koloni. U Ayabonge Kekana ubambe olu dliwano ndlebe
TRUNEWS @6 - AB Xuma municipality workers slammed with a court interdict following protests 08.07.2026 9:30
Abasebenzi boMasipala wommandla i-Dr AB Xuma, eMpuma Koloni, banikwe isithintelo senkundla, kunye neeleta zokunqunyaniswa kwabo emsebenzini. Oku kulandela imigushuzo abebeyibamba ngenxa yokungoneliseki yintsebenziswano phakathi kwabo nomasipala, emva kokuba befake izikhalazo ngokungaxoli yimiba ethile edibene nemali. Ngokwengxelo, kuvakala ukuba lo masipala akayihlawulanga imali ekufanele uk...
TRUNEWS@6-IEC calls on political parties to comment on draft Code of Conduct Countering Disinformation document gazetted in Parlianment 08.07.2026 6:38
INTRO: Ikomishoni yonyulo ezimeleyo imemelela yonke imibutho yezopolitiko, abagqatswa abazimeleyo kunye nabavoti ngokubanzi, ukuba banike uluvo lwabo ngomgaqo ochasene nokupapashwa okanye ukusasazwa kweenkcukacha ezingeyonyani. UMzantsi Afrika unikwa de ibe ngumhla wamashumi amabini ananye kule nyanga ukufaka olu luvo. Ikomishoni ithi abemi beli bonke kufuneka bazi ukuba ukuthintela iinkcukacha ez...
NEWS REVIEW| Discussing the state of NMB Metro with Mayor Babalwa Lobishe 08.07.2026 51:07
Umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni ngomnye woomasipala abakhulu eMzantsi Afrika ojamelene nemingeni eliqela, equka ukuhanjiswa kweenkonzo ezisemgangathweni kuluntu, urhulumento olungazinzanga, iincwadi zopicotho ungekho moulds nokungaqokeleli ngeniso yaneleyo phakathi kwezinye izinto. Abahlali balo masipala kwimimandla eyohlukileyo nje bavakalise ukungaxoli ziinkonzo abangazi...
TRUNEWS@6-The South African Union of Student hosted a three day Student Accomodation Indaba at the University Kwa-Zulu Natal 07.07.2026 7:44
Umbutho wabafundi baseMzantsi Afrika i-SAUS, ububambe indibano entsuku-ntathu ejolise kwimiba yeendawo zokuhlala zabafundi, i-Student Accommodation Indaba, kwimpelaveki egqithileyo kwiphondo iKwaZulu-Natal. Lendibano ihlanganise ndawonye bonke abathathi-nxaxheba ababalulekileyo kwicandelo leendawo zokuhlala zabafundi. Oku kuza emva kweminyaka abafundi bejamelane nemingeni eqhubekayo enxulumene nok...
TRUNEWS@6-CIBD rolls out its flagship certificate in construction management to strengthen contractor capability in the Eastern Cape 07.07.2026 5:45
I-Construction Industry Development Board, (CIDB), ibambisene neziko mfundo iUniversity of Johannesburg, isungule inkqubo yayo yokunikezela ngezatifiketi zokwakha, eMpuma Koloni. Eli phulo lijolise ekuxhobiseni oonokonkraka abasakhasayo ngezakhono zokuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo kunye nokwakha amashishini azinzileyo. Eli nyathelo liza ngexesha apho iphondo lijolise ekuqiniseni uphuhliso l...
TRUNEWS@6-ANC president Cyril Ramaphosa visits Qamata Great Place in Cofimvaba, EC 06.07.2026 5:43
Umongameli weANC, uCyril Ramaphosa, namhlanje udibene neenkokheli zemveli kunye nabahlali kwikomkhulu iQamata eCofimvaba eMpuma Koloni. Ikomkhulu laseQamata liphantsi kokumkani uDalimvula Matanzima. Inkqubo yokudibanisa amavolontiya, yeminye yemiba ebangele umongameli ukuba atyelele le ndawo. Ukusichazela banzi ngokwenzeke namhlanje,uAmana Xhala uncokole nentatheli yeli jelo uNomzwanele Mngo...
TRUNEWS@6-Reax from SAPU a year after Lt Gen Nhlanhla Mkhwanazi's allegations of an infiltration in the police force 06.07.2026 5:22
Namhlanje kuphawulwa unyaka susela ukuba uLt General Nhlanhla Mkhwanazi wathi wenza izityholo zokugquba kolwaphulo mthetho kwinkqubo yezobulungisa. Ezizityholo zakhokelela ekubeni kumiliselwe ikomishoni yophando, iMadlanga Commission, nesele ikhokhelele ekubanjweni kwabantu abakwizikhundla eziphezulu abaquka amagosa esipolisa aphezulu, nabo batyholwa ngokuba ngoongqondongqondo kulwaphulo mthetho o...
INTERCHANGE BOOK REVIEW- "DUNCAN VILLAGE" 04.07.2026 8:34
We review a book called Duncan Village, authored by Dr Mike Bisopu who Ayabonga our presenter had an interview with on the show.
TRU NEWS @6| Practical steps for parents build better digital boundaries for kids. 02.07.2026 12:53
Iminxeba yohlobo lweSmartphones ibonwa njengento eyenza ubomi lula nethembakeleyo. Kodwa okukuthembakala kungaba yingxaki nanjengoko uluntu luphela luxhomekeka kuyo. Abantwana abaqala kwiminyaka elithoba ubudala babona iminxeba ingabahlobo nalapho bencokola neChatbots. Kutsha nje kukho izehlo zabantwana ekurhanelwa ukuba baye bazibulala ngenkolelo yokulandela imiyalelo abayifumana kwimidlalo ye in...
TRU NEWS @6| Security concerns hamper the Madlanga Commission's work 02.07.2026 5:16
Iphinde yaphazamiseka inkqubo yekomishoni ka Madlanga ngenxa yenkxalabo yokhuseleko lengqina. Ubungqina balowo uzichaza njengosomashishini nempimpi yamapolisa, uTumelo Nku, buye bamiswa ngenxa yoku. Ubandakanyeka kwinkqubo yokubanjwa kweziyobisi e-Aeroton ngamapolisa eRhawutini ngo 2021. Oku kungaphinde kubeke esithatheni umba wokhuseleko lwamangqina kule komishoni. U-Amanda Xhala uncokole nentath...
TRU NEWS @6| National Workshops to guide registered political parties. 01.07.2026 10:00
Ikomishoni yonyulo ezimeleyo yoMzantsi Afrika, izakubamba ucweyo oluqulathe uqeqesho oluxhobisa imibutho yezopolitiko kuquka nabagqatswa abazakungenela unyulo loo masipala, kwinyanga yeNkanga kulo nyaka. Olu cweyo luzakubanjwa kuwo onke amaphondo ukusukela ngomhla wesithandathu ukuya kumhla weshumi elinesithandathu kule nyanga siyiqalayo. Imibutho yezopolitiko nabo bazakuzigqatsela ungenela unyulo...
TRUNEWS @6 - Eastern Cape Provincial Legislature hosted a Youth Parliament 29.06.2026 10:16
Indlu yowiso-mthetho eMpuma Koloni ibibambe ipalamente yolutsha, iYouth Parliment, kwiveki ephelileyo. Le ndibano ibidibanise ulutsha oluvela kuwo onke amacandelo ephondo, phantsi komxolo othi: "Celebrating 30 years of our Constitution: A conscientised Youth Advancing and Inclusive Economy and Ending Gender-Based Violence on the 50th Anniversary of the 1976 uprising". Ukuva banzi ngeziphumo zale n...
Ähnliche Podcasts
Replaio ist kein Herausgeber von Podcasts; die Namen der Sendungen, Cover und Audioinhalte gehören ihren Autoren und werden über öffentliche RSS-Feeds verbreitet