SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Besuch unbedingt die Website des Podcasts und unterstütze die Macher: www.sabcnews.com
Wo hören?
Podcasts in der App Replaio Radio Bald verfügbarPodcasts kommen bald in die App. Installiere sie jetzt und erlebe als Erster einen ganz neuen Blick auf Podcasts
Folgen
Billions pumped for school nutrition for EC schools 09.04.2025 25:00
Urhulumente wephondo i Mpuma Koloni ubekele bucala imali engange two billion randi ukujongana nemiba yendlala kubantwana, ukungondleki kunye nokuqinisekisa ukuba bafumana ukutya. Lemingeni ichaphazela amawaka amakhaya angathathi ntweni kweliphondo, noninzi lwawo lunabantwana abahlala bodwa. Ngelixa enikeza intetho yakhe yomgaqo nkqubo kwindlu yowiso mthetho, umphathiswa wesebe lemfundo u Fundile G...
A 37-year-old woman in the EC is in hiding after she was brutally attacked 08.04.2025 4:14
Owasetyhini ominyaka ingamashumi amathathu anesixhenxe ubudala eMpuma Koloni, uphila ubomi beNtshontsho, kude kwanyazeleka ukuba azimele emva kokuhlaselwa ngocelemba yindoda ancuma nayo. Ixhoba lityhola ngokuba oku kwenzeke emva kokuba exele iqabane kwiziko leeNkonzo zoluleko, nanjengoko le ndoda ingaphandle kwentolongo ngengqawule. Ngokwengxelo enikezwa ngulo wasetyhini, le ndoda iye yazokuthathw...
Discerning misinformation on social media 08.04.2025 8:09
Amakhasi onxibelelwano aye anconywe ngokudiza izenzo zolwaphulo mthetho ezenzeka ekuhlaleni, kwaye abenefuthe elikhulu ekufakeni uxinzelelo kwabasemagunyeni ukuba bathathe amanyathelo ngakwezizenzo. Nangona kunjalo, aye aphinde agxekwe ngokubanefuthe ekusasazeni iinkcukacha ezingachanekanga neziye zimanyelwe kakhulu luluntu kunoko kuthethwa ngabasemagunyeni. Esinye seziganeko amakhasi onxibelelwan...
SAPS reacts on allegations that minister Mchunu lied about DNA being taken from the principal on the Cwecwe case 08.04.2025 6:31
Inkonzo yesipolisa iphendule kwiingxelo ezithe ndii kumakhasi onxibelelwano, malunga netyala eliqhubayo lomntwana waseMatatiele ekutyholwa ukuba wadlwengulwa kunyaka ophelileyo. Iingxelo kumakhasi onxibelelwano zibanga ngelithi umphatshiwa wamapolisa uSenzo Mchunu, akakhange abenanyani ngokumalunga nokuthathwa kwe DNA yenqununu yesikolo esifunda lentwazana, nekutyholwa ukuba yanukunezwa kuso. Isip...
INTERCHANGE - QUEENS COUNCIL 06.04.2025 6:10
Osandul' ukwenyulwa nje ngosihlalo webhunga leekumkanikazi zoMzantsi Afrika, ukumkanikazi Madosini Tina Ndamase, uzimisele ukusebenzisa eli bhunga ukuphuhlisa amanina, ingakumbi emaphandleni. Ukumkanikazi Ndamase unyulwe ngaphandle kophikiswano ngenyanga yokwindla. Injongo yelibhunga kukuphuhlisa amanina ngokwezoqoqosho, ezentlalo nokuphuhlisa izakhono zabasetyhini. Ukusabela banzi ngezicwangciso...
NEWS REVIEW - South African criminal justice system 06.04.2025 52:10
Kwilizwe loMzantsi Afrika, inkqubo yokuzisa ubulungisa kulwaphulomthetho, nejoliswe ekutshutshiseni abophulimthetho, ingakumbi kumatyala angqamene nokuxhatshazwa ngezesondo, ingahle ijamelane nemingeni, nengakhokelela ekukhululweni kwabophulimthetho, nto leyo eshiya umbuzo ngokusebenza ngendlela kwale nkqubo. Kutshanje, ijaji kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha imfumanise engenatyala uMfund...
Impact of US tariffs on SA 04.04.2025 7:48
URhulumente woMzantsi Afrika uthi uzakuqhuba nokuthethana noRhulumente waseMelika. Namhlanje uMphathiswa wesebe lobudlelane namazwe ngamazwe uRonald Lamola, nomphathiswa wezorhwebo uParks Tau, bazakudakanca indlela uMzantsi Afrika ozakuthetha ngayo noRhulumente kaDonald Trump. UTrump umilisele imirhumo yerhafu ngamashumi amathathu eePesenti ngakuMzantsi Afrika. Kuza kusichaphazela oku? Emnxebeni s...
Deportation of Omotoso 03.04.2025 6:39
IGunyabantu lezotshutshiso eMpuma Koloni, iNPA, lithi uMfundisi Timothy Omotoso uzakubuyiselwa kwilizwe lakhe lokuzalwa eNigeria, emva kokuba efunyenwe engenatyala kwinkundla ephakamileyo eGqeberha. U-Omotoso, nesibini ebetyholwa naso uLusanda Sulani no Zukiswa Sitho, bafunyenwe bengenatyala kuwo onke amatyala ebebejongene nawo, aquka ukudlwengula nokushishina ngabantu. Emnxebeni sinayo intatheli...
TRUNEWS @6 - Pastor Timothy Omotoso acquittal analysis 02.04.2025 8:20
Ngethuba ewisa isigwebo kwityala ngakuMfundisi uTimothy Omotoso natyholwa nabo kwityala lokudlwengula, ukuthimba nokugudisa imali efunyenwe ngondlelamnyama, ujaji Irma Schoeman uthe umbuso awukwazanga ukufumanisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba uOmotoso unetyala, nto leyo ekhokelele ekukhululweni kwakhe. Ukuhlalutya lo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe ingcali kwimiba yezomthetho, uMpumel...
Omotoso aquitted of all charges 02.04.2025 5:50
Emva kweminyaka esibhozo kuxoxwa elityala, inkundla ephakamileyo yaseGqeberha namhlanje imfumanise engenatyala kuzo zonke izityholo umfundisi Timothy Omotoso, kunye nababini atyholwa nabo. UOmotoso kunye noLusanda Sulani noZukiswa Sitho, babejongene namatyala angamashumi amathathu anesibini aquka ukudlwengula, ukuxhaphaza ngokwesondo, kunye nokurhweba ngabantu,ukuva ukuba ikundla iqhube njani, emn...
TRUNEWS @ 6 - Justice for CWECWE movement 01.04.2025 3:30
Imibutho yoluntu nemibutho yezopolitiko kumasipala ombaxa iBuffalo City eMpuma Koloni, bamemelela ukuba kukhuselwe iisampuli zeDNA zabo ekungenzeka ukuba ngabarhanelwa kwityala lokudlwengulwa komntwana waseMatatiele, oneminyaka engamashumi asixhenxe ubudala, nekutyholwa ukuba udlwengulwe kweyeDwarha kunyaka ophelileyo. Kunikezelwe ngoluhlu lwezinyanzeliso kusodolophu weBuffalo City, uPrincess Faku...
Budget adption proposal 01.04.2025 7:00
IKomiti ejongene nemicimbi yezemali epalamente kulindeleke ukuba ibambe intlanganiso eyenzelwe ukupasisa ingxelo yayo ngesiphakamiso sohlahlo lwabiwo-mali, sokwenyuswa kwerhafu yentengo (VAT). Lekomiti ibikhe yabamba iingxoxo noluntu ngomba webhajethi, nalapho ababandakanyekayo baye bayiphikisa. Kusenjalo, umbutho i-DA ulumkise iANC ngelithi uzakuzikhupha wona kurhulumente wobumbano ukuba iA...
30 MINUTES LIVE - BUDGET VOTE 31.03.2025 6:03
Lushiyeke lungenanto zokukhwela ngale ntsasa uluntu lwaseKariega, kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, kwiMpuma Koloni, kulandela uqhankqalazo lwabaqhubi beetaxi. Aba baqhubi banyanzelisa ukwakhiwa ngokutsha kwebhulorho iMatanzima, neyadilizwa zizikhukhula zonyaka ophelileyo. Kunangoku, aba notaxi bathi umasipala akakayilungisi le bhulorho, nto leyo eyenza kubenzima ukusebenza kubo. Ukuva...
NEWS REVIEW-EC Budget speech 30.03.2025 39:27
Kwiveki ephelileyo umphathiswa wesebe lezimali eMpuma Koloni uMlungisi Mvoko, uwise intetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali lephondo nalapho edandalazise khona izicwangciso zephondo ngokuphathelele kwimicimbi yezimali zonyaka mali ka 2025/2026. Kwezi zicwangciso umphathiswa ubalule okuphambili ukusetyenziswa kwemali nokwabiwa kwemithombo yezimali ngobulumko, nanjengoko la ingamaxesha anzima ngok...
Deadline on grant benericiaries 29.03.2025 2:01
IPost bank iyicacisile into yokuba inyanga yokugqibela ukuba abaxhamli bendodla batshintshe amakhadi abo ambala wegolide bafumane amnyama akwa Post bank, nguCanzibe hayi uTshazimpuzi. Oku kulandela intetho kamphathiswa kwi ofisi ka mongameli, uKhumbudzo Ntshavheni, ngethuba ethetha emva kwendibano yeCabinet, nalapho athe ixesha lokugqibela landiselwe umhla wamashumi amathathu kuTshazimpuzi. Ingqon...
EC education department to deregister Bergview college in Alfred Nzo west district 28.03.2025 6:34
Isebe lezemfundo eMpuma Koloni lichaze ukuba lizakurhoxisa ukubhaliswa kwesikolo iBergville College eAlfred Nzo,kuluhlu lwezikolo ezibhalisiweyo. Oku kulandela ukuvulwa kwetyala lokudlwengulwa komntana oneminyaka esixhenxe ubudala, kunyaka ophelileyo ngenyanga yeDwarha, kwesisikolo sabucala. Okuzakuthi ga ngoku akukabikho mgama ungako sele uhanjiwe malunga nelityala. UAyabonga Kekana uncokol...
30 MINUTES LIVE - Robert Sobukwe centenary celebrations 28.03.2025 5:35
Iziko iFreedom Park Heritage Site and Museum, liphawula ikhulu leminyaka wazalwayo ongasekhoyo uRobert Mangaliso Sobukwe. USobukwe ongumseki wombutho iPan Africanist Congress, iPAC ngamafuphi, wayeligqala lomzabalazo elilachasene nenkqubo yengcinezelo ngokwebala, kweli loMzantsi Afrika. Ube phambili kwidabi lenkululeko yeli lizwe, echasene nemithetho yokuphathwa kwamapasi. Sithethanje, eli z...
MKP marches against unemployment in NMB 27.03.2025 3:31
Iqela lezopolitiko uMkhonto Wesizwe kwiphondo le Mpuma Koloni, linike umasipala ombaxa i Nelson Mandela Bay iintsuku ezilishumi elinesine ukuba aqubisane neqondo eliphezulu lentswela ngqesho, nolwaphulo mthetho kulo masipala. Namhlanje igquba lamalungu eli qela libambe umngcelele osingise kwiholo yesixeko eGqeberha, ukuya kudlulisa uxwebhu olunyanzelisa ukuphuculwa konikezelo lweenkonzo. Eli qela...
30 MINUTES LIVE - ADM STORM 27.03.2025 6:31
Isicotho sangoLwesibini esikhatshwa ziindundumo nemimoya emandla kuMasipala wesithili i-Amathole eMpuma Koloni, sishiye amakhaya amaninzi onakele, iindlela zivaliwe, kukho ukhukhuliseko, nezithuthi zichaphazelekile phakathi kwezinye izinto. UMasipala i-Amathole unooMasipala abathandathu phantsi kwakhe, kwaye abo bathe bachatshazelwa sesi sicotho bathathu, yi-Amahlathi nequka iQoboqobo, iGreat Kei,...
EC Budget 27.03.2025 14:08
Ukuhlangabezana nengxaki yoshokoxeko lwabasebenzi bezempilo, uRhulumente wephondo iMpuma Koloni unezicwangciso zokuqesha ooGqirha namaNesi abangaphaya kwe waka, kunyaka-mali ka2025/26. Oku kuvezwe nguMphathiswa wesebe lemali ePhondweni, uMlungisi Mvoko, ngethuba esithi thaca uhlahlo-lwabiwo kwiNdlu yowiso-mthetho eBhisho izolo. Kolu lwabiwo, isebe lezeMfundo lifumene esona sixa sikhulu. Kubekelwe...
30 MINUTES LIVE - Police Committee visits the EC 25.03.2025 3:49
Ikomiti ejongene namapolisa epalamente ityelele iphondo iMpuma Koloni, ngelokuhlola indlela asabela ngayo amapolisa kwizenzo zolwaphulomthetho neziganeko zokunyanzeliswa kwabantu ukuba bahlawule imali ngeenjongo zokubakhusela, i-extortion ngolwasemzini. Ziya zisanda ngokwanda iziganezo ze-extortion kwilizwe loMzantsi Afrika, kwaye zinefuthe elibi kuhlumo loqoqosho lweli nobomi boluntu ngokubanzi....
30 MINUTES LIVE - SCOPA conducts oversight visits to the OR Tambo District Municipality and BCM in the EC 25.03.2025 6:36
IKomiti ejongene nenkcitho kaRhulumente ePalamente, iSCOPA, ikwinkqubo yokwakh' umkhanyo kooMasipala ababini eMpuma Koloni. Le Komiti izakuya kumasipala wesithili iOR Tambo kunye nomasipala ombaxa iBuffalo City. Injongo yolu tyelelo kukujonga imingeni aba masipala abajongene nayo, nokuba iyiqhwalelisa njani na inkqubo yokusiwa kweenkonzo eluntwini. Intatheli yethu, u-Ayabonga Kekana, iye yancokola...
World TB Day package 24.03.2025 2:37
Njengokuba namhlanje (Monday 24 March) ilizwe liphawula usuku olubekelwe bucala lwesifo sephepha, isebe lezempilo kuzwelonke lithi lizimisele ukuhlola abantu abangapha kwezigidi zintlanu kunyaka mali u 2025/26 njengenxalenye yephulo i End TB Strategy. Intatheli yethu u Sashin Naidoo isenzele lengxelo waze u Amanda Xhala wayiguqulela usasazo ngeSiXhosa
30 MINUTES LIVE - TB DAY 24.03.2025 10:19
Imibutho ejongene nesifo sephepha eMzantsi Afrika, isebenzise usuku iWorld TB Day ukugxeka urhulumente ngokusilela kuxanduva lwakhe lokubeka phambili isifo sephepha, nokungathathi manyathelo ekuhambiseni iinkonzo ezidingekayo ukunyanga esi sifo. Ngokwengxelo yombutho wezempilo kwihlabathi, iWHO, isifo sephepha sihamba phambili ekubulaleni abantu. Ngonyaka, kweli loMzantsi Afrika bayi 54-thousand a...
NEWS REVIEW- Budget analysis 23.03.2025 49:41
Inyanga YoKwindla yinyanga yokuqongqotha unyaka-mali kurhulumente, ze inyanga ka-Tshazimpuzi ibeyeyokuqala kunyaka-mali omtsha. Oku kuthetha ukuba urhulumente uqala ngokutsha ukusebenzisa uvimba ukusa iinkonzo eluntwini, nokuqhuba neenkqubo zikarhulumente. Kwiveki ezimbini ezidlulileyo, uMphathiswa wesebe lemali uEnoch Godongwana, uye wabela amasebe karhulumente kuquka namaqumrhu uhlahlo mali kwin...
Ähnliche Podcasts
Replaio ist kein Herausgeber von Podcasts; die Namen der Sendungen, Cover und Audioinhalte gehören ihren Autoren und werden über öffentliche RSS-Feeds verbreitet