SABC News
trufm Current Affairs
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Určitě navštivte web podcastu a podpořte jeho tvůrce: www.sabcnews.com
Kde poslouchat?
Podcasty v aplikaci Replaio Radio Už brzyPodcasty míří do aplikace už brzy. Nainstaluj si ji teď a jako první uvidíš úplně nový pohled na podcasty
Epizody
TRUNEWS @6 - IEC final Voter Registration Weekend 29.07.2026 7:59
Ikomishoni ezimeleyo yezonyulo, i-IEC ngamafuphi, imemelela abemi boMzantsi Afrika abaselungelweni lokuvota ukuba basebenzise le mpelaveki ukubhalisela ukuvota. Uluntu luza kukwazi nokulungisa iidelesi zeendawo oluhlala kuzo, ngomhla wokuqala nowesibini kwinyanga yeThupha (August). Oku kubhalisa kulungiselela unyulo loomasipala oluza kubanjwa ngomhla wesine kweyeNkanga (November) kulo nyaka. U-Ama...
TRUNEWS @6- SAFDA calls for a regulated seasonal worker programme for foreign immigrants 29.07.2026 13:42
Umbutho wophuhliso lwamafama oMzantsi Afrika, iSAFDA ngamafuphi, umemelela urhulumente ukuba apasise umgaqo okanye umthetho ovumela ukuqeshwa kwabemi bamazwe we-SADC ngexesha likaxakeka okanye ngamaxesha wokuvuna. Oku kuza nanjengoko lo mbutho ujamelene nomngeni wokungabi nabasebenzi kwiifama zeli emva kwemfuduko yabemi bamazwe angaphandle, abashiye eli bebuyela kumazwe abo, kulandela imigushuzo e...
TRUNEWS @6 - SAHRC investigation report into Eastern Cape's recreational water quality 28.07.2026 5:43
Ikomishoni yamalungelo oluntu, iSAHRC, kwiMpuma Koloni, idandalazise ingxelo equlathe iziphumo zophando lwayo obelugxile kumgangatho wamanzi eli phondo, iziseko zamanzi nongcoliseko lwamanzi lilindle, phakathi kwezinye izinto. Olu phando lulandela izikhalazo eziye zafakwa luluntu ngenkxalabo yalo ngokubhekiselele ekuphalakeni kwelindle kumanzi aselwayo kwimilambo ethile, nakumanzi akwimimandla ese...
TRUNEWS @6 | IDAC Head, Andrea Johnson resigns 27.07.2026 15:58
Namhlanje sivukele kwiindaba zokulahla kobe yintloko yecandelo lophando oluchasene norhwaphilizo, i-IDAC, uAndrea Johnson, kwisikhundla sakhe, nto leyo iye yamkelwa ngumongameli uCyril Ramaphosa. Oku kwenzeka nanjengoko uJohnson exinwa ngemibuzo kwikomishoni ka Madlanga. Ukanti ebevelile nanamhlanje phambi kwale komishoni. Phakathi kwezinye izinto ezithe zavela susela oko athe waqalisa ukunikezela...
NEWS REVIEW| Impeachment Committee's work temporarily interdicted. 26.07.2026 55:26
Inkundla ephakamileyo eNtshona Koloni igwebe ngakwicala likamongameli uCyril Ramaphosa, ekubeni athintele ukuqhuba komsebenzi wekomiti yasePalamente echophele ukuphula-phula ubungqina ngebholo lokubiwa kwemali kwifama yakhe iPhala-Phala ngo-2020, ngokuphenjelelwa yingxelo yegqiza leengcali zomthetho iSection 89 Panel. Le ngxelo yafumanisa ukuba ukho umsi oqhumayo wobungqina obungathwalisa umongame...
TRUNEWS @6- The Total Energies CAF Women's Africa Cup of Nations Morocco 2026 is starting this weekend 24.07.2026 7:38
Iyaqala imidlalo yeWomen's Africa Cup of Nations, iWAFCON ngamafuphi, ngeCawa eMorocco. Ngamaqela alishumi elinesithandathu azakuthi akhuphisane ukuthathela kuwo itayitile yelizwekazi, nokuzilungiselela indawo kumdlalo wendebe yehlabathi yeFIFA yamanina, eBrazil ngo2027. Kusenjalo, lusuku lwesibini namhlanje lemidlalo yeCommonwealth eGlasgow, eScotland. Ukuba sincokole ngale midlalo, uAmanda Xhala...
TRUNEWS @6 - Some of the opposition parties in Parliament have expressed their disappointment with the Western Cape High Court's judgement 24.07.2026 3:43
Amanye amaqela aphikisayo ePalamente avakalise ukudana sisigqibo senkundla yaseNtshona Koloni, sokugweba ngakwicala likamongameli uCyril Ramaphosa ekuthinteleni ukuqhuba komsebenzi wekomiti yasePalamente, echophele ukuphula-phula ubungqina bebholo lokubiwa kwemali kwifama yakhe iPhala-Phala ngo-2020, ngokuphenjelelwa yingxelo yegqiza leengcali zomthetho iSection 89 Panel. Ingxelo kaZalene Marringt...
TRUNEWS @6 - The Western Cape High Court has ruled in favour of President Cyril Ramaphosa and interdicted the Impeachment Committee. 24.07.2026 3:06
Inkundla ephakamileyo eNtshona Koloni igwebe ngakwicala likamongameli uCyril Ramaphosa, ekubeni athintele ukuqhuba komsebenzi wekomiti yasePalamente echophele ukuphula-phula ubungqina bebholo lokubiwa kwemali kwifama yakhe iPhala-Phala ngo-2020, ngokuphenjelelwa yingxelo yegqiza leengcali zomthetho iSection 89 Panel. Le ngxelo yafumanisa ukuba ukho umsi oqhumayo wobungqina obungathwalisa umongamel...
TRUNEWS @6 - SAHPRA concerned over illicit medicines sale 22.07.2026 5:28
Igunyabantu elilawula iimveliso zezempilo, iSouth African Health Products Regulatory Authoriy, iSAHPRA ngamafuphi, lilumkise ngokwanda kwamayeza omgunyathi kwelilizwe. ISAHPRA ithi amaqela oonqevu olwaphulo-mthetho olucetyiweyo athande ukuxhaphaka kwicandelo leemalike zeli ngamayeza angekho mthethweni, naquka izitofu zabo bafuna ukunciphisa umzimba, iipilisi zeentlungu kwakunye nezonyango zezifo e...
TRUNEWS @6 - A reaction to calls for immediate dissolution of the PIC Board 22.07.2026 9:46
Amanye amaqela opolitiko amemelela kumphathiswa wesebe lemali kuzwelonke, uEnoch Godongwana, ukuba achithe ibhodi yequmrhu lotyalo-mali yabasebenzi bakarhulumente, iPublic Investment Corporation, ukukhusela imali yomhlala-phantsi yabasebenzi bakarhulumente ze emva koko kuchongwe ibhodi yethutyana enyanisekileyo, nenobuchule obufunekayo ukubuyisela intembeko yoluntu kweli qumrhu nelibaluleke kakhul...
TRUNEWS@6-IEC urges political parties and aspiring independent candidates to submit their candidate nomination and supporter list through OCNS 22.07.2026 6:48
Ikomishoni ezimeleyo yezonyulo ibongoza imibutho yezopolitiko nabo banqwenela ukuba ngabagqatswa abazimeleyo, ukuba basebenzise eli thuba ukufaka abagqatswa babo noluhlu lwabaxhasi babo kwinkqubo engqamene nokutyunjwa kwabagqatswa yale komishoni efumaneka kwi-internet, i-OCNS ngamafuphi. UAmanda Xhala uncokole nosekela-manejala kwikomishoni ezimeleyo yezonyulo kwiphondo iMpuma Koloni, uMasindi Mos...
TRUNEWS @6 - July is Savings month and many SA households spend more they can afford 22.07.2026 13:13
Inyanga yeKhala yinyanga engokubaluleka kokonga imali, iSavings Month, nalapho kukhuthazwa uluntu ukuba longe imali ukulungiselela ingomso. Ngokokweenkcukacha zebhanka enguvimba iSARB, iqondo lokonga imali eMzantsi Afrika lehle layokutsho ku -1.4% kwikota yesine yonyaka ophelileyo, into echaza ukuba amakhaya achitha imali eninzi kunengeniso ayifumanayo, nto leyo eyenza kubenzima ukubeka imali ecal...
TRUNEWS AT SIX TAX ALCOHOL 21.07.2026 10:32
Iofisi kanondyebo iphonononga umgaqo nkqubo ogxile kwirhafu efakwa etywaleni ngeenzame zokuphelisa umonakalo odalwa kukuselwa kotywala ngokugqithisileyo kwakunye nokuthengiswa kotywala ngokungekho mthethweni. Nangona kunjalo, abavelisi kwakunye nabo bashishina ngotywala bathi ukongeza irhafu kwiziselo ezinxilisayo ayisosisombululo koko abo bathengisa utywala bomgunyathi bazakuxhamla. Olu phononong...
NEWS REVIEW| Discussing the state of EC municipalities 20.07.2026 50:38
Ngethuba umphicothi zincwadi uTsakani Maluleke esenza ingxelo yonyaka mali ka2024-2025, ngomasipala boMzantsi Afrika wavakalisa ukuba siyaxhalabisa isimo sabo nanjengoko ungekho mkhulu umehluko xa kuthelekiswa nonyakamali ogqithileyo. Komasipala abayi-257, abangamashumi amathathu anesithoba (39) bafumene iclean audit ngelithuba omasipala abangamashumi amathathu anesibhozo (38) kubo kuquka nomasipa...
TRUNEWS@6 SAHRC on public submissions for access to renal dialysis services in the EC 20.07.2026 8:20
Ikomishoni yamalungelo oluntu kwiMpuma Koloni ithi ifumene izikhalazo ezibonisa ukuba abantu abadinga unyango lwe-dialysis abakwazi ukufikelela kule nkonzo kwizibhedlele zikarhulumente zeli phondo. Le komishoni ithi ezi zityholo zixhomisa amehlo, ziyaxhalabisa, kwaye zinyhasha ilungelo lomntu lobomi, isidima, nelekufikelela kwinkonzo yokhathalelo lwezempilo. Kuloko ke le komishoni igqibe kwe...
INTERCHANGE| Book Review: Daddy if you can hear me. 18.07.2026 6:43
Kwinqaku lethu lophicotho ncwadi kulempelaveki, sijonga incwadi enesihloko sithi "Daddy if you can hear me" ebhalwe ngu nyawontle uXolamzi Sam. Lencwadi igxile kwimiba echaphazela impatho mbi ngokwesini. U-Ayabonga Kekana uncokole nombhali wale ncwadi umfundisi uXolamzi Sam...
TRU NEWS @6| How is dis/misinformation disseminated by Nigeria and Ghana affect Brand South Africa 16.07.2026 8:19
Iinkcukacha ezingeyonyani ezilahlekisayo, neziphenjelelwa ngamanye amazwe aquka iNigeria kunye neGhana malunga nezityholo zobundlobongela oluphenjelelwa yintiyo yobuzwe, iXenophobia, ziyaqhuba nokuchaphazela indlela uMzantsi Afrika obonwa ngayo ngamanye amazwe, amashishini, abatyeleli kunye nabo banomdla wokutyala imali kweli. Oku kuza ngexesha apho kukho ukungaboni ngasonye phakathi kwabanye abem...
TRUNEWS@6| How can the Con Court judgement influence policy shift on housing development. 16.07.2026 13:22
Isigwebo sakutsha nje senkundla yomgaqo-siseko esichaphazela ulwakhiwo lwezindlu zokuqeshisa ngendawo yokuhlala kwisixeko saseKapa eNtshona Koloni, siphakamise iingxoxo nesimemelelo sokuba kwakhiwe izindlu eziqeshishayo ezifikelelekayo kwabo bahlawulwa imivuzo esezantsi, nabaphangela kwiidolophu. Ingaba esi sigwebo sizakubanefuthe elinjani kuqulunqo lwemigaqo-nkqubo yolwakhiwo lwezindlu kwiidoloph...
TRU NEWS @6| EC House of Traditional Leaders Chair, Nkosi Mpumalanga Gwadiso passes away 16.07.2026 2:37
Ayaphokoka amazwi ovelwano kulandela ukukhothama kosihlalo wendlu yeenkokheli zemveli eMpuma Koloni, uNkosi Mpumalanga Gwadiso. Ingxelo zakusasa zingqinile ukuba umntwan'egazi, uNkosi uGwadiso ukhothame kwikhaya lakhe elikwilali iNtsundwane ngaseNgqeleni. Intatheli yethu u-Ayabonga Kekana iye yancokola nongusekela-sihlalo kwindlu yeenkokheli zemveli kuzwelonke uNkosi Langa Mavuso ngendima nomqela...
TRU NEWS @6| IEC reinforces its message ahead the 2nd voter registration weekend 15.07.2026 9:53
Kule veki ikomishoni yonyulo ezimeleyo ikhupha umyalezo ogxininisa ukuba abemi boMzantsi Afrika abaselungelweni, mabayokubhalisela unyulo xa kuzakuphinda kuvulwe inyoba yesibini yobhaliso kwimpela veki yomhla wokuqala nowesibini kweyeKhala kulonyala. Oku kwenziwa ukulungiselela unyulo loomasipala oluzayo, kwaye umphathiswa wesebe lolawulo ngentsebenziswano ulindeleke ukuba afake kumqulu karhulumen...
TRUNEWS@6-Momentum Group Foundation aims to equip 500 young people across five provinces 15.07.2026 8:06
Kulemihla, ukuba nebanga leshumi, imfundo enomsila ayisosiqinisekiso sokuba ungawufumana umsebenzi. Uninzi labantu abatsha bazibona bengakwazi ukugqobhozela bangene emisebenzini. Ezinye zezinto ezikhankanywayo njengonobangela kukungabi nazakhono zokwenza lomsebenzi okanye amava omsebenzi. IMomentum Group Foundation ikwiphulo lokuzama ukuvala lomsantsa. Bazakutyelela amaphondo aliqela befundisa ulu...
TRUNEWS @6 - EC Provincial Government interventions to municipalities affected by the temporary withholding of equitable share by National Treasury recently 14.07.2026 9:22
Urhulumente wephondo iMpuma Koloni udandalazise inkqubo yongenelelo koomasipala abachatshazelwe kukunqunyanyiswa kwesibonelelo ekubonelelwa ngaso oomasipala ngunondyebo wesizwe. Ngoomasipala abangamashumi amathandathu kuzwelonke abachatshazelwe koku kunkonywa kwesibonelelo, ukanti kwiMpuma Koloni bathandathu. Ukuva banzi ngolu ngenelelo, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umphathiswa weSebe lolawulo n...
TRUNEWS @6 - NMBM invests R5.6million to upgrade and maintain its beaches 14.07.2026 8:00
Umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, ubekele bucala imali engange R5.6million ukulungisa nokuphucula iilwandle zalo masipala, kunyaka mali ka 2026/2027. Lo masipala nosele ufumene 'iBlue Flag status' amatyeli amane, uthi kwiminyaka eliqela egqithileyo ubone lisanda inani labakhenkethi nabatyeleli kunxweme lwawo. Ukuva banzi ngoku, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe isithethi salo masipa...
TRUNEWS @6 - Looking at how will the evidence presented at the Madlanga commission can affect Malema & the EFF 13.07.2026 13:06
Likhankanyiwe igama lenkokheli yeEFF, uJulius Malema, ngethuba bekunikezelwa ubungqina kwikomishoni yophando kaMadlanga. Igama lakhe livele kwincoko eyayiphakathi konqunyayisiweyo oyintloko yezobuntlola esipoliseni, uMajor General Feroz Khan, kwakunye noligosa eliphezulu kwinkampani eyenza amacuba, uMohamed Sayed. Obu bungqina bobaphakathi konyaka ka2020 no2023, nobutyhola aba bathathu ngokuceba u...
TRUNEWS @6 - The importance of social cohesion in a democratic country 13.07.2026 10:50
Isiseko se-democracy eluqilima nezinzileyo sisekelezelwe kumanyano lwesizwe. UMzantsi Africa kule nyanga uphawula inyanga egxile kumanyano lwesizwe, iSocial Cohesion Month ngolwasemzini. Sukela ngonyaka ka-1994, uluntu loMzantsi Afrika oluphuma kwiinkolo, iintlanga, iinkcubeko neelwimi ezahlukileyo, lwathi lwaqalisa ukuhlalisana ngoxolo nto leyo ebonisa ukuba eli lizwe leloluntu lonke lweli, kunga...
Podobné podcasty
Replaio není vydavatelem podcastů; názvy pořadů, obálky a audio patří jejich autorům a šíří se přes veřejné RSS kanály