SABC News

trufm Current Affairs

News EN ↓ Epizody: 1044

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.

Určitě navštivte web podcastu a podpořte jeho tvůrce: www.sabcnews.com

Autor

SABC News

Kategorie

News

Web podcastu

www.sabcnews.com

Nejnovější epizoda

3. lis 2026

Kde poslouchat?

Podcasty v aplikaci Replaio Radio Už brzy

Podcasty míří do aplikace už brzy. Nainstaluj si ji teď a jako první uvidíš úplně nový pohled na podcasty

Stáhnout z Google Play Nainstaluj zdarma Android téměř 10 mil. stažení · hodnocení 4,8 iOS už brzy

Epizody

EC Health MEC updates on recovery of 2 stolen babies at Dora Nginza Hospital 24.05.2025
30 MINUTES LIVE - FUEL LEVY 23.05.2025

Ziyabethana izimvo ngesibhengezo sikaRhulumente sokwenyusa irhafu kumafutha ezithuthi. Kulindeleke ukuba lo funqu uqalise kwinyanga ezayo emva kokuba ikhe ayonyuwa isithuba seminyaka emithathu. Umphathiswa wesebe lemali, u-Enoch Godongwana, ngoLwesithathu uthe thaca uhlahlo-lwabiwo lonyaka-mali ka-2025/26 ePalamente eKapa. Emnxebeni uAyabonga ubambe ingcali kwimiba yezoqoqosho, uNjingalwazi Bonke...

EC Health MEC updates on recovery of 2 stolen babies at Dora Nginza Hospital 23.05.2025

Ngale mva kwemini, ilungu lesigqeba solawulo kwisebe lezempilo eMpuma Koloni, lithethe nabeendaba ukunika eza mva nje kumba wokulahleka kweemveku ezimbini neziye zaphinda zafumaneka, kwisibhedlele iDora Nginza eGqeberha. Isebe limisele inkqubo yophando ngokumalunga nesiganeko sokubiwa kwababantwana. Kodwa ukuba sive ngokuthethwe ngumphathiswa, emnxebeni ikhona intatheli ekwasesibhedlele, uSisipho...

Focus on safety in hospitals after two babies were abducted in Dora Nginza hospital in Gqeberha 22.05.2025

Isiganeko sokuxhwilwa kweentsana ezimbini kwisibhedlele iDora Nginza eGqeberha, siphinde savuselela inkxalabo ngokhuseleko kumaziko ezempilo kwiphondo iMpuma Koloni. Izolo, kuye kwabanjwa amanina amabini natyholwa ngokuxhwila abantwana abangamakhwenkwe eDora Nginza. UAyabonga Kekana uncokole nesithethi sesebe  lezempilo uSizwe Kuphelo. 

30 MINUTES LIVE - We analyse the meeting between Presidents, Cyril Ramaphosa of SA and Donald Trump of the USA 22.05.2025

Umongameli Cyril Ramaphosa uxelele umongameli waseMelika uDonald Trump ngethuba lendibano noonondaba eWhite House, ukuba akuhlaselwa kubulawe abantu abamhlophe ngobuninzi eMzantsi Afrika. Ezinkokheli zithethe noonondaba ngaphambili kokubamba iingxoxo zabucala eWhite House. Abathunywa boMzantsi Afrika baquka abaphathiswa, oosomashishi, iimanyano zabasebenzi nabadlali begalufa abaziwayo. Umongameli...

Analysis of the budget tabled today 21.05.2025

Unondyebo woMzantsi Afrika kuhlahlo lwabiwo mali lwakhe ugxininise into yokuba irhafu yentengo izakuhlala kumyinge ka 15% nto leyo ekhokhelele ekubeni kurhoxiswe imigqaliselo ebizakukhusela amakhaya angenzi ngeniso ingakanani, ngakwisigqibo sokonyuswa kwe VAT. Umphathiswa wezimali, uEnoch Godongwana, uthe bakwazile ukuphumeza le budget ngokuthi bacuthe kulwabiwo olongezelelekileyo nathe wagxininis...

Two newborn babies went missing at the Dora Nginza Hospital in Gqeberha 21.05.2025

Zothukile iintsapho kunye nabazali kukulahleka kwabantwana ababini abasandula kuzalwa ngokuhlwa kwa ngoLwesibini kule veki, kwisibhedlele iDora Nginza , eGqeberha eMpuma Koloni. UAyabonga Kekana uncokole nelungu lolunye usapho, uNamhla Stofile kwakunye nesithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni, uSizwe Kuphelo.

30 MINUTES LIVE - Pres Ramaphosa is meeting with Pres Trump at 17h30 today 21.05.2025

Ngenjikalanga yanamhlanje umongameli uCyril Ramaphosa uzakudibana nomongameli waseMelika uDonald Trump, kwindibano ekudala ilindelwe. Umphathiswa wesebe lobudlelane namazwe angaphandle uRonald Lamola, nokhokhela igqiza labaphathiswa elipheleke uRamaphosa, ungqinile ukuba bakulungele ukuba yinxalenye yale ntlanganiso, nezakuvuselela ubudlelane phakathi kwala mazwe. Kukho iingxelo ezithi phakathi kw...

Efficient Group Economist Dawie Roodt proposes that some public universities be closed and converted into colleges 20.05.2025

Kukho isiphakamiso sokuvalwa kwezinye ii-Universities okanye ziguqulwe zibe ziiKholeji ezizakunikeza uqeqesho lwezakhono oluzakunceda ulutsha ukuba lufumane imisebenzi xa lugqibile ukufunda; kunokuba baxhonxwe ngezifundo nezakhono ezingadingwayo luqoqosho lweli. Zibalelwa kumashumi amabini anesithandathu ii-University ezikhoyo eMzantsi Afrika. Ayabonga Kekana speaks with Efficient Group Economist...

TRUNEWS @6 - WEATHER WARNING EC 19.05.2025

Abenkonzo yemozulu eMzantsi Afrika bakhuphe isilumkiso sika level 2 wemozulu engentlanga eMpuma Koloni, ukususela ezinzulwini zobusuku bangomso. Imisinga yomoya obandayo kulindeleke idlule kweli phondo, isuka kwelaseNtshona Koloni. Yimimandla eliqela ezakuthi ichaphazeleke kweli phondo, kuquka nomasipala ombaxa iNelson Mandela Bay. To hear more about the weather warnings, on the line we are now jo...

NEWS REVIEW- EC Unemployment stats a bloodbath of jobs. 19.05.2025

Baqabele kumawaka angamashumi asibhozo abasebenzi abalahlekelwe yimisebenzi kwiinyanga ezintathu zokuqala zonyaka ka 2025,  kwiphondo leMpuma Koloni. Oku kuthetha ukuba ngoku iqondo lentswela-ngqesho kwiphondo lifikelele kumyinge wamashumi amathathu anethoba ekhulwini (39%), ukusuka kumyinge we 36-point-6 Percent kwiinyanga ezintathu zokugqibela zonyaka ophelileyo. La ngamanani akhutshwe lizi...

Elderly sbilings shooting in the Eastern Cape 17.05.2025

Usapho lweenkondekazi ezimbini ezizalwa kunye, nezidutyulwe zabulawa ngethuba zilele kwikhaya lazo elikwi lali yase Upper Ncera ngaphandle kwase Dikeni eMpuma Koloni, lumemelela kwii arhente zonyanzeliso mthetho ukuba zikhawulezise uphando lwazo ukuze kohlwaywe abo banesandla ekubhubheni kwesisibini. Unobangela woluhlaselo nolwenzeke ngobusuku bangoMvulo awukaziwa, kwaye akukho mntu ubanjiweyo ngo...

30 MINUTES LIVE - Minister of Higher Education and Training has withdrawn the appointment of SETA board chairpersons 16.05.2025

Umphathiswa wesebe lemfundo ephakamileyo noqeqesho uGqirha Nobuhle Nkabane, usirhoxisile isigqibo sokuchongwa koosihlalo beebhodi zee-arhente eziphantsi kweli sebe, i-Sector Education and Training Authority, iSETA. Esi sigqibo silandela isankxwe nezityholo ezikhoyo zokuba kubekho ifuthe lezopolitiko ekuchongweni kwabagqatswa kwezi zikhundla. Abanye babantu abathe bachongwa kwezi bhodi, ziinkokheli...

TRUNEWS @6 - SASSA cautions its beneficiaries to be careful of fake news on grants 15.05.2025

I-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika, iSASSA ngamafuphi, ithi ixhalabile ziingxelo ezibubuxoki nezilahlekisayo ngale arhente, neenkonzo zayo, nezisasazwa phantse yonke imihla.  I-SASSA ithi kufuneka ithi gqolo ilungisa ulwazi olungachanekanga olusasazwa ngabantu abangenabuso, abanjongo zabo ikukulahlekisa, ukubangela uloyiko, nokudala ithemba elingeyonyani kubaxhamli beenkonzo...

TRUNEWS @6 - South African government expects the highest level of decorum from US President Donald Trump 15.05.2025

Umphathiswa kwi-ofisi kamongameli, uKhumbudzo Ntshavheni, uthi urhulumente weloMzantsi Afrika ulindele intlonipho ekwiqondo eliphezulu kumongameli waseMelika, uDonald Trump.  Umongameli uCyril Ramaphosa uzakube etyelele ilizwe laseMelika kwiveki ezayo. Iingxelo ezibubuxoki zokoxuthwa komhlaba, nezingangqinisiswanga zokubulawa kwesininzi sabamhlophe kweli lizwe, kwa nokufuduka kwabantetho isis...

More than 80,000 workers lost their jobs in the EC in the first three months of 2025 15.05.2025

Kulahleke imisebenzi engapha kwamashumi asibhozo amawaka eMpuma Koloni kwiKota yokuqala ka-2025. Oku kuvezwe liziko leenkcukacha-manani, uStats SA, nalapho liveze ukuba iqondo lentswela-ngqesho kwiKota yokuqala eMzantsi Afrika, lenyuke layakuma ku-39.3%. Abantu abatsha eMzantsi Afrika, kuquka nalapha ephondweni, ngabona baninzi abangaphangeliyo. UAyabonga Kekana uncokole nothethela uRhulumente wep...

Artists march to the Union Buildings 14.05.2025

Amawaka amagcisa, abasebenzi bezenkcubeko, nabashishina kwelicandelo, babambe uqhankqalazo namhlanje ebekulindeleke ukuba luqale kwi Union buildings lusingise kwii ofisi zesebe lezobugcisa nenkcubeko, nalapho iinkokheli zalomngcelele bezizakunikeza uxwebhu lwezikhalazo kwi ofisi kamongameli nomphathiswa. Oku kulandela ukungaxoli nokuxhalaba kwalamagcisa yinto abathi kukufeda kulawulo kwelicandelo,...

30 MINUTES LIVE - USA RAMAPHOSA 14.05.2025

Kwindibano noonondaba, umongameli waseMelika uDonald Trump, uthe kwiveki ezayo bazakuhlangana neenkokheli zelizwe loMzantsi Afrika. Izolo, bagaleleke eMelika abemi boMzantsi Afrika abamhlophe abantetho isisibhulu, nabathe bafaka izicelo zokuba ziimbacu kwelalizwe kuba besithi baya calucalulwa. Urhulumente woMzantsi Afrika uyigxekile lenkqubo, kwaye uyichaza njengenyathelo eliphenjelelwa zezopoliti...

30 MINUTES LIVE NPA APPEAL 13.05.2025

Igunyabantu lezotshutshiso kwisizwe, i-NPA, lithi lizakubhena ngakwisigwebo seNkundla ePhakamileyo yase-Gqeberha eye yamfumanisa engenatyala uMfundisi uTimothy Omotoso, nabanye abarhanelwa ababini. Kwinyanga ephelileyo, u-Omotoso nabarhanelwa ababini bahlanjwe kuwo nke amatyala abebetyatyekwa wona aquka ukudlwengula, ukushishina ngabantu nokuzenzela imali ngondlela mnyama. Oku kuza emva kokuba uJa...

Police-Population ratio in the South African context 12.05.2025

EMzantsi Afrika iPolisa elinye lithwaliswe uxanduva lokujongana nabahlali abangapha kwamaKhulu amane. Oku akuhambelani nommiselo we-United Nations othi iPolisa elinye malijongane nabahlali abangamaKhulu amabini anamashumi amabini. Iingcali zikubona oku njengomngeni obangela amaPolisa angakwazi ukwenza umsebenzi wawo ngokupheleleyo ngenxa yoxinzelelo. Asondele ku-two-hundred thousand amaPolisa aqes...

NEWS REVIEW-EC Educ MEC Fundile Gade 11.05.2025

Kwiveki esiyishiyayo umphathiswa wezemfundo eMpuma Koloni uFundile Gade ubekhwebe indibano noonondaba kwiziko i Mandla Makuphula eMonti, nalapho ebenikezela ingxelo ngomqela osele wenziwe lisebe lakhe kwiKota yokuqala kunyaka-mfundo ka 2025. Kule ndibano uGade unikezele iinkcukacha mayela nendlela abaqhube ngayo abafundi beMatric ephondweni, kwiKota yokuqala yalo nyaka ze wadandalazisa namaphulo o...

Rhodes University installs underground boreholes 10.05.2025

Iziko elibizwa i-Institute for Water Research kwiDyunivesiti iRhodes, livelise isicwangciso esiyimpumelelo sokusebenzisa amaqula amanzi angaphantsi komhlaba, ukukhawulelana nomba wokushokoxeka kwamanzi kwela ziko-mfundo.  Ulwakhiwo lwamaqula amatsha aluzukuphucula kuphela ubonelelo lwamanzi kule Dyunivesiti, koko luzakucutha nokuxhomekeka kwayo kumanzi kamasipala.  UNandipha Plaatjie use...

Tsolo community to get their land back 10.05.2025

Usekela mongameli u Paul Mashatile nomphathiswa wesebe leenguqu kwezomhlaba u Mzwanele Nyhontso, banikezele ngeziqinisekiso zobunini mhlaba kwiindawo ezimbini zokuhlala ku Tsolo eMpuma Koloni. Oku njenge nxalenye yokuphawula iminyaka engamashumi amathathu susela ukumiselwa komthetho ongqamene nokubuyiselwa kwamalungelo obunini mhlaba. Ezindawo zimbini zoohluthwa lomhlaba kwiminyaka engamashumi asi...

30 MINUTES LIVE - BHF 09.05.2025

Ibhodi yabaxhasi bezonyango, i-Healthcare Funders, isamkele isigwebo esiwiswe yinkundla ephakamileyo yaseMntla Gauteng, ngomba womthetho we-insurance yonyango kazweloke, iNHI. Esi sigwebo sinyanzelisa umongameli uCyril Ramaphosa ukuba acacise ngelokuba ufikelele njani kwisigqibo sokutyikitya lo mthetho. Oku, umongameli kufuneka ekwenze zingekapheli iintsuku ezilishumi. U-Ayabonga Kekana emnxebeni...

30 MINUTES LIVE - DA CADRE 08.05.2025

I-DA ithi iza kubhena ngakwisigwebo senkundla ephakamileyo yaseGauteng, nalapho le nkundla isikhabile isicelo salo mbutho sokuba umgaqo-nkqubo we-ANC ongqamene nokuqeshwa kwamaqabane kwizikhundla eziphezulu kurhulumente, uchazwe nje ngongahambelaniyo nomgaqo-siseko weli lizwe. Isicelo se-DA sikhatywe neendleko yila nkundla.  Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umhlaluty...

Poslouchej podcast trufm Current Affairs v Replaio

Rádio a podcasty v jedné aplikaci - zdarma a bez registrace. Nainstaluj si ji ještě dnes a nepropásni premiéru

Stáhnout z Google Play

Replaio není vydavatelem podcastů; názvy pořadů, obálky a audio patří jejich autorům a šíří se přes veřejné RSS kanály