SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Besuch unbedingt die Website des Podcasts und unterstütze die Macher: www.sabcnews.com
Wo hören?
Podcasts in der App Replaio Radio Bald verfügbarPodcasts kommen bald in die App. Installiere sie jetzt und erlebe als Erster einen ganz neuen Blick auf Podcasts
Folgen
NEWS REVIEW - ANC/SACP dual membership discussion ahead of the Local Government Elections 26.04.2026 52:18
Zibonakala zisanda iingxaki nokungaboni ngasonye kunxantathu okhokhelwa yi ANC, njengoko umbutho wamakomanisi , iSACP, uthathe isigqibo sokuzimela kunyulo oluzayo loorhulumente bamakhaya. i ANC inike iintsuku ezilishumi amalungu anobulungu obubini kulombutho nakwi SACP ukuba azichaze azakugayela inkxaso owuphi umbutho kolunyulo. Ebutsheni beveki i SACP ibibambe indibano noonondaba nalapho iv...
INTERCHANGE - South African Local Government Association publishes a book for kids titled "My Local Government." 25.04.2026 7:45
Umbutho ojongene nokusebenza koomasipala kweli, iSouth African Local Government Association, iSALGA ngamafuphi, upapashe incwadi ethi "My Local Government." Injongo yale ncwadi kukufundisa abantwana ngokubaluleka korhulumento lukamasipala, ifuthe loqhanqalazo olukhatshwa bubundlobongela koomasipala, kwanokubaluleka konyulo kwesi sigaba sorhulumento. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umongameli we-...
President Ramaphosa suspends General Masemola 23.04.2026 14:46
Unqunyanyisiwe kumsebenzi wakhe umkomishinala wenkonzo yesipolisa kuzwelonke uGeneral Fanie Masemola. Esi sigqibo sivakaliswe ngumongameli weli uCyril Ramaphosa ngethuba ethetha noonondaba e-Union Buildings ePitoli namhlanje. UMasemola ekuqaleni kwale veki ebevele phambi kwenkundla kaMantyi ePitoli, nalapho aye wabekwa ityala lokungalandeli umthetho olawula ukusetyenziswa kwemali yeziko loku...
COST OF LIVING- ECON 22.04.2026 16:10
Kwezoqoqosho sithe makhe siqwalasele ifuthe lokuxhoma kweendleko zokuphila kubemi beli, ingakumbi abangathathi ntweni nabo banemivuzo engaphantsi kwe R50 000 ngenyanga. Oku nanjengoko iCompetition Commission isand'ulukhupha ingxelo malunga namaxabiso okuphila athe gqolo ukonyuka, echaphazela kakubi abemi boMzantsi Afrika. Ukuba phezulu kweendleko zokuphila kubangela ukuba abantu bagaxeleke ematyal...
MALARIA 20.04.2026 6:09
Liyaxhalabisa inani labantu abosulelwe sisifo i malaria eGauteng. IXa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo elixesha, bangamakhulu mane aneshumi elinesine abantu abosulelwe sesisifo kwabhubha abalishumi elinanye phakathi kwenyanga yoMqungu neyoKwindla kulonyaka.. Ukusabela banzi ngoku, emnxebeni sinaye ophuma kwisebe lezempilo eGauteng nongusekela mlawuli kwicandelo elijongene nohlolo lwezifo ezosulelay...
NEWS REVIEW - Unpacking EFF leader's conviction and sentencing by the EL Magistrate Court 19.04.2026 54:00
Igwetywe iminyaka emihlanu entolongweni inkokheli ye-EFF uJulius Malema yinkundla kaMantyi kuGompo eMpuma Koloni ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Oku kulandela ukumfumanisa enetyala lokudubula umpu esidlangalaleni kumsitho wokubhiyozela iminyaka emihlanu umbutho wakhe wasekwa ngo-2018, kwibala lezemidlalo iSisa Dukashe eMdantsane. Elinye ityala afunyaniswe enalo lelo lokubanompu kuye ngokungekho-m...
INTERCHANGE - Book review with Sinoxolo Nxakama, the author of a book called "Laqhawuka ityathanga". 18.04.2026 5:49
Kuhlalutyo lwencwadi kule veki, sijonga incwadi esihloko sithi "Laqhawuka Ityathanga", nebhalwe ngu Sinoxolo Nxakama, oyinzalelwane yakuTsolo, eMpuma Koloni. Le ncwadi engumdlalo weqonga, ifundisa ngokunyamezela ubunzima bayo nayiphi na imingeni umntu agagana nayo ebomini. Ukusabela banzi ngokuqulathwe yile ncwadi, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umbhali wayo, uSinoxolo Nxakama...
INTERCHANGE - Awareness campaign run/walk for Autism 18.04.2026 10:23
Kumaphondo aliqela namhlanje kuza kubanjwa ugqatso bambi bethe chu umgama ongange 5km, kuphawulwa iphulo lokufundisa nge-Autism. Abafundi ababini, uNkazi noJoel, nabaphila neAutism, baphambili ekuququzeleni olu gqatso. Ezinye zeenjongo zokubamba olu suku, kukufundisa uluntu ngeAutism, ukunika inkxaso kwabanye abafundi abaphila neAutism, kwakunye nokwazi ngokuphangaleleyo ngeAutism. Emnxebeni uAyab...
Legal analysis on EFF leader Julius Malema's judgement 16.04.2026 7:41
Umbutho iEFF uthi uza kuthatha amanyathelo omthetho ukucel' umngeni kumba wokufunyanwa kwenkokheli yalo mbutho, uJulius Malema, enetyala. Oku kusemva kokuba inkundla yenqila yaKuGompo City, kwiMpuma Koloni inike uMalema imvume yokuba abhene kwisigwebo sakhe seminyaka emihlanu eseluvalelweni, kwityala lakhe lokudubula umpu esidlangalaleni. Noko kunjalo, le nkundla isikhabile isicelo samagqwetha sok...
TRUNEWS @6 - History Curriculum and Assessment Policy Statement for Grades 4 to 12 16.04.2026 8:09
ISebe lemfundo esisiseko liphakamise uhlengahlengiso kwi-curriculum yesifundo sembali (History), nalapho kucetywa ukuba kugxininiswe kwimbali yelizwekazi iAfrika, uMzantsi Afrika kwakunye nezakhono zokucinga ngokuphangaleleyo. Uluntu lulindeleke ukuba luvakalise izimvo zalo ngale curriculum kucetywa ukuba ifundiswe kwaGrade 4 ukuya kwaGrade 12. Le nkqubo yokuphononongwa nokuphuculwa kwale curricul...
85 to 95 percent of offenders return to crime and serious questions are being raised about whether that goal is being achieved 16.04.2026 10:31
Kuqikelelwa ukuba ngumyinge ka-85 ukuya ku95% wabophuli-mthetho abaye baphinde bophule umthetho kwakhona emva kokuba bekhululiwe entolongweni, nto leyo exhalabisa kakhulu. Ngoku umbuzo ngowokuba, ingaba amaziko eenkonzo zoluleko awoluleka ngokupheleleyo kusini na amabanjwa? Ezinye izimvo zezokuba ingxaki ikwiinkqubo zoluleko ezingonelanga. Ukushukuxa banzi lomba kwinkqubo yethu sithetha noyingcali...
JSC 14.04.2026 9:54
Ikomishoni yeenkonzo zobulungisa, iJSC, indulule kwelokuba iphakamise usekela mongameli weejaji, ujaji Aubrey Ledwaba kwisikhundla sejaji eyongameleyo kwinkundla ephakamileyo ezinze eGauteng. ULedwaba nenguye yedwa umgqatswa kwesisikhundla, ubekudliwano-ndlebe kunye neJSC eSandton eRhawutini namhlanje. Esisiphakamiso sizakuthunyelwa kumongameli uCyril Ramaphosa nozakwenza isigqibo sokugqibela. Uku...
DA elects new leadership 13.04.2026 13:10
Umbutho iDA nongowesibini ukuba mkhulu kwelilizwe, wonyule iinkokheli ezintsha ezizakukhokhela kwibhunga lalombutho . Usodolophu waseKapa, uGeordin Hill-Lewis, uyinkokheli entsha yalo mbutho engena ezihlangwini zobeyinkokheli yalo mbutho, uJohn Steenhuisen. UHill-Lewis uzibophelele ekukhuliseni lo mbutho ube ngowona mkhulu kwelilizwe. u Hlumelo Xaba nongumhlalutyi wezopolitiko usenzele uhlal...
NEWS REVIEW - Growing use of AI among school learners and its potential impact on their critical thinking and cognitive development 12.04.2026 52:49
Uphando lwakutshanje lubonisa ukuba bangaphezulu kwe-60% abantwana besikolo abasebenzisa inkqubo yekhompyutha ebizwa iArtificial Intelligence, i-AI ngamafuphi, uninzi lwabo besebenzisa le AI kwimisebenzi yabo yesikolo, ukusuka kuphando ukuya ekusombululeni iingxaki zezibalo. Ingaba oku kuthetha ntoni ngesakhono sokucinga nzulu nakuphuhliso lwengqondo yabantwana? Ingaba i-AI iyanceda ek...
INTERCHANGE - The Eastern Cape Film Festival hosts the "Showcase" in Kariega to identify, upskill and showcase talent local communities 11.04.2026 7:16
I- Eastern Cape Film Festival ivula iqonga lokuphulisa iitalente nezakhono kwicandelo lobugcisa, ingakumbi kumagcisa aphuma kwimimandla efana neelokishi kunye neelali, nokuba kunikezwe ithuba lokuba amagcisa ngokucula, abadlali beqonga, namaqhula, abalise amabali eendawo abasuka kuzo; bekwenza oko kwiindawo ezo baphuma kuzo. Eli liqonga livulelwa uluntu namagcisa aseKariega, eMpuma Koloni, namhlan...
INTERCHANGE - A review of Sipho Tshaka's book titled: The Dark Side of Campus Life, that exposes the realities of lives lived by students in higher learning institutions 11.04.2026 4:49
Ubomi bomfundi kwiziko lemfundo ephakamileyo lunemingeni eliqela, ngaphandle kwezifundo zakhe. Uxinzelelo lwengqondo ngenxa yokufuna ukungena kubomi obuphilwa ngabalingane babo, iziyobisi, ukulwa nokungazazi ukuba ungubani, ulonwabo oluphazamisana nezifundo zomntu, zezinye zezinto ezibalulwa yincwadi esihloko sithi: The Dark Side of Campus Life, nebhalwe nguSipho Tshaka. Kule ncwadi, uTshaka udaka...
TRUNEWS @6 - Minister of Justice and Constitutional Development, Mmamoloko Kubayi, has officially released the Protected Disclosure Bill. 09.04.2026 5:44
Umphathiswa wezobulungisa nophuhliso lomgaqo-siseko, uMmamoloko Kubayi, uwukhuphe ngokusesikweni umthetho-oyilwayo ojongene nokukhuselwa koodiza-mahlebo owaziwa njenge Protected Disclosure Bill. Lo mthetho ujoliswe ekuqiniseni ingalo yomthetho ukukhusela abo baye badize iinkcukacha ngolwaphulomthetho, nangokuziphatha okungafanelekanga okwenzeka kwicandelo labucala nakurhulumente. Lo mthetho...
KuGompo City residentws hold peaceful march over criminal activities 08.04.2026 7:17
Abahlali bakuGompo batyhola amapolisa ngokukhusela abemi base Nigeria ababatyhola ngokuba bathengisa iziyobisi kulangingqi. Isakhiwo esaziwa ngokuba yi California nalapho kutyholwa ngokuba yindawo eyenza neshishina ngeziyobisi, yeyona ndawo lomngcelele ubusingise kuyo, kunyanzeliswa ukuba ivalwe. Oku kuza emva kwesehlo sokubekwa kwalowo kuthiwa yikumkani yama Igbo yase Nigeria kuledolophu nesifume...
TRUNEWS @6 - Dept of Labour and Employment published an amendment bill to protect independent contractors 07.04.2026 13:26
ISebe lezemisebenzi nengqesho lipapashe uhlengahlengiso kumthetho ojongene neemeko zokuphangela, iBasic Conditions of Employment Act ka-1997. Olu hlengahlengiso lwenzelwe ukukhusela abasebenzi abasebenza kuphela xa bedingwa ngabaqeshi, nababizwa ngokuba zii-independent contractors, kwezinye iindawo bebizwa ngokuba zi on-call contracts. Iimeko abasebenza phantsi kwazo aba basebenzi azintlanga amaxe...
NEWS REVIEW - Plan and Strategies of the newly appointed Eastern Cape Police Commissioner, Lt Gen Vuyisile Ncata 05.04.2026 54:04
Inkonzo yesipolisa eMpuma Koloni yonyule umkomishinala omtsha wamapolisa, uLt Gen Vuyisile Ncata, engena ezihlangwini zobe ngumkomishinala uLt Gen uNomthetheleli Mene. UNcata uthi uyayazi imingeni ejamelene neliphondo kwaye uzibophelele ekubekeni phambili ukhuseleko loluntu, aqubisane nolwaphulo mthetho. Ufika ngexesha iphondo lisajongene neqondo eliphezulu leentlobo ezahlukileyo zolwaphulo mtheth...
Latest on US and Iran war 04.04.2026 12:19
Abaphathiswa abajongene nemiba yamazwe angaphandle nabaphuma kumazwe angamashumi amane aquka iBrithane, iJamani, Canada neIndia phakathi kwamanye, babambe indibano ezakuza namaqhinga okuzama ukuvula umzila iStrait of Hormuz. IStrait of Hormuz kulapho iinqanawe ezithutha amafutha aquka ipetula, idiesel kwakunye nerhasi zinqumla khona. Ngumyinge we-20 percent wehlabathi oxhamlayo kwi-Oli yase-Iran k...
INTERCHANGE - Book Review with Alulutho Majali the author of the book called "The SEED".) 04.04.2026 8:20
Kuhlalutyo lwencwadi kule mpelaveki, sijonge incwadi enesihloko esithi "THE SEED", ebhalwe ngu Alulutho Majali. Le ncwadi ibalisa ngemingeni athe wagagana nayo umbhali ekukhuleni kwakhe, emva kokushiywa ngumamakhe eselula, kwakunye nempatho-mbi awayifumana kubantu ekwakufanele ukuba bayamkhusela. Emnxebeni kungokunje uAyabonga Kekana ubambe uMajali, ukuze asicacisela banzi ngale ncwadi...
TRUNEWS @6 - The Eastern Cape Department of Transport will roll out a series of targeted roadblocks across key routes in the province 02.04.2026 5:57
Nje ngenxalenye yeenzame zokuphucula ukhuseleko ezindleleni, kwa nokucutha iingozi zendlela ngeli xesha lePasika, iSebe lezothutho kwiphondo iMpuma Koloni libambe uthotho lweenkqubo zovalo lwemigaqo esetyenziswa kakhulu ngabaqhubi kweli phondo. Ezi roadblocks ziyinxalenye yephulo iArrive Alive, nelijoliswe ekuqinisekiseni ukuba abasebenzisi bendlela bafika bekhuselekile kwiindawo abaya kuzo. Ukuva...
We speak with the CRL Commission on what should be done to protect congregants from cult churches 02.04.2026 9:13
Ukuyeka kwabantu imisebenzi, abantwana bayeke izikolo, abagulayo bayeke ukusela amayeza abo ngenxa yenkolo yabo nenkolelo yabo kuphinde kwaphantsi kwesithatha kwakhona. Oku kuza emva kweengxelo zokuba kukho abantu abangaphaya kwamashumi amahlanu abenze oku, bambi bade bashiya namaqabane abo ngeliyokuzibandakanya nebandla i-Ekhaya Labafundi bakaJehovah, nelizinze kuMntla weTheku, KwaZulu-Natal. Sit...
Commuters may have to pay more as fuel hikes affect the taxi industry 01.04.2026 6:49
Umbutho omele abo bakwicandelo loshishino lwee-taxi iSANTACO, uthi uxhalabile kukwenyuka kwamaxabiso amafutha ezithuthi, nefuthe elinokubakho kwinkonzo yezothutho abanikezela ngayo kubakhweli beli. Imfazwe egqubayo kwi-Middle East ibangele ukwenyuka kwamaxabiso e-oli kwihlabathi, nto leyo ebangele ukwenyuswa kwamaxabiso amafutha ngokothusayo kweli. Zombini iintlobo ze-Petrol zenyuswe ngemali ebale...
Ähnliche Podcasts
Replaio ist kein Herausgeber von Podcasts; die Namen der Sendungen, Cover und Audioinhalte gehören ihren Autoren und werden über öffentliche RSS-Feeds verbreitet