SABC News

trufm Current Affairs

News EN ↓ Epizody: 1036

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.

Určitě navštivte web podcastu a podpořte jeho tvůrce: www.sabcnews.com

Autor

SABC News

Kategorie

News

Web podcastu

www.sabcnews.com

Nejnovější epizoda

31. říj 2026

Kde poslouchat?

Podcasty v aplikaci Replaio Radio Už brzy

Podcasty míří do aplikace už brzy. Nainstaluj si ji teď a jako první uvidíš úplně nový pohled na podcasty

Stáhnout z Google Play Nainstaluj zdarma Android téměř 10 mil. stažení · hodnocení 4,8 iOS už brzy

Epizody

NEWS REVIEW - Disability inclusivity 17.11.2025

NgeyoMnga kunyaka ka-2014, owayesakuba ngumphathiswa wezemfundo, uAngie Motshekga, wapasisa umgaqo-nkqubo ogxile ekuhloleni, ekuphawuleni, ekuvavanyeni nasekuxhaseni abafundi bonke beloMzantsi Afrika. Iinjongo zoku ikukuqinisekisa ukuba bonke abantwana abakwiminyaka yokuhamba isikolo, nabahlangabezana nemingeni ekubeni bakwazi ukufunda, kuquka abo baphila nokhubazeko, bakwazi ukufikelela kwimfundo...

30 MINUTES LIVE - E-hailing services in Gqeberha have embarked on a shutdown in the Nelson Mandela Bay Metro 14.11.2025

Abenkonzo yothutho i e-hailing eGqeberha bazibandakanye kwimigushuzo nebangele ukuba zingabikho iinkonzo abazinikezelayo namhlanje. Ezinye zezinto abazikhalazelayo, lukhuseleko, imivuzo engonelanga kwakunye neengxaki abajamelene nazo kwiinkampani abazisebenzelayo. Kwezi nyanga zigqithileyo iSebe lezothutho lifake kumqulu karhulumente umthetho-sihlomelo obizwa iNational Land Transport Amendment Act...

30 MINUTES LIVE - Senzo Meyiwa murder trial continues 14.11.2025

Liyaqhuba ityala lokubulawa konozinti weqela lesizwe iBafana Bafana, uSenzo Meyiwa, kwinkundla ephakamileyo esePitoli. Ngaphambili, uJaji Ratha Mokgoatlheng uye wayalela ukuba umtyholwa wesihlanu kweli tyala, uFisokuhle Ntuli, athunyelwe kwiziko lezonyango, khon' ukuze afumane unyango, kulandela ukufika kwakhe emva kwexesha enkundleni kusasa izolo, enxibe iimpahla zamabanjwa, hayi ezakhe, etyhola...

30 MINUTES LIVE - HPWL organisation hosts a World Peace Summit in Nelson Mandela Bay 14.11.2025

Umbutho iHeavenly Culture, World Peace, Restoration of Light, iHWPL ngamafutshane, kulindeleke ubambe ingqungquthela ngale mpelaveki, nenjongo yayo ikukubamba iingxoxo nabanye abathath'inxaxheba, malunga neendlela zokuqubisana nodushe olungqamene nokusetyenziswa kwemipu, impatho-mbi esekelezelwe kwisini kwakunye nokusetyenziswa ngokugqithisileyo kweziyobisi, logama bekwakhuthaza ubunye noxolo kuma...

Update on 153 Palestinians who travelled to South Africa as refugees 14.11.2025

Amanda Xhala spoke with Gift of the Givers volunteer, Sarah Oosthuizen, on the 153 Palestinians who travelled to South Africa as refugees.

30MinutesLive-A two-day Inclusive Education Indaba in EC 13.11.2025

ISebe lezemfundo kwiphondo iMpuma Koloni, belibambe indibano entsuku-mbini ebizwa i-Inclusive Education Indaba, kumasipala ombhaxa iBuffalo City. Le ndibano ibigxile kwiinguqu kwicandelo lezemfundo, ngelokuqinisekisa umakulinganwe, nokufikeleleka kwemfundo esemgangathweni kubo bonke abafundi, ingambi abo baneemfuno ezikhethekileyo zezemfundo. UAyabonga Kekana speaks with Head of Therapeutic Suppor...

Bus attack at eNgcobo Eastern Cape. 13.11.2025

UMphathiswa wezothutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha, ulukhalimele uhlaselo kwibhasi ehamba imigama emide, nolushiye kubhubhe umkhweli konzakala abanye ababini. Le bhasi yakwaMakalala Trans, ibisuka eMthatha isiya eKapa, ngethuba ihlaselwa kwindlela uR61 phakathi kweCofimvaba neNgcobo, emva kwemini izolo. Umqhubi wesibini uphakathi kwabonzakeleyo. Ukuva banzi ngesisehlo, emnxebeni sinaye othethela...

30 MINUTES LIVE - Allegations that learners are being held back deliberately at Soqhayisa SS School in Motherwell, Gqeberha 11.11.2025

Abanye abazali babafundi besikolo samabanga aphakamileyo iSoqhayisa esiseMotherwell eGqeberha, batyhola esi sikolo ngokubambezela abantwana babo abathi abaqhubi kakuhle kuba kusithiwa bazakuchaphazela iqondo lempumelelo yesikolo. Esi sikolo saziwa ngokuqhuba kakuhle ingakumbi kwiziphumo zematriki. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli elandela eli nqaku, uAnda Nqonji... 

30 MINUTES LIVE - South Africa to manufacture its first vaccine from scratch in over 50 years 11.11.2025

Kungekudala uMzantsi Afrika uzakuzivelisela isigonyo sechiza lokuthintela isifo sotyatyazo, iCholera. Oku kubhengezwe lisebe lezempilo kuzwelonke ngokusebenzisana nesebe lobunzulu-lwazi, ubuchwepheshe kunye nokuqulunqwa kwamavela-tanci. Nangona iCholera ingesosifo esigqugqisayo nje kweli, kodwa zibakho iziganeko eziye zothuse zokuqhambuka kwaso; maxa wambi sisube nemiphefumlo. Emnxebeni kungokunje...

NEWSREVIEW INITIATE 10.11.2025

Iziko lemfundo ephakamileyo i Walter Sisulu University nendlu yobukhosi iNyandeni Great Place, zisungule ngokubambisana iphulo elibizwa ,Sibuyisela Umdlanga Komkhulu ("Returning the Spear to the Great Place"). Eliphulo lijolise ekunciphiseni ukubhubha okungandingekiyo kubantwana abangamakhwenkwe ngexesha lolwaluko. Lamaziko anethemba lokufezekisa oku kunyaka u 2027. Injongo yalenkqubo kukubandakan...

30 MINUTES LIVE - The Basic Education has launched the Funda Uphumelele National Survey (FUNS) 10.11.2025

UMzantsi Afrika ujamelene nomngeni wabafundi bakwaGrade 4 abangakwazi ukufunda ngengqiqo, nabaqikelelwa ku-81 percent. Oku kwavela kuphando olwalukhutshwe ngonyaka ka2021. UMzantsi Afrika ukwindawo yamashumi amahlanu anesixhenxe kwihlabathi, xa kuthethwa ngalo mba. Namhlanje, iSebe lemfundo esi siseko lisungula uphando olwaziwa nge-Funda Uphumelele National Survey, nolucacisa ngokuphangaleleyo nge...

30 Minutes Live - The South African Human Rights Commission in the Eastern Cape subpoenas National Treasury and Eastern Cape to the National Director-General of the Eastern Cape Rural Development and Agrarian Reform. 06.11.2025

Ikomishoni yamalungelo oluntu eMpuma Koloni izolo ibikhwebe isebe lophuhliso lwasemaphandleni kunye ne-ofisi kaNondyebo, ukuba bavele phambi kwabo ngelokumamela inkqubela yezicwangciso zabo bengurhulumente, ukuba baqubisane nomngeni wokungondleki kwabantwana ephondweni. Ikomishoni inenkolelo yokuba nangona nje yayikhuphe ingxelo ebonisa ubuzaza balo mngeni ngo-2023, neyayineziphakamiso okanye izin...

MKP Deputy President has been suspended and ordered to cease all activities relating to the party. 06.11.2025

Unqunyanyisiwe njengosekela-mongameli nenkokheli ye MK Party epalamente, uGqirha John Hlophe. Oku kulandela isigqibo sakhe sokufaka uDes Van Rooyen kwisikhundla sikaCollen Makhubele sokuba ngumbhexeshi wala mbutho, epalamente ngempelaveki. Kwingxelo ekhutshwe ngulo mbutho, uHlophe usithathe esi sigqibo engafakananga milomo neenkokeli zalo mbutho. Ayabonga Kekana umbambe udliwanondlebe nomhlalutyi...

30 MINUTES LIVE - Commission for Gender Equality cites poor oversight, lack of accountability and inadequate resources in Eastern Cape units 05.11.2025

Ngokwengxelo yekomishoni kamakulinganwe ngokwesini ( CGE), kuvele ukusilela kwizinto eziliqela kumaziko eThuthuzela eMpuma Koloni, kuquka ulawulo olugwenxa nokungabikho kwezixhobo zokusebenza. Amaziko eThuthuzela asekwe ukunceda nokuxhasa amaxhoba ajongene nempatho mbi esekelezelwe kwisini kunye nokuxhatshazwa ngokwesondo. Ukuva banzi ngale ngxelo, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela le ko...

30 MINUTES LIVE - Is it a sign of a healthy democracy to have over 500 political parties or is it democracy overdose? 05.11.2025

Ingaphezulu kwamakhulu amahlanu imibutho yezopolitiko ebhaliswe kwikomishoni ezimeleyo yonyulo, ngaphambi konyulo oluzakubanjwa phakathi kwenyanga yeNkanga ( November) 2026, neyoMqungu ( January) 2027. Oku kuvakaliswe yiIEC ngethuba ibinikezela ingxelo ngomgama abasele bewuhambile ukulungiselela unyulo. Ingaba iyadingeka imibutho emininzi? Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yonyulo,...

Data from the Reuters Institute Report indicate that more people rely on Facebook for news content, compared to any other social media platforms 03.11.2025

 Ingxelo ekhutshwe yi-Reuters Institute, ibonisa ukuba abantu basebenzisa kwaye bathemba iqonga lonxibelelwano u-Facebook ukufumana iingxelo zeendaba kunye nolwazi abaludingayo. Ngumyinge ka-50 percent wabantu abathi bathemba u-Facebook, ngethuba umyinge ka-16 percent wona usithi uthemba iqonga elibizwa ngo-X nowayengu-Twitter. Enye into le ngxelo eyivezileyo kukuba abantu bathemba kakhulu iz...

NEWS REVIEW - We discuss the proposed Maternal Support Grant meant to help pregnant women meet basic needs. 03.11.2025

Ukuxhaswa koomama ngemali ngexesha besakhulelwe kungaphucula impilo nokondleka kukamama nosana olungekazalwa, kwehlise uxinizelelo abanalo umama ozithweleyo, kwehlise iimpawu zokudandatheka ngokwasengqondweni, ixhala nokuzalwa kwabantwana abangondlekanga. Olu luluvo lwemibutho engekho phantsi kukarhulumente, nememelela ukuxhaswa ngemali koomama abazithweleyo, iMaternal Support Grant okanye iMSG ng...

INTERCHANGE - The Eastern Cape provincial legislature held a public engagement to address challenges in public health facilities in the Nelson Mandela Bay Metro 01.11.2025

ISebe lezempilo kwiphondo iMpuma Koloni, linesicwangciso sokuguqula isibhedlele esijongene nesifo sephepha, iEmpilweni eGqeberha, ibe sisibhedlele sesithili. Oku kukukhawulelana nenkxalabo esele inethuba ivakaliswa luluntu yokuphuphuma ngokugqithisileyo kweekliniki nezibhedlele. Indlu yowiso-mthetho yephondo, ithethane noluntu ukuqubisana nemingeni yokungafikeleli kunyango olusemgangathweni kumazi...

INITIATION TRAINING 31.10.2025

Urhulumente wephondo i Mpuma Koloni kunye neenkokheli zemveli, usungule iphulo elizakuqeqesha iingcibi namakhankatha abantwana abasesuthwini. Isebe lentsebenziswano kulawulo lukarhulumente lithi oluqeqesho luzakuquka nongenelelo lwezempilo kwelisiko lolwaluko. Oku kwenziwa nangoko elisiko lijamelene nemingeni efana nokungakhathalelwa kwabantwana, impatho mbi, ukunxanwa nokubethwa kwabantwana phaka...

Pressure is mounting to do away with deputy ministers 30.10.2025

Ziyakhula izimemelelo zokuba zipheliswe izikhundla zoosekela baphathiswa emva kokuvela ukuba kuphele unyaka oosekela baphathiswa bamapolisa ababini bengakhange banikwe msebenzi, uzakuba luxanduva lwabo. Ebutsheni baleveki usekela mphathiswa wamapolisa, uCassel Mathale, uxelele ikomiti yethutyana yasepalamente ukuba umphathiswa wamapolisa okwikhefu elikhethekileyo, uSenzo Mchunu, akakhange abanike...

NEWSREVIEW-Political Wrap 28.10.2025

Zibeliqela iindaba ezibengundaba-mlonyeni kwezopolitiko kule veki siyiqukumbelayo, nesingakhange sikwazi ukuba sijonge kuzo. Owayesakubangumongameli weli uJacob Zuma uyalelwe yinkundla ukuba ahlawule imali engapha kwe-28 million rands yeendleko zomthetho nawazihlawulelwa ngumbuso kwityala ajamelene nalo elibandakanya intengo yezixhobo. Umbutho i-Afrika Mayibuye wona ugxothe usekela mongameli wawo...

SAHPRA officially registered Lenacapavir, a long-acting injectable medicine for HIV 28.10.2025

UMzantsi Afrika kungekudala uzakubanechiza elisisitofu sokuthintela ulosuleleko lwentsholongwane i-HIV. Oku kulandela ukubhaliswa nokupasiswa kwesi sitofu iLenacapavir ngokusesikweni, ngukhala olawula usetyenziso lwamachiza kweli, iSouth African Health Products Regulatory Authority. Esi sitofu ixesha elide besisetyenziswa eMelika kuphela, kwaye sixabisa imali eninzi kakhulu ukuba ilizwe lingasithe...

Human trafficking accused denied bail 27.10.2025

INTRO: Inkundla kaMantyi eMonti eMpuma Koloni, imalele ibail usekela-nqununu, uVuyokazi Gana, otyholwa ngokurhwebesha amantombazana aselula ewathembisa ngamathuba emisebenzi, kanti uzakuwafaka kushishino lokuthengisa ngomzimba. UGana kutyholwa ngokuba konke oku ebekwenza kumzi wakhe eQuigney, eMonti. Inkundla igwebe ngelithi ukuba anganikwa ibheyile lonto ingabeka emngciphekweni ubomi babantu aban...

Former Police Minister, Bheki Cele, says he is of the opinion that the appointment of Riah Phiyega as Police Commissioner in 2012 was a deliberate attempt to weaken SAPS 25.10.2025

Owayesakuba ngumphathiswa wamapolisa uBheki Cele uthi unembono ethi ukuqeshwa kuka Riah Phiyega njengomkomishinala wamapolisa ngo2012 yayililinge langabom lokuthibaza inkonzo yesipolisa. UCele unika ubungqina kwikomiti yethutyana yepalamente, esekelwe ukuqwalasela izityholo zongenenelelo loonqevu, urhwaphilizo, nopolitiko kwinkqubo yezobulungisa. Ezizityholo zenziwe ngumkomishinala wamapolisa eKZN...

30 MINUTES LIVE - Optism as SA awaits its FATF grey list verdict 23.10.2025

Ilizwe loMzantsi Afrika lilinde ngabomvu isigqibo se Financial Action Task Force, iFATF ngamafuphi, ngokubhekiselele ekukhutshweni kweli lizwe kuluhlu lwamazwe ekusemngciphekweni ukwenza nawo ushishino. Olu luluhlu lwamazwe angenankqubo zomeleleyo zokuthintela ukugudiswa kwemali eze ngondlela-mnyama, kuquka nokuxhaswa kwezenzo zobunqolobi. UMzantsi Afrika wafakwa kolu luhlu ngeyoMdumba ngonyaka ka...

Poslouchej podcast trufm Current Affairs v Replaio

Rádio a podcasty v jedné aplikaci - zdarma a bez registrace. Nainstaluj si ji ještě dnes a nepropásni premiéru

Stáhnout z Google Play

Replaio není vydavatelem podcastů; názvy pořadů, obálky a audio patří jejich autorům a šíří se přes veřejné RSS kanály