SABC News

trufm Current Affairs

News EN ↓ 1040 Folgen

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.

Besuch unbedingt die Website des Podcasts und unterstütze die Macher: www.sabcnews.com

Autor

SABC News

Kategorie

News

Podcast-Website

www.sabcnews.com

Neueste Folge

2. Nov 2026

Wo hören?

Podcasts in der App Replaio Radio Bald verfügbar

Podcasts kommen bald in die App. Installiere sie jetzt und erlebe als Erster einen ganz neuen Blick auf Podcasts

Bei Google Play herunterladen Kostenlos installieren Android fast 10 Mio. Downloads · Bewertung 4,8 iOS bald

Folgen

30 MINUTES LIVE - BCM INDIGENTS 12.11.2024

Umasipala ombaxa iBuffalo City, eMpuma Koloni, uphulukana nee billon zerandi ngenxa yabantu abaxhaphaza inkqubo yokufumana iinkonzo zamanzi nombane simahla kuMasipala. Le nkqubo, neyaziwa ngokuba yi-indigent system, ibonelela abahlali balo masipala abangakwazi ukuhlawula iinkonzo zikamasipala, ngenxa yemo yentlalo noqoqosho. Ingaba lo masipala wenza ntoni ukuqinisekisa ukuba kuxhamla abantu abanga...

UNESCO EDU REPORT 11.11.2024

Ingxelo ekhutshwe ngumbutho i-United Nations Educational, Scientific and Cultural Organization ( UNESCO), ibonisa ukuba abantwana abafunda ugrade 3 no-grade 6 bafumana izifundo ezingaphantsi kwebanga abalifundayo nento engakhuthazi iqondo lokucinga ngokusumbulula ingakumbi izifundo zezibalo. Ngethuba kuncokolwa neetitshala koluphando, bavakalise ukuba iincwadi ezisetyenziswa ngabafundi kufuneka zi...

Cyber Security 11.11.2024

Ziya zisanda izenzo zolwaphulomthetho olwenzeka kwi-internet, i-cyber crime ngolwasemzini, kweli loMzantsi Afrika.  Ingxelo ye-Interpol yanyakenye, egxile kwi-cyber crime, ifumanise ukuba zibe ngaphaya kwe-230 yezigidi izigrogriso zalo mkhuba eziye zafunyaniswa kweli ngonyaka ka-2021. Ukanti kwiveki ephelileyo, iqela laseBrazil elizibiza i-N4aughtySec, lichaze ukuba likwazile ukufikelela ngokungek...

NewsReview, SAHRC report on the state of EC roads 10.11.2024

Kwinkqubo ndaba yakho namhlanje u Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe no Zukiswa Mqakanya othethela i South African Human Rights Commision eMpuma Koloni nalapho bencokola ngophando olwenziwe yilekomishoni ngesimo esibi seendlela zase Mpuma Koloni. 

30 MINUTES LIVE - WTW 08.11.2024

Xa siqukumbela le veki, sizakujonga kwimiba eyohlukileyo nebitshisa ibunzi kwezopolitiko. Uphinde wonyulwa njengoMongameli waseMelika uDonald Trump. Inkokheli ye-EFF uJulius Malema ithi asothusi isigqibo sowayenguSihlalo walo mbutho uAdvocate Dali Mpofu, sokuzibandakanya nombutho iMK party. Kukho amalungu e-MK Party avakalisa ukungaxoli ngobunkokheli balo mbutho. Ingaba okwenzeka eMozambique kuzak...

Sonke Gender Justice 07.11.2024

Umbutho kamakulinganwe ngokwesini, iSonke Gender Justice, uphakamisa ukwandiswa kwekhefu elithathwa ngabazali abanosana olutsha ukuba ibesisithuba seenyanga ezine kumzali ngamnye. Lo mba kungoku nje uphambi kwenkundla yomgaqo-siseko kulandela isigwebo esasiwiswe ngaphambili nesilamla umthetho wezengqesho, i-Basic Conditions of Employment Act, nowawuvumela umzali omnye ukuba axhamle kweli khefu ixe...

30 MINUTES LIVE - MOZ UNRESTS 06.11.2024

Kuphazamisekile ukuhanjiswa kweempahla kumda iLebombo ophakathi ko Mzantsi Afrika ne Mozambique. Oku kusemva kokubanjwa koqhankqalazo ngenxa yokungoneliseki ziziphumo zonyulo ebelubanjwe kwinyanga ephelileyo, kwilizwe laseMozambique. Umbutho olawulayo iFrelimo, nguwo owaphumelelayo. Amaqela aphikisayo kwela lizwe aye abhengeza ukuba ayazikhaba iziphumo zonyulo bebanga ukuba bezithiwe mbende bubuqh...

Anti-corruption bill 05.11.2024

Umbutho iDemocratic Alliance uthe thaca epalamente umthetho ozaku jongena norhwaphilizo, i-Anti Corruption Bill. Ngelixa kusiyiwa kunyulo, lombutho wathi ufuna ukwazisa ikomishoni ezakujongana nokuphanda nokutshutshisa urhwaphilizo lwamatyala anobuzaza. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nengcali yopolitiko ugqirha Nkosikhulule Nyembezi.. 

Government Debt 04.11.2024

UMphathiswa weSebe lezemali u-Enoch Godongwana, uvakalise ukuba kulindeleke lenyuke liyekuma kwi six-point-three trillion yeeRandi ityala likaRhulumente kunyaka mali ka2025/26. UGodongwana ukuvakalise oku ngethuba esithi thaca uhlahlo lwabiwo-mali lo mbindi wonyaka ePalamente, kwiveki edlulileyo. Eli tyala kulindeleke lenyuke nangona uRhulumente enze iinzame zokulicutha, neziquka ukucuthwa kwenkci...

NEWS REVIEW - MUNICIPALITIES ECONOMY 03.11.2024

Utyalo-mali olumandla kuphuhliso lweziseko ezingundoqo, nokuphuculwa korhulumento koomasipala, kubonwa njengezinye zezisombululo kuhlumlo loqoqosho loMzantsi Afrika. Oku kuphakanyiswe ngumphathiswa wesebe lemali, uEnoch Godongwana ngethuba esithi thaca uhlahlo lwabiwo-mali lombindi wonyaka ngoLwesithathu wale veki siyiqukumbelayo. UGodongwana uvakalise isidingo senkxaso koomasipala, nanjengorhulum...

INTERCHANGE - MTIRARA 02.11.2024

Alikachazwa ngokwangoku usuku lwenkonzo yomngcwabo yeNkosi ethe yabulawa kwikomkhulu laseMqhekezweni, ngaphandle kwaseMthatha eMpuma Koloni. Amalungu osapho lwamaDlomo azakuhlangana komkhulu ngeCawa ukushukuxa lo mba. UNKosi Nogcinile Mtirara ubulewe ngobusuku bangoLwesibini ngamadoda angaziwayo amabini, nabezogqume ubuso ngee bhalaklava. UFundiswa Mhlekude za nengxelo

INTERCHANGE - SIU MAKANA 02.11.2024

Icandelo lophando elikhethekileyo iSIU, lifike lingabhungisanga kumasipala waseMakana eMpuma Koloni, ukwenza ugqogqo. Oku kuza emva kokuba umongameli uCyril Ramaphosa egunyazise ukuba makwenziwe uphando kwizityholo zolawulo olugwenxa kulamasipala. I-SIU ithi oku kulandela ikhwelo elihlatywe ngabahlali abaliqela, lokuba kuphandwe ukusukela ngo2019. Olu phando luzakuqwalasela uphuculo lwenkqubo yeli...

30 Minutes live-Justice dept signs MoU with Consumer Profile Bureau 01.11.2024

Namhlanje isebe lezobulungisa lityikitya isivumelwano ne-Consumer Profile Bureau esizakubona kudluliswa iinkcukhaca zabo bangondli abantwana kwibhodi elawula ukuthengwa kwezinto ngetyala, iCredit Bureau. Eli linge lelokwenza nzima kwabo bangondli abantwana babo, ukuba bathenge izinto ngetyala. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe noTsekiso Machike

30 Minutes live -SIU officials set to raid the Makana municipality 01.11.2024

Kulindeleke ukuba amagosa ecandelo elikhethekileyo lezophando i SIU, enze ugqogqo kumasipala i Makana, eMakhanda namhlanje. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nesithethi seSIU Kaizer Kganyakgo.

TRUNEWS @6 - NMB MAYOR 31.10.2024

Usihlalo we-ANC kummandla iNelson Mandela Bay, uBabalwa Lobishe, wonyulwe njengosodolophu omtsha womasipala ombaxa weNelson Mandela, eMpuma Koloni. ULobishe, ungena endaweni kaGary van Niekerk wombutho iNational Alliance, nolahlileyo esikhundleni sakhe namhlanje. Ukulahla kwakhe kulandela isigqibo sesigqeba esiphezulu seANC sokuba lombutho mawukhokhele bonke oomasipala abangenamibutho iphumelele n...

SANRAL introduces Contractor Develpment Programe to capacitate contractors 31.10.2024

I-Arhente yezendlela isungule inkqubo yophuhliso lwabakhi nezakuthi incedisane nabo ukuphucula umsebenzi wabo, ushishino nokuvelisa umsebenzi okumgangatho ophezulu. Le nkqubo izakuphinda incedise abakhi ekubeni bakwazi ukuqoshelisa umsebenzi ngexesha elisikiweyo. UAyabonga Kekana uncokole nongumlawuli oyintloko uLehlohonolo Memela...

Mid term Budget Policy Speech 30.10.2024

Umongameli wesebe lezimali u Enoch Godongwana ulindeleke ukuba athi thaca intetho yakhe yombindi wonyaka yolwabiwo mali. Kwinkqubo ndaba yakho yanamhlanje sithetha nosoqoqosho ophuma kwi univesithi i Nelson Mandela Bay ugqirha u  Asanda Fotoyi......

29 10 2024 NEHAWU HEALTH 29.10.2024

Imanyano yabasebenzi bezemfundo nezempilo kuzwelonke, iNehawu, izakuvela kwinkundla yabasebenzi namhlanje ngelinge lokulwela oonompilo abangaqeshwa isigxina. Oku kuza emva kokuba lemanyano ifake isicelo kwinkundla yabasebenzi esiphikisa isigqibo sokuthintela ukuqeshwa kwababanompilo lisebe. Eli ikwalilinge leNehawu lokuvala izikhewu zokushokoxeka kwabasebenzi kwicandelo lezempilo. Kodwa ukuva banz...

30 Minutes live : The cause of death of six children in Naledi, Soweto. 28.10.2024

Umphathiswa wezempilo uGqirha Aaron Motsoaledi uthi unobangela wokubhubha kwabantwana abathandathu baseNaledi,eSoweto, ibingeyotyhefu ekutyeni (Food poisoning)  kodwa ibiyi-Chemical ebizwa ngokuba yi-Organophosphate. Ayabonga Kekana unodliwano ndlebe noBelinda Makafula nongumlawuli kwimiba kwicandelo lokusingqongileyo kwisebe lezempilo. 

NEWS REVIEW XENO-AFROPHOBIA 27.10.2024

Is South Africa a Xeno/Afrophobic Country?  Ayabonga Kekana discussed this issue with African Diaspora Chairperson Vusumuzi Sibanda and a Historian and Senior Lecturer at UNISA Prof Luvuyo Dondolo, following the recent incidents of food poisoning due to expired food items, allegedly from foreign nationals' spaza shops.

Government of National Unity Partner DA's objection to President Cyril Ramaphosa's comments on Russia 25.10.2024

I-ANC ithi akufanelekanga ukuphikiswa kwentetho kamongameli uCyril Ramaphosa yi-DA, kumba wobudlelane boMzantsi Afrika ne-Russia. URamaphosa ebethetha kwingqungquthela ye-BRICS nalapho achaphazele ukuba iRussia inobudlelane obuqinileyo noMzantsi Afrika. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe noumhlalutyi wezopolitiko, uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast…

Urgent action for the regulation of spaza shops. 25.10.2024

Amaqela ezopolitiko ePalamente amemelela amanyathelo angxamisekileyo okulawulwa kweevenkile zasekuhlaleni zabemi bangaphandle, nanjengoko zisanda iziganeko ezichazwayo jikelele eMzantsi Afrika zokugula nokusweleka kwabantwana, emva kweengxelo zokuba batye ukutya okuthengwe kwezi venkile. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nombhexeshi oyintloko weqela iIFP uMhlanhla Hadebe...

TRUNEWS @6 - ENYOBENI DEMOLISH 24.10.2024

Abanini bendawo yentselo iEnyobeni, kwindawo yaseScenery Park eMonti, bathi abazokubhena kumyalelo wenkundla ephakamileyo yaseMonti, wokuba kudilizwe le ndawo. Lo myalelo uthi baneentsuku ezingamashumi amathathu ananye ukuba bayidilize. Umasipala ombaxa iBuffalo City, wafaka esi sicelo, ephakamisa imingeni efana nomhlaba esakhiwe kuwo, isimo sesakhiwo kwakunye neempepha zokushishina. Ngenyanga yeS...

24 10 2024 ENYOBENI DEMOLITION 24.10.2024

Inkundla ephakamileyo yase Monti inike umasipala ombaxa i Buffalo City umyalelo wokudiliza indawo yentselo iEnyobeni ese Scenery Park, ngaphandle kwase Monti. Umasipala waafaka isicelo sokudiliza esisakhiwo ephakamisa imingeni efana nomhlaba esakhiwe kuwo, isiseko esi kunye neempepha zokushishina. Ngenyanga yeSilimela ngonyaka u 2022 kwaabhubha abantwana abangamashumi amabini ananye kwesasakhiwo....

Concerns have been raised about "deadly force" used police. 24.10.2024

Kukho isimemelelo sokuba amapolisa anxibe iikhamera xa esemsebenzini ukuze kujongwe umsebenzi wabo. Oku kuza emva kwenkxalabo yokuba amapolisa angasebenzisa amagunya awo ukudubula abulale abantu abamsulwa, kwisizathu sokuba ebezikhusela kudubulwano obelukhona phakathi kwawo noonqevu. Ayabonga Kekana ubambe udliwanondlebe ingcali kwiinkqubo nolawulo lwenkonzo yesipolisa uZimisele Nxafani... 

Höre den Podcast trufm Current Affairs in Replaio

Radio und Podcasts in einer App - kostenlos und ohne Anmeldung. Installiere sie noch heute und verpasse den Start nicht

Bei Google Play herunterladen

Replaio ist kein Herausgeber von Podcasts; die Namen der Sendungen, Cover und Audioinhalte gehören ihren Autoren und werden über öffentliche RSS-Feeds verbreitet