SABC News

trufm Current Affairs

News EN ↓ 1015 Folgen

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.

Besuch unbedingt die Website des Podcasts und unterstütze die Macher: www.sabcnews.com

Autor

SABC News

Kategorie

News

Podcast-Website

www.sabcnews.com

Neueste Folge

25. Okt 2026

Wo hören?

Podcasts in der App Replaio Radio Bald verfügbar

Podcasts kommen bald in die App. Installiere sie jetzt und erlebe als Erster einen ganz neuen Blick auf Podcasts

Bei Google Play herunterladen Kostenlos installieren Android fast 10 Mio. Downloads · Bewertung 4,8 iOS bald

Folgen

SAHPRA officially registered Lenacapavir, a long-acting injectable medicine for HIV 28.10.2025

UMzantsi Afrika kungekudala uzakubanechiza elisisitofu sokuthintela ulosuleleko lwentsholongwane i-HIV. Oku kulandela ukubhaliswa nokupasiswa kwesi sitofu iLenacapavir ngokusesikweni, ngukhala olawula usetyenziso lwamachiza kweli, iSouth African Health Products Regulatory Authority. Esi sitofu ixesha elide besisetyenziswa eMelika kuphela, kwaye sixabisa imali eninzi kakhulu ukuba ilizwe lingasithe...

Human trafficking accused denied bail 27.10.2025

INTRO: Inkundla kaMantyi eMonti eMpuma Koloni, imalele ibail usekela-nqununu, uVuyokazi Gana, otyholwa ngokurhwebesha amantombazana aselula ewathembisa ngamathuba emisebenzi, kanti uzakuwafaka kushishino lokuthengisa ngomzimba. UGana kutyholwa ngokuba konke oku ebekwenza kumzi wakhe eQuigney, eMonti. Inkundla igwebe ngelithi ukuba anganikwa ibheyile lonto ingabeka emngciphekweni ubomi babantu aban...

Former Police Minister, Bheki Cele, says he is of the opinion that the appointment of Riah Phiyega as Police Commissioner in 2012 was a deliberate attempt to weaken SAPS 25.10.2025

Owayesakuba ngumphathiswa wamapolisa uBheki Cele uthi unembono ethi ukuqeshwa kuka Riah Phiyega njengomkomishinala wamapolisa ngo2012 yayililinge langabom lokuthibaza inkonzo yesipolisa. UCele unika ubungqina kwikomiti yethutyana yepalamente, esekelwe ukuqwalasela izityholo zongenenelelo loonqevu, urhwaphilizo, nopolitiko kwinkqubo yezobulungisa. Ezizityholo zenziwe ngumkomishinala wamapolisa eKZN...

30 MINUTES LIVE - Optism as SA awaits its FATF grey list verdict 23.10.2025

Ilizwe loMzantsi Afrika lilinde ngabomvu isigqibo se Financial Action Task Force, iFATF ngamafuphi, ngokubhekiselele ekukhutshweni kweli lizwe kuluhlu lwamazwe ekusemngciphekweni ukwenza nawo ushishino. Olu luluhlu lwamazwe angenankqubo zomeleleyo zokuthintela ukugudiswa kwemali eze ngondlela-mnyama, kuquka nokuxhaswa kwezenzo zobunqolobi. UMzantsi Afrika wafakwa kolu luhlu ngeyoMdumba ngonyaka ka...

30 MINUTES LIVE - Mchunu's day 4 giving testimony infront of the Ad hoc committee 22.10.2025

Namhlanje lusuku lwesine enikezela ubugqina phambi kwekomiti yethutyana yasepalamente, umphathiswa wamapolisa obekwe kwikhefu elikhethekileyo, u Senzo Mchunu. Le komiti iphanda izityholo zongenelelo lwezopolitiko, urhwaphilizo, nolwaphulomthetho kwinkqubo yobulungisa yeli. Izolo u Mchunu uphendule umbuzo welungu lepalamente le DA, u Glynnis Breytenbach, wokuba buza kutshintshwa njani ubuqhophlolo...

Land claims commissioner in the EC roll out a public awareness drive 21.10.2025

Ikomishoni ejongene namabango omhlaba eMpuma Koloni, izakubamba amaphulo okuqinisa ubudlelane noluntu. Oku kuza emva kwenkxalabo ephakanyiswe luluntu ngokucotha kwenkqubo yokuhlawulwa koluntu olufake amabango omhlaba. Kunyaka mali ka 2024/2025, iphondo leMpuma Koloni belizibekele ukuhlawula amabango angaphezulu kwamakhulu amathathu. UAmanda Xhala uncokole nomkomishinala ojongene namabango omhlaba...

Witness A continues with his testimony on the Madlanga Commission.) 21.10.2025

Ingqina elichazwa ngo "Witness A" liyakuqhuba nokunika ubungqina kwikomishini yophando kaMadlanga ePitoli. Lo mcuphi onikwe uxanduva lokuphanda imikhambathi yolwaphulo-mthetho ungenise ingxelo eyothusayo izolo, neziquka unxulumano phakathi kwamagosa aphezulu kwinkonzo yesipolisa, nabantu abathile abatyholwa ngokuba ngongqondo-ngqondo kwizenzo zolwaphulo-mthetho. Kubungqina bakhe, uWitness A uveze...

DA announces plans to challenge bee policy 20.10.2025

INTRO: I-DA imemelele ekubeni kupheliswe umgaqo-nkqubo weBlack Economic Empowerment, iBEE ngamafuphi, isithi iyibulele imisebenzi, wakhuthaza urhwaphilizo kwaye wakwaxhamlisa nabantu abanonxulumano nabezopolitiko. Ngethuba lendibano noonondaba kundlunkulu wawo eBruma, kwimpuma yeRhawuti, lo mbutho uchaze iinkcukacha ngomthetho wawo oyilwayo nothi uquka wonke ubani, iEconomic Inclusion for All Bill...

30 MINUTES LIVE - COGTA Minister Velenkosini Hlabisa is expected to visit His Majesty King Zwelozuko Matiwane of the AmaMpondomise Kingship in Qumbu 20.10.2025

Umphathiswa wolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli uVelenkosini Hlabisa, ephelekwe ngusekela wakhe uPrince Zolile Burns-Ncamashe, batyelele ikomkhulu lamaMpondomise kuQumbu namhlanje. Olu tyelelo lulandela isicelo esenziwa nguKumkani uZwelozuko Matiwane wamaMpondomise, nalapho wacela kwiSebe ukuba makhe kubanjwe iingxoxo ngokuvuselelwa ngokutsha kwamabhunga emveli, kuquka neminye imiba yorhu...

NEWS REVIEW - Raising an important awareness on the broad definition of "consent" and what would constitute rape if consent is not granted. 20.10.2025

Kuye kubekho ukubhideka phakathi kokuvumelana ukwabelana ngesondo kwisibini esithandanayo, nokudlwengula ngokwasemthethweni. Ukuvumelana phakathi kwabo babelana ngesondo yeyona nto ibonwa njengengundoqo. Iminyaka yabo babelana ngesondo nayo yinto ebaluleke kakhulu, nanjengoko umgaqo-siseko weli uchaza. Iminyaka elishumi elinesithandathu ubudala ngokomthetho, ichazwa njengeminyaka eselungelweni uku...

30 MINUTES LIVE - We look at the state of readiness for the province and its target for the results 17.10.2025

Umphathiswa wezemfundo kwiMpuma Koloni, uFundile Gade, ukwisikolo samabanga aphakamileyo iHumansdorp, nalapho azakuthi adandalazise ukulungela kweli phondo ukubamba iimviwo zokuphela konyaka eziqalisa ukubhalwa kwiveki ezayo.  Ebutsheni bale veki, ibhunga eliqwalasela umgangatho weemviwo neziphumo zebanga leMatriki, elibizwa Umalusi, likunqwalele ukuchotshelwa kweemviwo. Ingaba iphondo leMpum...

30 MINUTES LIVE - The Hawks East London arrest a teacher in relation to allegations of human trafficking and prostitution involving young women 16.10.2025

Uvela enkundleni namhlanje utitshala ominyaka ingamashumi amahlanu anesibini ubudala, notyholwa ngokushishina ngamanina aselula eMonti eMpuma Koloni. Ngokwengxelo ye-Hawks ephondweni eli nina libanjwe izolo emva kophando lwabo bebeluqhuba, nalapho kutyholwa ukuba umrhanelwa lo ebeqokelela amantombazanana kwimimandla efana nakuQumbu, eMthatha naseNgqeleni ze zisiwe eMonti nalapho bezinyanzeliswa uk...

30 MINUTES LIVE - Madlanga Commission of Inquiry continues in-camera 16.10.2025

Usihlalo wekomishoni kaMadlanga, uJaji Mbuyiselo Madlanga, ugwebe ngelithi amajelo eendaba noluntu abazokuvumeleka kwiintshukumo zanamhlanje zale komishoni. Uthi izizathu zoku kukuba umba ekuza kuthethwa ngawo namhlanje usekelezelwe kuphando oluqhubayo. Le komishoni iphanda ngezityholo zolwaphulomthetho, urhwaphilizo nongenelelo lwezopolitiko nolwaphulomthetho kwinkqubo yezobulungisa yeli lizwe. U...

30 MINS LIVE - Senzo Mchunu expected to appear before the committee investigating allegations of criminal infiltration, corruption and interference in the justice system 16.10.2025

Uvele phambi kwekomiti yethutyana yepalamente ephanda izityholo zomngcipheko wokhuseleko lwesizwe,obekwe kwikhefu lethutyana ongumphathiswa wamapolisa kuzwelonke, u Senzo Mchunu. Oku kulandela izityholo zomkomishinala wamapolisa e KZN  u Nhlanhla Mkhwanazi zokuba amagosa aphezulu esipoliseni kuquka uMchunu, abandakanyeka kwizenzo zobuqhophololo nongenelelo lopolitiko kwinkqubo yobulungisa. U...

Umalusi, says security measures have been tightened ahead of the 2025 matric exams 15.10.2025

Ibhodi eqinisekisa ukuba semgangathweni kweemviwo neziphumo zebanga leMatriki, Umalusi, ithi baqinise amanyathelo okhuseleko kulungiselelwa iimviwo zaMatriki eziqalayo ngoLwesibini weveki ezayo. Umalusi uthi sele kuqalile ukushicelelwa nokugcinwa ngendlela ekhuselekileyo kwamaphepha eemviwo, kwaye balandela iinkqubo ezizizo zokuqinisekisa ukunyaniseka nomngangatho onguwo weemviwo. Bangaphaya kwesi...

30 MINUTES LIVE - Eastern Cape Premier expected to meet with scholar transport operators amid public protest 15.10.2025

Inkulubaphathiswa yephondo iMpuma Koloni u Oscar Mabuyane, kulindeleke ukuba ibambe intlanganiso nabaqhubi bezithuthi ezithutha abantwana ezikolweni zeliphondo. NgoMvulo waleveki baliqela abafundi abasebenzisa ezizithuthi abazibone bengayanga ezikolweni ngenxa yokunqunyanyiswa kwalenkqubo. Ezinye zezizathu zokunqunyanyiswa kwalenkqubo kukungahlawulwa kwabanye abaqhubi. Ababaqhubi batyhola ngokuba...

30 MINUTES LIVE - A Nelson Mandela University student was attacked and killed during a break-in at an off-campus student accommodation in Summerstrand on last night 14.10.2025

Kusweleke umfundi ze konzakala omnye, ngexa kuqhekezwa kwindawo ehlala abafundi beYunivesiti iNelson Mandela eGqeberha, nengaphandle kweli ziko-mfundo.  Ngokokutsho kwale Yunivesiti, lo mfundi wonzakeleyo kungokunje ufumana unyango. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sinesithethi sale Yunivesiti, uZandile Ngwendu...

30 MINUTES LIVE - Cradock Four inquest continues at the Gqeberha High Court 14.10.2025

Lusuku lwesibini iqhuba inkqubo ekhangela unobangela wokusweleka kwesine esaziwa njengeCradock Four, kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha, eMpuma Koloni. Le nkqubo ikhangela ukuba ukhona na ubani omakathwaliswe uxanduva ngokusweleka kwamatshantliziyo ayechasene nenkqubo yengcinezelo, uFort Calata, uMatthew Goniwe, uSicelo Mhlauli kunye noSparrow Mkhonto, aziwa njengeCradock Four. Esi sine saxhwilw...

30 MINUTES LIVE - The Madlanga Commission has resumed with a new witness known as Mr X taking the stand 14.10.2025

Kufikelelwe kwisigqibo phakathi kwabo bakhokele ubungqina kwikomishoni kaMadlanga namaziko ezosasazo i Daily Maverick no News 24, ngesicelo sokuba ingqina linikeze ubungqina ekhusini. Oku kuza emva kokuba lamaziko osasazo ephikise isicelo sabo bakhokele ubungqina sokuba ingqina linikeze ubungqina ekhusini. Lekomishoni ibikhe yathatha ikhefu isithuba seeveki ezimbini emva kokuba oyintloko yezobuntl...

30 MINUTES LIVE - Day 2 of suspended National Deputy Police Commissioner for Crime Detection Lt General Shadrack Sibiya's testimony before the Ad Hoc Committee 14.10.2025

Lusuku lwesibini enikeza ngobungqina phambi kwekomiti yethutyana yepalamente ephanda izityholo zomngcipheko wokhuseleko lwesizwe, usekela mkomishinala wamapolisa onqunyanyisiweyo u Lt Gen Shadrack Sibiya. Izolo sive esithi wayetsalelwa umnxeba ngusomashishini osematheni u Brown Mogotsi wade wahlangana naye ukonwabela isidlo sakusasa. u Sibiya lingqina lesithathu phambi kwalekomishoni emiselwe ukup...

The suspended Deputy National Commissioner, Lt-General Shadrack Sibiya, responsible for Crime Detection, says he has had phone calls from controversial businessman, Brown Mogotsi 13.10.2025

INTRO: Usekela mkomishinala onqunyanyisiweyo wamapolisa kuzwelonke, uLt General Shadrack Sibiya, uthi wafumana iminxeba esuka kusomashishini osematheni, uBrown Mogotsi, ze badibana kwintlanganiso yesidlo sakusasa. Ulingqina lesithathu ukuvela phambi kwekomiti yethutyana epalamente, nesekelwe ukuphanda izityholo zongenelelo lolwaphulo mthetho, urhwaphilizo nopolitiko kwinkqubo yezobulungisa, nezenz...

NEWSREVIEW-Faith and Freedom: Should the State Regulate Religion? 13.10.2025

 Ngonyaka ka 2015/2016, ikomishoni ejongene neenkolo neelwimi i Cultural, Religious, and Linguistic Rights Commission, yenza uphando ngokwenza inzuzo okanye ushishino  ngenkolo kwakunye nokuxhatshazwa kwenkolo abantu abakholelwa kuyo. Oluphando lwaveza izehlo ezahlukileyo eziquka ezo zokusetyenziswa kwezibulali zinambuzane ebantwini kusithiwa bayancedwa. Kwaye kwavela nezityholo zokuxhat...

30 MINUTES LIVE - EC COGTA MEC, Zolile Williams, is expected to deploy 11 government officials to help deal with the Nelson Mandela Bay Metro's ballooning irregular expenditure 09.10.2025

Kulindeleke ukuba umphathiswa wolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli kwiphondo iMpuma Koloni, iCOGTA ngamafuphi, uZolile Williams, athumele amagosa karhulumente ukuya kunceda umasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay kwinkcitho engafanelekanga yalo masipala exhomileyo, nebalelwa kumashumi amabini anesibini ee-billion zeerandi (R22-billion). UWilliam's uthi inkcitho engafanelekanga yeli phondo, n...

30 MINUTES LIVE - National Police Commissioner General Fannie Masemola will appear before the Ad Hoc Committee 09.10.2025

Ulindeleke ukuba avele phambi kwekomiti yethutyana yepalamente ephanda izityholo zomngcipheko wokhuseleko lwesizwe, umkomishinala wamapolisa kuzwelonke, uGeneral Fannie Masemola. Ngethuba evele phambi kwalekomiti, uLt General Nhlanhla Mkhwanazi, kwezintsuku zidlulileyo, uvakalise ukuba ipalamente kufuneka yenze uphando ngomphandinzulu u Paul O'Sullivan. Kuninzi nokunye okusele kuvelile kulekomiti....

30 MINUTES LIVE - University of Fort Hare's students ordered to vacate its EL and Alice campuses by 17h00 today. 09.10.2025

Uqhankqalazo lwabafundi beziko lemfundo ephakamileyo i-Fort Hare eDikeni , eMpuma Koloni, lukhokelele ekuvalweni kwekhampasi nasekugxothweni kwabafundi. Abafundi bayalelwe ukuba baphume kumasongo eli ziko namhlanje, esisigqibo siza emva kokutshishwa kwezakhiwo ezibalulekileyo zale khampasi. Ukuva banzi ngalo mba, uAyabonga Kekana emnxebeni ubambe intatheli yeli jelo, uLubabalo Dada... 

Höre den Podcast trufm Current Affairs in Replaio

Radio und Podcasts in einer App - kostenlos und ohne Anmeldung. Installiere sie noch heute und verpasse den Start nicht

Bei Google Play herunterladen

Replaio ist kein Herausgeber von Podcasts; die Namen der Sendungen, Cover und Audioinhalte gehören ihren Autoren und werden über öffentliche RSS-Feeds verbreitet